bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 12
Romans 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
1
NDIYANIKUNGA ngoko, bazalwana! ngezibele zikatixo, ukubaniyimisele imizimba yenu ibe lidini elipilileyo, elingcwele, elikolekileyo kutixo, okusisikonzo senu esifanelekileyo:
2
nize ningalinganisani nelilizwe likoyo, niti nibe nenziwe ngakumbi ngokuhlaziywa kwoluvo lwenu, ukuba niqiqe into iyiyo intando katixo elungileyo, ekolekieyo, efezekileyo.
3
Ngokuba ndisiti, ngalo ufefe endanikwa lona, kubo bonke abakoyo pakati kwenu, mabangakumbuli ngokupezulu koko bafanele ukukumbula ngako, koko mabakumbule ngokutelekelela, njengokuba utixo wabele abanye ngabanye isilinganiselwa sokolo.
4
Ngokuba kwa njengokuba sinawo amalungu amaninzi emzimbeni mnye, kanti amalungu akanawo umsebenzi mnye onke;
5
kwa njalo tina, sibaninzi nje, singumzimba mnye ku‐Kristu, namalungu omnye nomnye ngabanye.
6
Kekaloku sinazo izipiwo ngezipiwo ngowofefe esanikwa lona nje, nokuba bubuprofitesho, masoprofiteshe ngokwesaci sokolo lwetu;
7
nokuba bubukonzi, masisebenze ebukonzini betu: nokuba ngofundisayo, makahlale ekufundiseni kwake;
8
nokuba ngoyalayo, ekuyaleni kwake: owabayo, makenje njalo ngesisa; opatayo, ngokuku̔tala; owenza ngobubele, ngokucwayita.
9
Utando lwenu malube lolungazenzisiyo. Zondani okukohlakeleyo; namatelani kokulungileyo.
10
Ekutandeni abazalwana, yibani nobubele omnye kwomnye; ekubekeni, yenzani ngokupangelana;
11
ekuku̔taleni, ninganqeni; zondelelani emoyeni; konzani enkosini;
12
vuyani etembeni; nyamezelani ebunzimeni; zingisani ekutandazeni;
13
yabelani intswelo zabangcwele; nxamelani imbuko yabasemzini.
14
Tamsanqelisani abo banitshutshisayo: tamsanqelisani, ningqalekisi ke.
15
Vuyani nabo bavuyayo, nilile nabo balilayo.
16
Yibani nokuvumelana omnye nomnye. Ningamyamekeli izinto ezipakamileyo, niti nitobele kwezitobekileyo. Ningaziqa̔yiseli ngobulumko.
17
Ningavuzi mntu ngobubi ngenxa yobubi. Yazalelelani izinto ezifaneleyo ebusweni babantu bonke.
18
Ukuba kungenzeka, maniti okungecala lenu nixolane nabantu bonke.
19
Ninggazipindezeleli ngokwenu, batandwa! niti ninike indawo kuwo umsindo; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Kukokwam ukupindezela, kwobuyekezwa ndim; utsho uyehova.
20
Ngako xeshekweni utshaba lwako lulambayo, lufunzele; xeshekweni lunxanwayo, luseze: ngokuba usenje njalo uya kufumba amalahle omlilo pezu kwentloko yalo.
21
Ungoyiswa kokukohlakeleyo, uti ukwoyise okukohlakeleyo ngokulungileyo.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16