bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 13
Romans 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 14 →
1
MAYITI yonke imipefumlo ilulamele kumagunya apezulu kuyo: ngokuba kungeko gunya, kupela elivela kutixo; lomagunya akoyo amisiwe ngutixo.
2
Yena ngoko ozimisa ngakulo igunya, uyamelana nesimiselo sikatixo: kanjalo abo bamelayo baya kuzamkelela umgwebo.
3
Ngokuba abapati bengesisoyikiso kuyo imisebenzi elungileyo, basiso kuyo ekohlakeleyo. Utanda ke na ukuba ungabi nakwoyika lona igunya? yenza oko kulungileyo, wauya kuzuza udunyiswa kwa kulo:
4
ngokuba umpati engumkonzi katixo kuwe kube kokulungileyo. Kodwa xeshekweni ukwenza oko kukohlakeleyo, yoyika; ngokuba engafumani apate isiṙele: ngokuba engumkonzi katixo, umpindezeli kube ngumsindo kulowo ukwenza okukohlakeleyo.
5
Ngako oko nifanelwe kukuba nilulamele, kungengenxa yomsindo kodwa, kungenxa yesazeliso kanjako.
6
Ngokuba ngenxa yoku kanjalo ninikela iminikelo: ngokuba bengabakonzi bakatixo, behlala besebenza kwa lento.
7
Nikelani ngoko kubo bonke oko kufanele bona: ube ngumnikelo ko fanele umnikelo; ibe yincamlo ko fanele incamlo; lube lulwoyiko ko fanele ulwoyiko; ibe yimbeko ko fanele imbeko.
8
Ningabi netyala lanto emntwini, kupela libe lelokutandana; ngokuba otandayo omnye umntu efezile umteto.
9
Ngokuba oku: Akuyi kuṙexeza; akuyi kubulala; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki; akuyi kunqwenela; nokuba kuko omnye umyalelo, uyafinyezelwa kwesisiteto, kwesokuti: Uyakutanda ummelwane wako njengokuzi tanda kwako.
10
Utando alwenzeli ummelwane ububi: ngako utando lukukufezwa kwomteto.
11
Nako oku masikwenze, silazi ixesha nje, lokokuba lise lilixeshana lokuba sivuke ebutongweni: ngokuba kaloku nje usindiswa lukufupi kuti ngakumbi kokuya saba ngamakolwa.
12
Ubusuku buza kudlula; imini ke iyasondela, masiti ngoko sibeke nxamnye imisebenzi yobumnyama, sambate izixo̔bo zokukanya.
13
Masihambe ngokufanelekileyo, njengasemini; kungabi ngemihlali yobusuku nangokunxila, kungabi ngemipimiso nangobutshinitshini, kungabi ngepike nangozondo.
14
Koko yambatani inkosi u‐Yesu Kristu, nize ningayazaleleli inyama uku feza inkanuko zayo.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16