bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 2
Romans 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 3 →
1
NGAKO oko akunakulandula, mntundini! ungosukuba egweba: ngokuba ngoko umgweba omnye umntu ngako, uzigweba wena ngokwako; ngokuba izinto ezikwa zizo uzenza wena ugwebayo.
2
Kekaloku siyazi ukuba umgwebo katixo ungokwenyaniso ngakubo abazenzayo izinto ezinjalo.
3
Nawe, mntundini! ubagwebayo abo bazenza izinto ezinjalo, xa uzenza kwa zona, uyatelekelelisa oku na, ukuba uya kusinda emgwetyweni katixo?
4
uyabudela kusinina ubutyebi bobubele bake nonyamezelo lwake nokuzeka kade kwake; ungazi ukuba ububele bukatixo buyakukokela eluguqukweni?
5
uze uti ngokwobulukuni bako nentliziyo engenakugqoboka uzibekele umsindo emhleni womsindo nokutyilwa kwokugweba okulungileyo kukatixo:
6
oya kuvuza abanye ngabanye ngokwemisebenzi yabo;
7
abo ke abati ngokuba nomonde ekwenzeni okulungileyo bafune ubungewalisa, nembeko, nokungaboli, ngobomi obungunapakade:
8
kodwa kubo abanenkani, abangalulameli inyaniso ke, koko belulamela okungalungileyo, kwobako ingqumbo nomsindo,
9
imbandezelo nobunzima, pezu kwayo yonke imipefumlo yabantu abakwenza okukohlakeleyo, kwa eyama‐Juda kuqala, neyama‐Girike;
10
kodwa kwobako ubungcwalisa, nembeko, noxolo, kubo bonke abakwenza okulungileyo, kwa kuwo ama‐Juda kuqala, nakuwo ama‐Girike:
11
ngokuba kungeko ukuketa abantu kuye utixo.
12
Ngokuba bonke abonileyo bengenamteto beya kububa kwa bengenamteto; kanjako bonke abonileyo bepantsi kwomteto baya kugwetywa ngomteto:—
13
ngokuba kungengabo abapulapuli bomteto abalungile pambi kwotixo, kungabo abenzi bomteto abaya kugwetyelwa:
14
ngokuba okuya abaheyideni, abangenamteto, bazenza ngemvelo izinto zomteto, aba, nakuba bengenamteto, bangumteto kwa kubo ngokwabo;
15
ekubeni babonakalisayo umsebenzi womteto oba̔liweyo ezintliziyweni zabo, isazeliso sabo sinqi̔nelana nawo, nenkumbulo zabo ezinye nezinye zibanika ityala, okanye zibatetelela:—
16
emhleni nxa utixo aya kugweba izinto ezifihlakeleyo zabantu ngo‐Yesu Kristu njengokwevangeli yam.
17
Kangela, wena uyabizwa ngokuti ungum‐Juda, uyayama pezu kwomteto, uyaqa̔yisa kutixo,
18
uyayazi intando yake, uyaziqiqa izinto ezigqitiseleyo, ufundiswa nje emtetweni;
19
kanjalo uyatembela ukuba wena ngokwako ungumkokeli wemfama, ukanyiso lwabasebumnyameni,
20
umluleki wabazidenge, umfundisi wentsana, unesimilo sokwazi nesenyaniso emtetweni:
21
wena ngoko ofundisayo omnye, akuzifundisi na? wena ushumayelayo ukuba makungebi̔wa, uyeba̔ na?
22
wena utshoyo ukuti makungaṙexezwa, uyaṙexeza na? wena uzitiyayo izitixo, uyazipanga itempile na?
23
wena uqa̔yisayo emtetweni, uyamdela utixo na ngokugqita umteto?
24
Ngokuba igama likatixo ligxekwa pakati kwabaheyideni ngenxa yenu, njengokuba kuba̔liwe.
25
Ngokuba ukwaluka kunceda okunene, xeshekweni uwenza umteto; kodwa xeshekweni ungumgqiti womteto, ukwaluka kwako kwenziwe ukungaluki.
26
Xeshekweni ngoko onokungaluki ayibamba imimiso yomteto, ukungaluki kwake akuyi kubalwa na ngokuba kukwaluka?
27
Kanjalo onokungaluki ngokuvela, ukuba uyafeza umteto, akayi kugweba wena yinina, oti ngegama nangokwaluka ungumgqiti womteto?
28
Ngokuba engengum‐Juda, lowo unguye ngokupandle; kanjako akukukwaluka, oko kupandle enyameni:
29
koko engum‐Juda, lowo unguye ngokupakati; nokwaluka kukokwentliziyo, emoyeni, kungesegameni; okukudunyiswa kungaveli ebantwini, kuvela kutixo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16