bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 20
Luke 20
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 21 →
1
Kwathi ngenye imini, akubon’ ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, namadoda amakhulu.
2
Bathetha kuye besithi, Sixelele; uzenza ngagunya lini na ezi zinto? Ngubani na ke okunike eli gunya?
3
Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; kwaye undiphendule:
4
Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na?
5
Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini; Wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
6
Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ubengumprofeti.
7
Baphendula ngokuthi, abazi ukuba luvela phi na.
8
Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
9
Waza waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso; Ubani watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo.
10
Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya; ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha.
11
Wabuya wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha.
12
Waphinda wathuma nowesithathu; naye lowo bamngxwelerha, bamkhuphela ngaphandle.
13
Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi bomhlonela yena.
14
Bathe ke bakumbona abalimi, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani, siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu.
15
Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Uya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya?
16
Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso. Bakuva ke bona, bathi, Makube lee!
17
Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo: Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo?
18
Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke lowo lithe lamwela liya kumcola.
19
Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; basuka boyika abantu, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso.
20
Bamcupha ke, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuze zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele kurhuluneli nakwigunya lerhuluneli.
21
Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu, usuka ufundise indlela kaThixo ngenyaniso.
22
Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na?
23
Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na?
24
Ndiboniseni idenariyo. Inomfanekiso nombhalo kabani na? Baphendula bathi, NgokaKesare.
25
Uthe ke kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo.
26
Ababa nako ukumbamba amazwi akhe phambi kwabantu; bamangaliswa yimpendulo yakhe; bathi cwaka.
27
Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko; bambuza,
28
besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.
29
Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana.
30
Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana.
31
Nowesithathu wamzeka; Benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana.
32
Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi.
33
Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? kuba abasixhenxe bebenaye engumfazi.
34
Waphendula ke uYesu wathi kubo, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa;
35
ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa;
36
abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.
37
Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, iNkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi.
38
AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye.
39
Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho.
40
Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.
41
Wayesithi kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu ngunyana kaDavide?
42
Uthi noDavide encwadini yeeNdumiso, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam;
43
Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.
44
uDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi, ungunyana wakhe ngani na?
45
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayava abantu bonke, wathi kubafundi bakhe.
46
Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngezambatho ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, neendawo eziphambili ezidlweni;
47
abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu; abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24