bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 23
Luke 23
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
1
Yesuka yonke inkitha yabo, yamrholela kuPilato.
2
Aza aqala ukummangalela, esithi, Simfumene lo elahlekisa uhlanga, engavumi ukuba kunikelwe irhafu kuKesare, esithi, unguye uKristu uKumkani.
3
Wambuza ke uPilato, esithi, Wena unguye na uKumkani wamaYuda? Waphendula ke wathi kuye, Nawe utsho.
4
Uthe ke uPilato kubabingeleli abakhulu nakwizihlwele, Andifumani tyala kulo mntu.
5
Kwaba kukhona ke bajokisayo, besithi, Uxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha.
6
Ke kaloku uPilato, akuva elaseGalili, wabuza ukuba umntu lo ngowaseGalili na.
7
Kwathi, akuqonda ukuba ungowolawulo lukaHerode, wamthumela kuHerode, owayeseseYerusalem naye ngelo xesha.
8
Ke kaloku uHerode, akumbona uYesu, wavuya kunene; kuba bekumzuzu ethanda ukumbona, ngenxa yokuba ebeve kuthethwa izinto ezininzi ngaye; wayethembe ukubona umqondiso usenziwa nguye.
9
Wayembuza ke amazwi amaninzi; kodwa akamphendulanga nento.
10
Bema ke ababingeleli abakhulu nababhali, bammangalela kabukhali.
11
uHerode ke, kwanempi yakhe, wamenza into engento, wadlala ngaye, wamthi wambu ngengubo eqaqambileyo, wamthumela kuPilato.
12
Kwangaloo mini baba zizihlobo ke uPilato noHerode; kuba ngenxa engaphambili babenobutshaba phakathi kwabo.
13
Uthe ke uPilato, ebabizele ndawonye ababingeleli abakhulu, nabaphathi, nabantu,
14
wathi kubo, Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna phambi kwenu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo;
15
KwanoHerode, kuba ndanithumela kuye. Niyabona, akenziwanga nto ifanelwe kukufa.
16
Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
17
Kuba umelwe kukuthi abakhululele abe mnye ngomthendeleko.
18
Bankqangaza bonke kwaoko, besithi, Msuse lo, usikhulule uBharabhas,
19
owathi ngenxa yesaqunge esithile esabakho phakathi komzi, nangenxa yokubulala, waphoswa entolongweni.
20
Waphinda ngoko uPilato wathetha kubo, efuna ukumkhulula uYesu.
21
Basuka ke bona bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni!
22
Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enze bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.
23
Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; Ayeyisa amazwi abo nezababingeleli abakhulu.
24
Waza uPilato wagweba ngelithi, makwenziwe ngokwesicelo sabo.
25
Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela uYesu ekuthandeni kwabo.
26
Kuthe ke xa bamrholayo, babamba Simon uthile, waseKirene, obevela emaphandleni; bawubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.
27
Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela.
28
Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu;
29
Kuba niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo, Banoyolo abaziidlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga.
30
Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nakwiinduli, Sigubungeleni.
31
Ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?
32
Ke kaloku baberhola nabanye abangabambi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye.
33
Bakufika kwindawo leyo kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo.
34
Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Babelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso.
35
Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.
36
Eza ke kuye amasoldati edlala ngaye, emnika iviniga,
37
besithi, Ukuba wena unguye uKumkani wamaYuda, zisindise.
38
Kwaye ke kubhalwe nombhalo phezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, lo nguKumkani wamaYuda.
39
Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise.
40
Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?
41
Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa; kuba thina samkela umvuzo wemisebenzi yethu; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo.
42
Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho.
43
uYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi.
44
Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwalilixa lesithoba.
45
Laba mnyama ilanga, lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini.
46
Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
47
Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa.
48
Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo.
49
Baye ke bonke abazana naye bemi kude, kwanabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto.
50
Kwabonakala kukho indoda egama linguYosefu, iphakathi; waye eyindoda elungileyo, elilungisa;
51
Yena waye engavumelananga necebo labo, nesenzo sabo; wayengowaseArimati, umzi wamaYuda, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo;
52
eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu.
53
Yawuthula, yawusongela kwilinen entle; yawubeka engcwabeni elixholwe etyeni, ekungazanga kulale bani kulo.
54
Ke kaloku loo mhla wawungowokulungiselela, nesabatha ibisondele.
55
Kwathi nabafazi ababehamba naye, bevela kwelaseGalili, balikhangela ingcwaba, nokubekwa komzimba wakhe.
56
Babuya ke, balungisa ubulawu namafutha aqholiweyo. Baphumla ngomhla wesabatha ngokomthetho.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24