bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 9
Luke 9
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
1
Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo.
2
Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.
3
Wathi kubo, Ningaphathi nto yandlela, namisimelelo, nangxowa yamphako, nasonka, namali; ningabi nangubo zangaphantsi ngambini;
4
Nendlu enithe nangena kuyo, hlalani khona, nimke khona.
5
Abo sukuba benganamkeli, yithini nakuphuma kuloo mzi, niluvuthulule nothuli ezinyaweni zenu, kube bubungqina oko kubo.
6
Bephumile ke, bayihambahamba imizi, bezishumayela iindaba ezilungileyo, bephilisa ezindaweni zonke.
7
Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, waziva zonke izinto ezenziwayo nguye;
8
kuthiwe ke ngabanye, Kubonakale uEliya; kuthiwe ngabanye, Kubuye kwavuka umprofeti wakuwo amanyange.
9
Wathi uHerode, uYohane mna ndamnqamla intloko; lo ke ngubani na, ndiva kuthethwa izinto ezinje ngaye? Wayefuna ke ukumbona.
10
Bebuyile abapostile, bamcacisela ukuba zinkulu kwezinto ababezenzile. Wabathabatha ke, wemka waya nabo ngasese kwindawo eyintlango yomzi ekuthiwa yiBhetesayida.
11
Sithe ke isihlwele, yakukwazi oko, samlandela; waza wabamkela, wathetha kubo ngobukumkani bukaThixo, wabaphilisa ababeswele ukuphila.
12
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba selithambekile ke ilanga, beza abalishumi elinababini, bathi kuye, Zindulule izihlwele, ukuze ziye emizini nasemaphandleni, zilale, zifumane ukudla; ngokuba sisentlango apha indawo.
13
Uthe ke yena kubo, Bapheni nina batye. Bathi ke bona, Asisenanto ingeyiyo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini; ngaphandle kokuba siye kubathengela inyama aba bantu bonke.
14
Kuba amadoda ngathi ayemawaka mahlanu. Wathi ke kubafundi bakhe, Bangqengqise babe ngamaqela ngamashumi ngamahlanu, babe ngamahlanu.
15
Benjenjalo, babangqengqisa bonke.
16
Ezithabathile ke izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wakhangela ezulwini, wazisikelela, waqhekeza; wamana enika abafundi, ukuba babeke ezihlweleni.
17
Batya bahlutha bonke, kwaza kwasuswa okuseleyo kubo izitya zamaqhekeza zalishumi elinazibini.
18
Ke kaloku kwathi, ekubeni ethandaza eyedwa, bantontelana kuye abafundi, wabuza kubo, esithi, Izihlwele ezi zithi ndingubani na?
19
Baphendula ke bona bathi, UnguYohane umbhaptizi; abanye ke bathi, NguEliya; abanye ke bathi, kubuye kwavuka umprofeti wakuwo amanyange.
20
Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uPetros wathi, NguKristu kaThixo.
21
Wabayala kalukhuni, ebathethela ngelithi, le nto mabangayithethi nakubani;
22
esithi, uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke.
23
Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke.
24
Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo.
25
Kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile?
26
Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele.
27
Ndithi ke kuni, Inene, kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo.
28
Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka wava entabeni, esiya kuthandaza.
29
Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela.
30
Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, angooMoses noEliya,
31
ababebonakala besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem.
32
Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye.
33
Ekwahlukaneni kwawo kuye, wathi uPetros kuye uYesu, Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya, engayazi into ayithethayo.
34
Kuthe ke esathetha kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho.
35
Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.
36
Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bagcina ke bona, ababikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile.
37
Kwathi ngengomso, bakubon’ ukuba bayehla entabeni, wahlangatyezwa sisihlwele esikhulu.
38
Kwabonakala kuvela indoda esihlweleni apho, yankqangaza isithi, Mfundisi, ndiyakukhunga, mbone unyana wam;
39
Uyabona, ubanjwe ngumoya, akhale ngesiquphe; isuke imkrazule, alenze amagwebu, kube nzima ukuba emke kuye.
40
Ndabakhunga ke abafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako.
41
Waphendula uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndikuni, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho.
42
Akubon’ ukuba useza ke, isuke idemon yamntlala, yambetha, wathi xhwenene kunene. Wawukhalimela uYesu umoya ongcolileyo, waphila umntwana, wambuyisela kuyise.
43
Bakhwankqiswa ke bonke bubungangamela bukaThixo. Bakubon’ ukuba bamangalisiwe bonke zizinto zonke awazenzayo uYesu, wathi kubafundi bakhe.
44
Wabekeleni nina iindlebe la mazwi; kuba uNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu.
45
Kodwa bona babengaliqondi eli, lizwi; laye lifihliwe kubo, ukuze bangaliboni. Babesoyika nokumbuza ngelo lizwi.
46
Kwabakho ke ukubuzana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo omkhulu;
47
Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye.
48
Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela owandithumayo; kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.
49
Uphendule ke uYohane wathi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina.
50
uYesu wathi kuye: “Musani ukumalela, kuba ongachasiyo ungecala lethu.
51
Ke kaloku kwathi, lakufika ixesha lokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem.
52
Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; baya ke, bangena kwidolophana yamaSamariya, ukuba bamlungiselele.
53
Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem.
54
Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo?
55
Wathi guququ, wabakhalimela, wathi, Anazi ukuba ningabomoya onjani na;
56
kuba uNyana woMntu engaze kutshabalalisa miphefumlo yabantu, uze kusindisa. Baza baya mzaneni wumbi;
57
Ke kaloku kwathi, bakubon’ ukuba bayahamba ngendlela, wathi othile kuye, Ndiya kukulandela, apho uthe waya khona, Nkosi.
58
Wathi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendlwana; yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko.
59
Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.
60
Wathi uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo.
61
Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele ndiye kuqala, ndiye kubulisa abo basendlwini yam.
62
Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24