bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 10
Luke 10
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 11 →
1
Ke kaloku, emveni kwezi zinto, iNkosi yabalula yamisela abanye kanjalo abamashumi asixhenxe, yabathuma ngababini ngababini phambi kobuso bayo, kuyo yonke imizi neendawo ebiza kuya kuzo yona.
2
Yayisithi ngoko kubo, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa; khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.
3
Hambani; niyabona, mna ndinithuma njengeemvana phakathi kweengcuka.
4
Musani ukuphatha ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, yaye ningabulisi mntu endleleni.
5
Endlwini enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu.
6
Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, lobuyela kwakuni.
7
Hlalani ke kuloo ndlu, nisidla nisela izinto abanazo; kuba umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuphuma niye kwindlu ngendlu.
8
Emzini ke enisukuba ningena kuwo, banamkele, yidlani izinto abazibeka phambi kwenu;
9
Niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.
10
Emzini ke enithe nangena kuwo, baza àbanamkeli, phumani niye ezitratweni zawo, nithi,
11
Kwanothuli lomzi wenu oluncamileyo, siyaluvuthululela kuni; noko ke kwazini oko, ukuba busondele kuni ubukumkani bukaThixo.
12
Ke ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom ngaloo mini, kunokwaloo mzi.
13
Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi, ihleli ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini.
14
Kodwa koba nokunyamezeleka okweTire nokweTsidon ngomgwebo kunani.
15
Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo.
16
Lowo univayo uva mna; Lowo unigibayo, ugiba mna; lowo ke ugiba mna, ugiba owandithumayo.
17
Babuya ke abamashumi asixhenxe bevuya, besithi, Nkosi, needemon ezi zisithobele egameni lakho.
18
Uthe ke kubo, Bendimbona uSathana njengombane esiwa ezulwini.
19
Niyabona, ndininika igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alo utshaba; kanjalo akukho nto ingakhe inenzakalise.
20
Noko ke maningakuvuyeli oku, kokuba oomoya benithobele; yithini kanye ke kugcobani; ngokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.
21
Ngelo lixa wagcoba uYesu ngomoya, wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba; ngokuba ezi zinto uzifihlile kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana; ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo.
22
Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, nguYise yedwa; nokuba ungubani na uYise, nguNyana yedwa, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela.
23
Wathi guququ kubafundi bakhe, wathi ngasese, Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo.
24
Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo abazibona; nokuva izinto enizivayo, anaziva.
25
Kwabonakala kusuka umqondisi-mthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?
26
Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ufunda njani?
27
Waphendula ke wathi, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela, nommelwane wakho njengoko uzithanda ngako.
28
Uthe ke kuye, Uphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi.
29
Ke yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam?
30
Uphendule ke uYesu, wathi, Umntu othile wayesihla evela eYerusalem, esiya eYeriko. Wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba iingubo, zamngxwelerha, zemka, zimshiya engathi uza kufa.
31
Ke kaloku kwathi, kwehla mbingeleli uthile ngaloo ndlela, wathi akumbona wacezela phaya.
32
Kwangokunjalo ke nomLevi, akufika kuloo ndawo, weza wambona, wacezela phaya.
33
Uthe ke umSamariya othile, eseluhambeni lwakhe, wafika kuye;
34
Waya kuye, wawabopha amanxeba akhe, egalela ioli newayini, wamkhwelisa eqegwini lakhe, wamsa endlwini yabahambi, wamonga.
35
Akumka ngengomso, warhola iidenariyo zambini wanika umninindlu, wathi kuye, Uze umonge; nento othe wadleka kuyo, ndokubuyekeza ekubuyeni kwam.
36
Nguwuphi na kwabo bathathu ngoko, othi wena, waba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?
37
Uthe ke yena, Ngulowo wamenzela inceba. Wathi ngoko uYesu kuyo, Hamba uye kwenjenjalo nawe.
38
Ke kaloku kwathi, ekuhambeni kwabo, yena wangena mzini uthile, yathi ke intokazi ethile egama linguMarta, yamamkela ngobubele endlwini yayo.
39
Yaye ke inodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zikaYesu, waliphulaphula ilizwi lakhe.
40
uMarta ke yena wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi. Wema ke kufuphi wathi, Nkosi, akukhathali na, kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndedwa? Yitsho kuye ukuba andincede.
41
Waphendula ke uYesu wathi kuye, Marta, Marta, uzixhalabise ngezinto ezininzi;
42
Inye yona into efunekayo; uMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24