bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 7
Luke 7
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 8 →
1
Ke kaloku, emveni kokuba ebewagqibile onke amazwi akhe, besiva abantu, wangena eKapernahum.
2
Kwaye kukho umkhonzi womthetheli-khulu othile, owabethandwa nguye, esifa, eza kubhubha.
3
Uthe ke akuva ngaye uYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaYuda, emcela ukuba eze kumphilisa umkhonzi wakhe.
4
Akufika ke kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi, Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko;
5
Kuba uyaluthanda uhlanga lwethu, wasakhela nendlu yesikhungu.
6
Wahamba ke uYesu nabo. Akubon’ ukuba ke akasekude endlwini, umthetheli-khulu wathuma izihlobo kuye, esithi kuye, Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam;
7
Kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize kuwe; thetha ngezwi lodwa, sophiliswa isicaka sam.
8
Kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; ndithi kweliya, Yiza, lize; nakumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.
9
Ezivile ke uYesu ezi zinto, wamangaliswa nguye, wajika, wathi kwindimbane ebimlandela, Ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.
10
Abo babethunyiwe babuyela endlwini, bamfumana umkhonzi obengumlwelwe ephilile.
11
Kwathi ngengomsomnye waya emzini ekuthiwa yiNayin; Kwaye kuhamba naye into eninzi yabafundi bakhe, nendimbane enkulu.
12
Ke kaloku, akusondela esangweni lomzi lowo, kwabonakala kuthwalelwa phandle umntu ofileyo, ekuphela konyana ozalwa ngunina; waye yena engumhlolokazi. Yaye nendimbane elingeneyo yomzi inaye.
13
Ithe ke iNkosi yakumbona, yasikwa yimfesane ngenxa yakhe, yathi kuye, Musa ukulila.
14
Yafika ke yalichukumisa ithala, bema ke ababethwele. Ithe ke yona, Mfana, ndithi kuwe, Vuka!
15
Wavuka wahlala umfi lowo, waza wathetha. Waza wamnikela kunina.
16
Baza bankwantya bonke, bamzukisa uThixo, besithi, Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu; nokuthi, uThixo ubavelele abantu bakhe.
17
Lwaphuma ke olo ludaba lungaye, lwahamba kwelakwaYuda liphela, nakuloo mmandla wonke.
18
Bazibika kuYohane abafundi bakhe zonke ezi zinto.
19
Ebizele kuye babini bathile kubafundi bakhe, uYohane wabathuma kuYesu esithi, Wena ungulowo uzayo na? okanye sikhangele enye?
20
Efikile kuye amadoda lawo, athi, uYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi, Wena ungulowo uzayo na, wena? okanye sikhangele enye?
21
Ke kaloku, kwangelo lixa, waphilisa abaninzi kuzo izifo, nakuzo izibetho, nakoomoya abakhohlakeleyo; wathi ke iimfama ezininzi wazibabala ukubona.
22
Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.
23
Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.
24
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bemkile abathunywa bakaYohane, waqala wathi kwisihlwele ngaye uYohane, Naye niphume nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?
25
Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yaye ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo eziqaqambileyo, badle ubuncwane, ngabasezindlwini zookumkani.
26
Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Umprofeti? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti.
27
Lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
28
Kuba ndithi kuni, Akukho namnye, kwabazelweyo ngabafazi, umprofeti omkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinanana kwabanye ebukumkanini bukaThixo, mkhulu kunaye.
29
Bathi bonke abantu, bakuva, nababuthi berhafu, bagwebela uThixo, bebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane.
30
Kodwa bona abaFarisi nabaqondisi-mthetho bazitshitshisela icebo likaThixo, kuba bengabhaptizwanga nguye.
31
Ithe ke iNkosi, Ndiya kubafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana? kwaye zifana nantoni?
32
Bafana nabantwana abahleli endaweni yembutho, bekhwazana besithi, Sanigwalela, naza anangqungqa; senze isijwili kuni, analila nina.
33
Kuba uzile uYohane umbhaptizi engadli sonka, engaseli wayini; nithi ke, Unedemon.
34
Uzile uNyana woMntu esidla, esela; nithi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni!
35
Kodwa ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo bonke.
36
Ke kaloku omnye umFarisi ubemcela ukuba adle naye; waza wangena endlwini yomFarisi lowo, wahlala phantsi.
37
Kwabonakala kukho mfazi emzini apho, obengumoni, esazi ukuba uYesu uhleli endlwini yomFarisi lowo, wazisa ihlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo.
38
Wema ezinyaweni zakhe ngasemva, elila; waqala ukuzinyela iinyawo zakhe ngeenyembezi, ezisula ngeenwele zentloko yakhe, ezanga kakhulu iinyawo zakhe, ezithambisa ngamafutha lawo.
39
Akukubona ke oko umFarisi lowo ubembizile, wathetha ngaphakathi kwakhe, esithi, Lo mntu, ukuba ube engumprofeti, ange esazi ukuba ngumfazi ongubani na, oluhlobo luni na, lo umchukumisayo; ngokuba ungumoni.
40
Uphendule uYesu wathi kuye, Hina, Simon, ndinendawo yokuthetha kuwe. Wathi ke yena, Mfundisi, yitsho.
41
Kwaye kukho mboleki-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye; omnye wayenetyala leedenariyo ezimakhulu mahlanu, omnye ke zimashumi mahlanu.
42
Bakuba ke bengenanto yokuhlawula, usuke wabaxolela bobabini. Ndixelele ngoko, nguwuphi na kubo oya kumthanda kakhulu?
43
Waphendula uSimon wathi, Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu. Wathi ke yena kuye, Ugwebe walungisa.
44
Wajika wakhangela kumfazi, wathi kuSimon, Uyambona na lo mfazi? Ndingene endlwini yakho, akundinikanga manzi eenyawo zam; ke yena uzinyele iinyawo zam ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zentloko yakhe.
45
Akundanganga wena; ke yena, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukuzanga kakhulu iinyawo zam.
46
Intloko yam akuyithambisanga ngaoli; ke yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo.
47
Ngenxa yoko ndithi kuwe, Izono zakhe uzixolelwe, bezizininzi; ke yena oxolelwe kancinane, uthanda kancinane;
48
Wathi ke kuyo, Zixolelwe izono zakho.
49
Baqala abo babehleli naye esithebeni ukuthi ngaphakathi kwabo, Ngubani na lo oxolela izono?
50
Wathi ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24