bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 14
Luke 14
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 15 →
1
Kwathi, akuba engene ngesabatha endlwini yomnye wakubaphathi babaFarisi, ukuba adle isonka, bahlala bemlalele bona.
2
Kwabonakala kukho phambi kwakhe mntu uthile unegalimoya.
3
Waza uYesu wathetha kubachazi-mthetho nabaFarasi, esithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha?
4
Bathi cwaka ke bona. Wamthabatha, wamphilisa, wamndulula;
5
Wabaphendula esithi, Ngubani na kuni othi, eneesile, nokuba yinkomo, yeyele emhadini, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha?
6
Ababa nako ukumphendula kwezo zinto.
7
Ke kaloku wathetha umzekeliso kwababemenyiwe, akugqala ukunyula kwabo izilili zobukhulu; esithi kubo.
8
Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye;
9
eze lowo ukumemileyo, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile.
10
Xa uthe wamenywa, hamba uye uhlale kweyona ndawo iphantsi, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla; wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.
11
Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.
12
Wayesithi ke nakulowo ummemileyo, Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize ibe yimbuyekezo kuwe.
13
Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama;
14
Woba nentsikelelo; ngokuba àbanako ukubuyekeza kuwe; kuba uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.
15
Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babehleli naye, wathi kuye, Unoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.
16
Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi.
17
Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba zonke izinto sezilungile.
18
Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka. Wathi owokuqala kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.
19
Wathi omnye, Ndithenge iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo.
20
Wathi omnye, Ndizeke umfazi, ngenxa yoko andinakuza.
21
Efikile loo mkhonzi, wayibikela ke inkosi yakhe ezo ndawo. Waqumba ke umninindlu, wathi kumkhonzi wakhe, Phuma kamsinya uye ezitratweni nakwizitrato zomzi, ungenise apha amahlwempu, nezilima, neziqhwala, neemfama.
22
Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeke njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo.
23
Yathi inkosi kumkhonzi, Phuma uye ezindleleni nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.
24
Kuba ndithi kuni, akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam.
25
Kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo.
26
Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam.
27
Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.
28
Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?
29
Hleze, akubon’ ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonayo baqale ukuhlekisa ngaye;
30
besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.
31
Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka?
32
Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo.
33
Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.
34
Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa?
35
Awuwulungele nomhlaba, awuwulungele nomgquba; kodwa abantu bayawukhupha. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24