bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 22
Luke 22
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 23 →
1
Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika.
2
Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbulala; ngokuba bebesoyika abantu.
3
Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini.
4
Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angáthini na ukumnikela kubo.
5
Bavuya ke, banqophisana naye ukumnika imali,
6
wabavumela, wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu.
7
Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuba kubingwe ngawo imvana yepasika.
8
Wesusa uPetros noYohane, esithi, Hambani niye kusilungiselela ipasika, ukuze siyidle.
9
Bathe ke bona kuye, Ùfuna ukuba siyilungise phi na?
10
Uthe ke yena kubo, Yabonani, nakungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo.
11
Nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam?
12
Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke.
13
Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.
14
Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile abalishumi elinababini kunye naye.
15
Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima;
16
Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo.
17
Wayithabatha nendebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo;
18
Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo.
19
Wathabatha isonka, wathi akubulela, wasiqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.
20
Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.
21
Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha.
22
uNyana woMntu okunene uyemka njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye!
23
Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto.
24
Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungathiwa ngomkhulu.
25
Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanabo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi.
26
Ze ningabi njalo; omkhulu kuni makabe njengomnci; nomkhulu, makabe njengokhonzayo.
27
Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asinguye na ohleli esithebeni? phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.
28
Nina ke ningabo bahlala nam ekuhendweni kwam;
29
Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna;
30
ukuze nidle, nisele, esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.
31
Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa.
32
Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.
33
Uthe ke yena kuye, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.
34
Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi.
35
Yathi kubo, Okuya ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na? Bathi ke bona, Akukho nto.
36
Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele.
37
Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho;
38
Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Uthe ke yena kubo, Kwanele.
39
Waphuma ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma; Bamlandela ke nabafundi bakhe.
40
Akufika kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ukuze ningangeni ekuhendweni.
41
Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo, wathandaza,
42
esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.
43
Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza.
44
Esentlungwini enkulu, kwaba kukhona wathandaza enyamekile; kwasuka ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi, esiwa emhlabeni.
45
Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo.
46
Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? vukani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni.
47
Kwathi, esathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga.
48
Uthe ke uYesu kuye, Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na?
49
Ke kaloku abo babemphahlile, bakukubona okuza kuhla, bathi kuye, Nkosi, sixabele na ngekrele?
50
Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene.
51
Waphendula ke uYesu wathi, Yekani, kwanele. Wayichukumisa indlebe yakhe, wamphilisa.
52
Uthe ke uYesu kubabingeleli abakhulu, nabaphathi betempile, namadoda amakhulu, ababeze kuye, Niphume ninamakrele neentonga na, ngathi niphumele isihange?
53
Bendinani imihla ngemihla etempileni, anolula zandla ngakum; kambe eli lilixa lenu, negunya lobumnyama.
54
Bambambile ke, bamrhola, bamsa endlwini yombingeleli omkhulu; Waza uPetros walandela ekude.
55
Ke kaloku, bakubon’ ukuba babase umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo.
56
Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Nalo ube enaye.
57
Wakhanyela ke yena, esithi, Ntokazindini, andimazi.
58
Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye.
59
Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, nalo ubenaye; kuba ukwangowaseGalili.
60
Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo. Kwaoko, esathetha, yalila inkuku.
61
Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.
62
Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra.
63
Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya.
64
Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?
65
Ayethetha nezinye izinto ezininzi ngaye.
66
Kwathi kwakusa, ahlanganisana amadoda amakhulu abantu, nababingeleli abakhulu, nababhali, bamrholela entlanganisweni yawo yamatyala, besithi,
67
Unguye na uKristu? Sixelele. Uthe ke yena kubo, Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa;
68
nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula.
69
Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo.
70
Bathi ke bonke, Unguye na ke wena uNyana kaThixo? Uthe ke yena kubo, Nina nithi ndinguye.
71
Bathi ke bona, Sisabufunelani na ubungqina? kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24