bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 21
Luke 21
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 22 →
1
Waza wabona izityebi ziphosa iminikelo yazo emkhumbini wokulondoloza imali.
2
Wabona ke mhlolokazi uthile ulihlwempu, ephosa apho iimalanana ezimbini.
3
Wathi, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke;
4
Kuba bonke aba baphose eminikelweni kaThixo, bethabatha kwintabalala yabo; ukanti lo, ekusweleni kwakhe, uphose yonke impilo abenayo.
5
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba abathile bayathetha ngayo itempile, ukuba ihonjiswe ngamatye amahle nangeminikelo, wathi,
6
Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
7
Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? uya kuba yintoni na umqondiso, xa ezo zinto ziya kubakho?
8
Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; ixesha lisondele; musani ukubalandela ngoko.
9
Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; kodwa isiphelo asiyi kuba kwaoko.
10
Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.
11
Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.
12
Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunisa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.
13
Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni.
14
Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningakucingi ngaphambili ukuziphendulela.
15
Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo.
16
Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo; bathi inxenye kuni babulawe;
17
niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.
18
Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni yenu.
19
Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu.
20
Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo.
21
Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni; nabaphakathi kwawo mabaphume bemke; nabasemaphandleni mabangangeni kuwo.
22
Kuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo.
23
Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu ezweni, nengqumbo kwaba bantu;
24
Baya kuwa ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga.
25
Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; kugquma ulwandle namaza;
26
Abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo; kuba amandla ezulu aya kuzanyazanyiswa.
27
Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu.
28
Ke kaloku, zakubon’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu; kuba iyasondela inkululeko yenu.
29
Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo; Wukhangele umkhiwane nemithi yonke;
30
xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi.
31
Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo.
32
Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto.
33
Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula.
34
Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo.
35
Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleli phezu kwehlabathi lonke.
36
Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu.
37
Ke kaloku, emini ebefundisa etempileni; waphuma ebusuku, waya wahlala entabeni ekuthiwa yeyemiNquma.
38
Baye bonke abantu besiza kuye kwakusasa etempileni, ukuba bamve.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24