bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 5
Luke 5
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 6 →
1
Ke kaloku kwathi, zakubon’ ukuba simxinile abantu, ukuba balive ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete.
2
Wabona imikhombe emibini imi ngasedikeni apho; baye ababambisi beentlanzi bephumile kuyo, behlamba iminatha yabo.
3
Uthe ke uYesu, engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba awuke akhwelise kancinane emhlabeni. Wahlala phantsi, wabafundisa abantu emkhombeni.
4
Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe.
5
Waphendula uSimon wathi kuye, Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha.
6
Bathi, bakukwenza oko, bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo.
7
Baza bakhweba abalingane babo ababekomnye umkhombe, ukuba beze kubancedisa. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona.
8
Ekubonile ke oko uSimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum; ngokuba ndiyindoda engumoni, Yehova;
9
Kuba wathi makatha, kwanabo bonke ababenaye, ngobanjiso lweentlanzi ezo bazibambisayo.
10
Kwakwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon. Wathi ke uYesu kuSimon, Musa ukoyika; uthabathela kweli xesha, uya kubambisa abantu.
11
Bakuba ke bezikhiphile izikhitshana, bashiya konke, bamlandela.
12
Kwathi ekomnye umzi, babona ngendoda ezele liqhenqa; yathi yakumbona uYesu, yawa ngobuso, yambongoza isithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.
13
Wasolula isandla, wamchukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lathi kwaoko iqhenqa lemka kuye.
14
Wayithethela ngelithi, mayingaxeleli bani; wathi, Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze idini, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, njengoko wamisayo uMoses, kube bubungqina kubo.
15
Kwaba kukhona luphuma udumo lwakhe; kwahlanganisana izihlwele ezikhulu, ukuze zimve, nokuba ziphiliswe nguye ebulwelweni bazo.
16
Waye ke yena emana ukuzisithelisa entlango, wathandaza.
17
Ke kaloku kwathi ngamini ithile wafundisa, kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, nelakwaYuda, naseYerusalem; ekhoyo ukubaphilisa.
18
Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu ofe umzimba, efuna ukumngenisa endlwini, ambeke phambi kwakhe.
19
Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yendimbane, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ke phakathi, amhlisa ngokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu.
20
Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, uzixolelwe izono zakho.
21
Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa?
22
Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu?
23
Okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka uhambe?
24
Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
25
Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo.
26
Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone imimangaliso namhlanje.
27
Emva kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele.
28
Ekushiye konke, wesuka wamlandela.
29
uLevi ke wamenzela itheko elikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho inkitha yababuthi berhafu nabanye abantu ababehleli ndawonye nabo.
30
Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni?
31
Uphendule uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo; kodwa ngabafayo.
32
Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.
33
Baza bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze imithandazo, benjenjalo nababaFarisi; kodwa abakho bayadla basele?
34
Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa anabo umyeni?
35
Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla.
36
Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo; Akukho ke ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye, wothi nentsha ikrazule, sithi nesiziba esitsha singavisisani nendala.
37
Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba.
38
Kodwa iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha; kwaye zombini zigciniwe.
39
Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko, kuba uthi, Endala yeyona inencasa.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24