bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 15
Romans 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
1
Kanjalo tina banamandla sifanelwe kukutwala ubutataka babaswel’ amandla, singazikolisi.
2
Masiti sonke ngabanye sikolise abamelwane betu ngoko ku ba lungele kube kukumiswa.
3
Ngokuba no‐Kristu ebengazikolisi; koko, njengokuba kuba̔liwe: Izituko zabo babetuka wena zawa pezu kwam.
4
Ngokuba konke okube kuba̔liwe pambili bekuba̔lelwe okwetu ukufundiswa, ukuze siti ngawo umonde nolwonwabiso lweziba̔lo sibe netemba.
5
Wanga ke utixo womonde nolwonwabiso anganinika okokuba nibe nokuvumelana omnye nomnye njengokuka‐Kristu Yesu:
6
ukuze kwa ngentliziyo nye niti ngomlomo mnye nimdumise yena utixo noyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu.
7
Ngako oko yamkelanani, njengokuba no‐Kristu wasamkela tina, kube kukudunyiswa kukatixo.
8
Nditi kekaloku, u‐Yesu Kristu wenziwe umkonzi wolwaluko, ngenxa yenyaniso katixo, kuze kuqiniswe amadinga abebekelwa oyise:
9
bati ke abaheyideni badumise utixo ngenxa yobubele bake; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ngenxa yoku ndobulela kuwe pakati kwabaheyideni, ndicule egameni lako.
10
Uti nakanjako: Vuyani, baheyideni! kunye nabantu bake.
11
Nakanjako: Dumisani uyehova, nonke nina baheyideni! nimbonge, nonke nina zizwe!
12
Nakanjako, u‐Yisaya uti: Kwobako ingcambo ka‐Jese, novukayo ukuba yinkosi pezu kwabaheyideni; kwa kuyo yona abaheyideni baya kutemba.
13
Wanga ke utixo wetemba anganizalisa ngalo lwonke uvuyo noxolo ekukolweni, nize nikolise ukwanda etembeni, ngamandla omoya oyingcwele.
14
KEKALOKU ndikoliwe ngani, bazalwana bam! kwa mna ngokwam, ukuba nani ngokwenu nizele kukulunga, nizalisiwe kuko konke ukwazi, ninamandla okululekana kanjako.
15
Kodwa ndiba̔lile ngokukalipileyo ngakumbi kuni, bazalwana! ngenxenye, njengonikumbuzayo, ngenxa yofefe endanikwa lona ngutixo,
16
ukuba ndibe ngumkonzi ka‐Yesu Kristu ukuya kubaheyideni, ndisenza isikonzo somperisite evangelini katixo, ukuze ukunikelwa kwabaheyideni kube kukolekile, kungcwalisiwe ngomoya oyingcwele.
17
Ndingaqa̔yisa ngoko ku‐Yesu Kristu ngezozinto zilunge kutixo.
18
Ngokuba ndingayi kuka ndilinge ukuteta ngezozinto angazenzanga u‐Kristu ngam, kuze kuviwe ngabaheyideni, ngelizwi nangesenzo,
19
emandleni emiqondiso nemimangaliso, emandleni omoya katixo; ndide ndati kwa kuyo i‐Yerusaleme nendawo ezipahlayo kwada kwase‐Lirikume, ndakolisa ukushumayela ivangeli ka‐Kristu;
20
ndizamela kodwa ukuba ndenje nje ukuyishumayela, kungabi lapo u‐Kristu wa sele kankanyelwa kona, ukuze ndingaki pezu kwokuseka kwomnye umntu;
21
koko, njengokuba kuba̔liwe: Abo kwakungatyelwanga nto ngaye kubo baya kubona; nabo bangevanga baya kuqonda.
22
Ngako oku kanjalo ndibe nditintelwa futi kangaka ekuzeni kuni.
23
Kodwa kaloku nje, ndingasenayo indawo kulamazwe, ndinesilangazelelo kanjako leminyaka mininzi sokuba ndize kuni,
24
xeshekweni kusukuba ndihambela e‐Sipene, ndoza kuni: ngokuba nditemba ukunibona ekudluleni kwam, nokupelekelelwa nini ngakona, xeshekweni nditi kuqala ngenxenye ndikoliswe nini.
25
Kodwa kaloku nje ndiyahambela e‐Yerusaleme, ndikonza abangcwele.
26
Ngokuba kwanga kulungile kwabase‐Masedoniya nakwabase‐Akaiya, ukwenzela amahlwempu pakati kwabangcwele abase‐Yerusaleme umnikelo otile.
27
Kwanga kulungile kubo; kanjalo banetyala kuwo. Ngokuba abaheyideni ukuba babelwe izinto zawo ezibumoya, bafanelwe kuko nokuba bakonze kuwo ezintweni ezibunyama.
28
Ndiya kuti ngoko, nxa ndikufezile oku, nanxa ndisiqinisele kuwo isiqa̔mo esi, ndibuye ngani ukuya e‐Sipene.
29
Kanjalo ndiyazi ukuba ndoti, ndakuza kuni, ndize ekuzaleni kwetamsanqa levangeli ka‐Kristu.
30
Kekaloku ndiyanikunga, bazalwana! ngayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, nangalo utando lwomoya, ukuba nizame kunye nam ekunditandazeleni kutixo;
31
ukuze ndihlangulwe kubo abangevayo e‐Judeya; nokuze ukonzo lwam olwenzelwa i‐Yerusaleme lube lukole kile kwabangcwele;
32
ukuze ndize ngovuyo kuni ngayo intando katixo, ndifumane ukupumla kunye nani.
33
Wanga ke utixo woxolo angaba nani nonke. Amene.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16