bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 11
Luke 11
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 12 →
1
Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi omnye umfundi wakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe.
2
Wathi kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.
3
Siphe imihla ngemihla isonka sethu semihla ngemihla.
4
Sixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekuhendweni; usihlangule ebubini.
5
Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu;
6
kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe?
7
Aphendule lowo wangaphakathi athi, Musa ukundikhathaza; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike.
8
Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo.
9
Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.
10
Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.
11
Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka esikhundleni sentlanzi?
12
Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane?
13
Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
14
Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi, yakuphuma idemon, sathetha isisidenge; bamangaliswa abantu.
15
Kodwa abathile kubo bathi, Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon.
16
Baye ke bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma ezulwini.
17
Ke kaloku yena, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa.
18
Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule.
19
Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona.
20
Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.
21
Xa igorha lixhobile, lilinda ibhotwe lalo, impahla yalo iseluxolweni;
22
Xa lithe lafika igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha zonke izikrweqe zalo ebelikholose ngazo, liwabe amaxhoba alo.
23
Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha.
24
Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo.
25
Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe.
26
Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene ke bahlale khona; bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe.
27
Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni apho, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, namabele owawanyayo.
28
Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine.
29
Ke kaloku, zakubon’ ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti.
30
Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana.
31
Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
32
Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.
33
Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya.
34
Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; kodwa xa sukuba iliso lakho lingendawo, umzimba wakho uba bubumnyama.
35
Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama.
36
Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, uya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso.
37
Ke kaloku, akuba ethethile, umFarisi othile wayemcela ukuba aye komulela kuye. Ungenile ke wahlala phantsi.
38
Uthe ke akubona oku, umFarisi wamangaliswa kukuba engathanga kuqala ahlambe, phambi kokuba adle.
39
Yathi ke iNkosi kuye, Kungokunje, nina baFarisi nihlambulula umphandle wendebe nesitya; kodwa umbilini wakho uzele kukuphanga nokungendawo.
40
Ziyatha, lo wawenza ingaphandle akawenzanga na owangaphakathi?
41
Kodwa ke yenzani amalizo ngokwezinto eninazo; niyabona, zonke izinto zihlambulukile kuni.
42
Yeha nina, baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi.
43
Yeha nina, baFarisi! Kuba nithanda izihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho.
44
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abahambá phezu kwawo bengawazi.
45
Waphendula ke omnye wabaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithethile nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi.
46
Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisi-mthetho! Kuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe ke nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu.
47
Yeha nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele.
48
Inene niyangqina ukuba niyayivumela imisebenzi yooyihlo; kuba bona bababulala okunene, nibe ke nina niwakha amangcwaba abo.
49
Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bathi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile, bathi inxenye kubo bayibulale, bayitshutshise;
50
ukuze kubizwe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kwasekusekweni kwehlabathi;
51
Ukususela kwigazi lika-Abheli ukuya kutsho kwigazi likaZakariya, owatshabalala phakathi kwesibingelelo nendlu kaThixo. Inene ndithi kuni, liya kubizwa kwesi sizukulwana.
52
Yeha nina, baqondisi-mthetho! ngokuba nisithabathile isitshixo sokwazi; anangena ngokwenu, naba ke nabangenayo nabalela.
53
Ke kaloku, akuba ezithethile ezi zinto kubo, ababhali nabaFarisi baqala ukumvuselela kakhulu, nokumcaphukisa ukuba athethe izinto ezininzi,
54
bemlalele, befuna ukunqakula into ephuma emlonyeni wakhe, ukuze bammangalele.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24