bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 4
Romans 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 5 →
1
Pofu siya kuti nina u‐Abrahame ubawo wetu ufumene ngokwenyama?
2
Ngokuba u‐Abrahame ukuba wagwetyelwa ngemisebenzi, unako angaqa̔yisa ngako: koko engenako pambi kwotixo:
3
ngokuba isiba̔lo sisiti nina? u‐Abrahame wakolwa ngutixo, kwaza kwambalelwa kube kukulunga.
4
Kekaloku lowo usebenzayo, umvuzo awumbalelwa ukuba ngofefe, koko ukuba ngetyala;
5
kodwa lowo ungasebenziyo, koko ekolwa kulowo ugwebela abangabedeshiyo, ukolo lwake luyambalelwa lube kukulunga.
6
Kwa njengokuba no‐Davide exela ubutamsanqa balomntu utixo abalelayo kuye ukulunga ngapandle kwemisebenzi,
7
esiti: Banetamsanqa abazigqito zixolelweyo, nabazono ziselelweyo;
8
unetamsanqa umntu uyehova angabaleli kuye isono.
9
Obubutamsanqa ke butetwa pezu kwabanokwaluka na, butetwa napezu kwabanokungaluki kusinina? ngokuba sisiti ukolo lwabalelwa u‐Abrahame lube kukulunga.
10
Lwatiwa nina ke ukubalwa? akuba ebesekwalukeni, akuba ebesekungalukini, kusinina? Ebengesekwalukeni, ebesekungalukini.
11
Waza wamkela upa̔u lwokwaluka, isincamatiselo sokokulunga kwokolo abenalo ekungalukini kwake: ukuze abe nguyise wabo bonke abakolwayo besekungalukini; ukuba ukulunga kubalelwe kubo nabo;
12
noyise wabanokwaluka, kwabangengabo basekwalukeni kodwa, koko kwabati kanjalo bahambe emikondweni yokolo lwobawo wetu u‐Abrahame abenalo ekungalukini kwake.
13
Ngokuba bekungengawo umteto idinga labek elwa u‐Abrahame nenzalo yake, lokokuba abe yindlalifa yelizwe, bekungako ukulunga kwokolo.
14
Ngokuba abo basemtetweni ukuba bazindlalifa, ukolo lwenziwe into engento yanto, nedinga litshitshisiwe:
15
ngokuba umteto uzuzisa umsindo; ngokuba apo kungeko kona umteto, kungeko nesigqito.
16
Ngenxa yoku ilifa lelaselukolweni, ukuba libe ngofefe; ukuze idinga libe liqinisekile kuyo yonke inzalo, kungabi kuleyo yasemtetweni yodwa, kube nakuleyo yaselukolweni luka‐Abrahame; ongubawo wetu sonke,
17
(njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ndikwenzile uyise wentlanga ezininzi,) ebusweni balowo tixo wakolwa kuye, oti abadlise abafileyo ubomi, abize izinto ezingekoyo njengokuba ziko:
18
owati lakugqita itemba wakolwa ngetemba, ukuba abe nguyise wentlanga ezininzi, njengoko kube kutshiwo: Yoba njalo inzalo yako.
19
Kanjako engebutataka ekukolweni, akakumbulela owake umzimba obusel’ ufile, epants’ ukuba yiminyaka elikulu ubudala bake, kwa nokufa kwesizalo sika‐Sara:
20
nedinga likatixo akalitandabuzela ngokungakolwa; koko womelezekayo ekukolweni, enika utixo udumo,
21
ekolisile ukukolwa kanjalo ukuba oko akubekele ngedinga unamandla nokukwenza.
22
Kwaza ngoko ke kwambalelwa kube kukulunga.
23
Kekaloku kwakungaba̔lwa ngenxa yake yedwa, ukuti kwambalelwa;
24
koko kwaba̔lwa nangenxa yetu, ekuya kusibalelwa, tina bakolwayo kulowo owavusa u‐Yesu inkosi yetu ekufeni;
25
owanikelwa ngenxa yeziposo zetu, waza wavuswa ngenxa yokugwetyelwa kwetu.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16