bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 8
Romans 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
1
NGAKO kaloku akuko kugwetywa kwabo bakuye u‐Kristu Yesu, abati bangahambi ngokwenyama, koko bahambe ngo kwomoya.
2
Ngokuba umteto womoya wobomi kuye u‐Kristu Yesu undikululekisile kuwo umteto wesono nowokufa.
3
Ngokuba oko umteto ubungenamandla ukukwenza, ekubeni ububutataka ngayo inyama, utixo etumile owake unyana ekufaneni kwenyama yesono, nangenxa yesono, wagweba isono enyameni;
4
ukuze ummiso womteto uzalisekiswe kuti, tina siti singahambi ngokwenyama, koko sihambe ngo kwomoya.
5
Ngokuba abo banjengokwenyama benyamekela izinto zenyama; kodwa abo banjengo kwomoya banyamekela izinto zomoya.
6
Ngokuba inyamekelo yenyama ikukufa; kodwa inyamekelo yomoya ibubomi noxolo.
7
Ngokokuba inyamekelo yenyama ibutshaba ngakuye utixo: ngokuba ingalulameli emtetweni katixo, ingenje njalo kambe kanjako.
8
Abo basenyameni ke abangemkolise utixo.
9
Kodwa nina anisenyameni, koko ni kumoya, ukuba ke umoya katixo umi kuni. Kodwa ukuba umntu akanaye umoya ka‐Kristu, yena lo akangowake.
10
Kekaloku ukuba u‐Kristu ukuni, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa umoya ububomi ngenxa yobulungisa.
11
Nokuba umoya walowo wamvusayo u‐Yesu ekufeni umi kuni, yena owavusa u‐Kristu ekufeni woyidlisa ubomi kwa imizimba yenu enokufa ngaye umoya wake omiyo kuni.
12
Ngako ke, bazalwana! singabanetyala, kungekuyo inyama, ukuba sihlale ngokwenyama.
13
Ngokuba niza kuti, ukuba niyahlala ngokwenyama, nife; kodwa, ukuba niti ngomoya nibulale izenzo zomzimba, niya kudla ubomi.
14
Ngokuba bonke abakokelwayo ngumoya katixo, bona aba bangonyana bakatixo.
15
Ngokuba ningawamkelanga umoya wobukoboka kubuye koyikwe; koko nawamkelayo umoya wobunyana, esiti kwa kuwo sibize ngokuti: Aba. Bawo!
16
Yena umoya ngokwake uyanqi̔nelana nomoya wetu, okokuba silusapo lukatixo.
17
Kekaloku ukuba silusapo, sizindlalifa kanjalo; sizindlalifa katixo, nendlalifa kunye no‐Kristu; ukuba ke siyeva intlungu kunye naye, ukuze senzelwe ubungcwalisa kwa kunye naye.
18
Ngokuba nditelekelelisa ukuba intlungu zelixesha lakaloku nje aziluto zakulinganiswa nobobungcwalisa buza kutyilwa kuti.
19
Ngokuba ukulangazelela kwokudalwa kulinda ukutyilwa kwonyana bakatixo.
20
Ngokuba ukudalwa bekubekwa pantsi kwokungendawo, (bekungengokuvuma kwako, bekungenxa yalowo wakubekayo pantsi,) ngetemba,
21
ukuba kwa kona ukudalwa kuya kukululekiswa ebukobokeni bolwonakalo, kungeniswe kuyo inkululeko yobungcwalisa bosapo lukatixo.
22
Ngokuba sisazi ukuba konke ukudalwa kugula kunenimba kwa kunye kude kube kaloku nje.
23
Kunge njalo ke kodwa, koko kanjako tina ngokwetu, esinalo ulibo lwomoya, kwa tina ngokwetu siyagula pakati kwetu, silinda ukumiswa kwobunyana, ukukululwa kwomzimba wetu.
24
Ngokuba sisindiswe ngetemba: kodwa itemba elibonwayo alililo itemba; ngokuba oko akubonayo umntu, kuyinina ukuba unako nokukutembela?
25
Kodwa ukuba oko esingakuboniyo siyakutembela, siyakulinda ngomonde.
26
Ngokunjalo ke nomoya uyanceda izilwelwe zetu: ngokuba singazi ukuba singe sitandazela nto nina njengoko kufanelekileyo; kodwa yena umoya ngokwake uyasitetelela ngezigulo ezingatetekiyo.
27
Naye lowo uzipengululayo intliziyo uyazi into iyiyo inyamekelo yomoya, ukuba ebatetelela abangcwele njengako ukutanda kukatixo.
28
Kanjako siyazi ukuba kwabo batanda utixo zonke izinto ziyasebenza kunye kube kokulungileyo, kwabo bangababiziweyo ngokwemvume yake.
29
Ngokuba abo wabaziyo pambili, wabamisela kwa pambili ukuba bafane nomfanekiso wonyana wake, ukuze abe ngowamazibulo pakati kwabazalwana abaninzi:
30
nabo wabamiselayo pambili, bona aba wababiza kanjalo: nabo wababizayo, bona aba wabagwebela kanjalo: nabo wabagwebelayo, bona aba wabenzela ubungcwalisa kanjalo.
31
Soti nina ngoko ngezizinto? Ukuba utixo ungecala letu, ngubanina oya kwalana nati?
32
Lowo ke ongamyekanga owake unyana, koko wamnikelayo ngenxa yetu sonke, kungati nina ukuba akayi kusipa nakunye naye izinto zonke?
33
Ngubanina oya kumisa ityala ngakubo abaqashwa bakatixo? Utixo nguye ogwebelayo;
34
ngubanina lowo ugwebayo? U‐Kristu nguye owafayo, ewe pezu kwoku, o buye wavuka kanjalo, okwa ngasekunene kwotixo, ositetelelayo kanjako.
35
Ngubanina oya kusahlula elutandweni luka‐Kristu? yimbandezelo na, bubunzima na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuzé na, yingozi na, liṙele na?
36
Njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ngenxa yako siyabulawa imini yonke; sasibalwa ngokuba zigusha zokuxe̔lwa.
37
Kuloko kwezizinto zonke sigqitisile nasekwoyiseni ngaye lowo wasitandayo.
38
Ngokuba ndikoliwe ukuba kwa nokufa, nobomi, nengelosi, nabanegunya, nabanamandla, nezinto ezikoyo, nezinto eziza kubako,
39
nobude, nobunzulu, nesinye isidalwa esisimbi, aziyi kuba nako ukuba zingasahlula elutandweni lukatixo, olukuye u‐Kristu Yesu inkosi yetu.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16