bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 14
Romans 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 15 →
1
LOWO ke obutataka elukolweni mamkeleni, kungabi ngenxa yokwahlulwa kwempikiswano kodwa.
2
Omnye uyakolwa kukuba angatya into zonke: yena kodwa obutataka uyatya imifuno.
3
Otyayo makangamdeli ongatyiyo; kanjako ongatyiyo makangamgwebi otyayo: ngokuba utixo emamkele.
4
Ungubanina wena ugwebayo isicaka somnye? kukuyo eyaso inkosi ukuma kwaso umhlaumbi ukuwa kwaso. Kodwa siya kumiswa; ngokuba utixo enamandla ukusimisa.
5
Omnye uyabuka enye imini ngapezu kwenye; omnye uyabuka zonke imini. Mabati abanye ngabanye bakolise ukukolwa kwezabo izimvo.
6
Oyinonelelayo imini, uyayinonelelela inkosi; kanjalo ongayinoneleliyo imini, akayinoneleleli inkosi: otyayo, uyatyela inkosi, ngokuba ebulela kutixo; kanjalo ongatyiyo, akatyeli inkosi, ebulela kutixo naye.
7
Ngokuba kungeko namnye kuti ozidlelayo ubomi ngokwake; kanjako akuko namnye ozifelayo ngokwake.
8
Ngokuba naxeshekweni sidlayo ubomi, sibudlela inkosi; naxeshekweni sifayo, sifela inkosi: ngako nokuba siyadla ubomi, nokuba siyafa, singa benkosi.
9
Ngokuba ngenxa yoku u‐Kristu wafa, wavuka, wabuya wapila, ukuba abe yinkosi neyabafileyo neyabahleliyo.
10
Kodwa wena, yinina ukuba ugwebe umzalwana wako? kanjalo nawe, yinina ukuba udele umzalwana wako? ngokuba siya kuti sonke sime pambi kwesihlalo sokugweba sika‐Kristu.
11
Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Ndihleli nje, utsho uyehova, otoba kum onke amadolo, zenze imvumo kutixo zonke ilwimi.
12
Ngako ke sonke ngabanye sozipendulela kutixo.
13
Masingabi sagwebana ngoko; niti ngokukumbi nigwebe ukuti aniyi kubekela umzalwana isiku̔bekiso nesiwiso.
14
Ndiyazi, ndiyakolwa kanjalo, kuyo inkosi u‐Yesu, ukuba akuko nto enco̔lileyo ngokwayo: kupela kulowo ubalayo into ukuba inco̔lile, inco̔lile kuye yena.
15
Kodwa ukuba ngenxa yokudla umzalwana wako uyadaniswa, akusahambi ngokwotando. Ungambubisi ngokudla kwako lowo u‐Kristu wamfelayo.
16
Makungagxekwa ke ukulunga kwenu:
17
ngokuba ubukumkani bukatixo bungekukutya nokusela, bububulungisa, noxolo, novuyo kumoya oyingcwele.
18
Ngokuba oti kwezizinto akonze u‐Kristu, ekolekile kutixo, enokubukwa nangabantu.
19
Ngako ke masiputume izinto zoxolo, nezinto eziyelela ukumiswana.
20
Ungawuci̔ti ngenxa yokudla umsebenzi katixo. Zonke izinto okunene zicocekile; noko kukohlakele kulowamntu otyayo ngokuku̔bekisa omnye.
21
Kulungile ukuba ungatyi inyama, nokuba ungaseli iveyine, nokuba ung enzi nto ati ngayo umzalwana wako aku̔bekiswe, umhlaumbi axakaniswe, umhlaumbi abe butataka.
22
Wena uba nokolo na? yiba nalo kwa kuwe ngokwako pambi kwotixo. Unetamsanqa lowo ungazigwebiyo kuko oko akubukayo.
23
Kodwa yena otandabuzayo, xeshekweni atyayo usel’ egwetywa, kuba enga tyi ngokolo: nako konke okungengokolo, kusisono.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16