bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 6
Romans 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
1
SOTI nina pofu? Somana ukuma esonweni na, ukuze ufefe lwandiswe?
2
Kwanga kungebe njalo! Tina safayo ngakwisono, soti nina ukuba sisahlala kuso?
3
Anazi na, ukuba sonke tina sabapitizeshelwayo ku‐Kristu Yesu sabapitizeshelwa ekufeni kwake?
4
Sancw̔atyelwa ngoko kunye naye ngako ukubapitizeshwa ekufeni kwake; ukuze ke, njengokuba u‐Kristu ebevuswa kwabafileyo ngabo ubungcwalisa boyise, siti kwa njalo nati sihambe ekuhlaleni okutsha.
5
Ngokuba okunene, ukuba sibe sihlanganisiwe naye ekufaneni kwokufa kwake, soba njalo nakokwokuvuka kwake:
6
oku sikwazi nje, ukuba umntu wetu omdala wakuruseshwa kunye naye, ukuze umzimba wesono utshatyalaliswe, size tina singabi sakonza esonweni.
7
Ngokuba lowo ufileyo ekululwe esonweni.
8
Kekaloku ukuba safa kunye no‐Kristu, siyakolwa ukuba siya kuti kanjalo sidle ubomi kunye naye:
9
sisazi ukuba u‐Kristu evusiwe nje kwabafileyo akasafi; ukufa akusenabukosi pezu kwake.
10
Ngokuba ukufa wakufayo, wafela isono kwa kanye; kodwa ubomi abudlayo, uyabudlela utixo.
11
Kwa njalo nani zibaleni ukuba nifile ngakuso isono, kodwa nisidla ubomi ngakuye utixo, ku‐Kristu Yesu inkosi yetu.
12
Masiti ngoko isono singapati ubukosi emzimbeni wenu onokufa, ukuba nisilulamele ezinkanukweni zawo.
13
Kanjako ningamiseli esonweni amalungu enu ukuba zimpahla zokungalungileyo; koko zimiseleni kutixo njengokuba nihleli nivukile kwabafileyo, namalungu enu niwamisele kutixo ukuba zimpahla zobulungisa.
14
Ngokuba isono singayi kuba nabukosi pezu kwenu: ngokuba ningepantsi kwomteto, koko nipantsi kwofefe.
15
Yinina pofu? siya kwona na, kuba singepantsi kwomteto, koko sipantsi kwofefe? Kwanga kungebe njalo!
16
Anazi na, ukuba lowo nizimisela kuye ukuba zizicaka zoku m va, nizizicaka zake enimvayo; nokuba zezesono kube kukufa, nokuba zezokuva bube bubulungisa?
17
Kodwa makubulelwe kutixo ukuba, nangona nibe nizizicaka zesono, neva noko ngentliziyo umlinganiselo wofundiso enaninikelwe kuwo;
18
naza nati, nikululekisiwe kuso isono nje, nenzwa izicaka ebulungiseni.
19
Ndiyateta njengokwabantu ngenxa yobulwelwe benyama yenu. Ngokuba njengokuba amalungu enu nawamisela ukuba zizicaka ekunco̔leni nasekukohlakaleni kube kukukohlakala, kwa njalo kaloku miselani amalungu enu ukuba zizicaka ebulungiseni kube bubungcwele.
20
Ngokuba okuya nibe nizizicaka zesono, nibe nikululekile kubo ubulungisa.
21
Nibe ninesiqa̔mo sinina pofu oko, ngezozinto nizidaneleyo ngoku? ngokuba isipelo sezozinto, kukufa.
22
Kodwa kaloku nikululekisiwe kuso isono, nenzwa izicaka kutixo nje, ninesiqa̔mo senu ngasebungcweleni; nesipelo, ninobomi obungunapakade.
23
Ngokuba umvuzo wesono ukukufa; kodwa isipo sofefe sikatixo sibubomi obungunapakade ngo‐Yesu Kristu inkosi yetu.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16