bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 13
Luke 13
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 14 →
1
Ke kaloku kwaye kukho abathile ngelo xesha, ababembikela amaGalili, agazi uPilato waliphithikeza namadini awo.
2
Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba eve ubunzima obunjalo?
3
Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
4
Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem?
5
Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke.
6
Wathetha ke nalo mzekeliso; Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto.
7
Wathi ke kumsebenzi-sidiliya, Uyabona, ndiminyaka mithathu ndiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto; wugawule; yini na ukuba uwuqobe umhlaba?
8
Aphendule ke yena wathi kuye, Nkosi, wuyeke nangalo mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba.
9
Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wowuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wobuya uwugawule.
10
NgoMhla wokuPhumla wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu.
11
Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa.
12
Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho.
13
Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo.
14
Waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka, ngokuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi ebantwini, Mithandathu imihla ekufanele kusetyenzwa ngayo; yizani ke ngoko niphiliswe, kungabi ngesabatha usuku.
15
Yamphendula ke ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuyiseza?
16
Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha?
17
Akuba ezithethile ezi zinto, badaniswa bonke abachasene naye; zathi zonke izihlwele zavuya ngazo zonke izinto ezizukileyo ezenziwa nguye.
18
Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? ndiya kulifanisa nantoni na?
19
Bunjengokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; yahluma, yaba ngumthi omkhulu; zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo.
20
Wabuya wathi, Ndiya kubufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo?
21
Bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.
22
Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana ngemizana, efundisa, esinga eYerusalem.
23
Uthi ke omnye kuye, Nkosi, bambalwa na abasindiswayo? Wathi kubo.
24
Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.
25
Xa athe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nankqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, Nkosi, sivulele; Aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona;
26
Noqala nithi, Sadla, sasela, phambi kwakho, wafundisa nasezitratweni zethu.
27
Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga.
28
Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle.
29
Baya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi, bangqengqe ebukumkanini bukaThixo.
30
Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.
31
Kwangaloo mini kweza abaFarisi abathile, besithi kuye, Phuma umke apha, ngokuba uHerode ufuna ukukubulala.
32
Wathi kubo, Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze.
33
Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhlanje nangomso nangolandelayo, ngokuba akangekhe umprofeti atshabalale ngaphandle kweYerusalem.
34
Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! kufuthi kangakanani na ndithande ukubahlanganisela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma!
35
Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Inene, ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona, kude kube lixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24