bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 6
Luke 6
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 7 →
1
Kwathi ngesabatha yokuqala, wacanda emasimini; Baza abafundi bakhe bakha izikhwebu, badla, bezihlikihla ezandleni zabo.
2
Abathile baFarasi babesithi kubo: “Yini na ukuba nenze oko kungavumelekileyo ngesabatha?
3
Wabaphendula uYesu wathi, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye?
4
Okokuba wangena endlwini kaThixo, wazithabatha izonka ezibekwa phambi koThixo, wazidla, wanika nabo babenaye, ekungavumelekileyo ukuba zidliwe, ingengabo ababingeleli bodwa?
5
Wayesithi kubo, uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.
6
Kwathi ke kaloku, nangenye isabatha, wangena endlwini yesikhungu, wafundisa. Kwaye kukho apho umntu owome isandla sokunene.
7
Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela.
8
Kodwa yena ezazi iingcamango zabo, wathi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama, umele phakathi. Uye waphakama wema.
9
Wathi ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza zwi-nye; Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na?
10
Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo; saphila ke isandla sakhe, saba nesesinye.
11
Basuka ke bona baphambana; baye bethetha bodwa, ukuba bangamenza ntoni na uYesu.
12
Kwathi ke ngaloo mihla, waphuma wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wayebudlulisa ubusuku bonke ethandaza kuThixo.
13
Kwathi kwakusa, wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo abalishumi elinababini, awababiza ngokuba ngabapostile;
14
uSimon, awamthiya igama elinguPetros, noAndreya umzalwana wakhe, noYakobi noYohane, noFilipu, noBhartolomeyu,
15
uMateyu noTomas, uYakobi ka-Alifeyu, noSimon ekuthiwa nguZelote,
16
uYuda kaYakobi, noYuda Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.
17
Wehla nabo, wema ethafeni, nenkitha yabafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bephuma kulo lonke elakwaYuda, neYerusalem, nangaselwandle lwaseTire neTsidon, ababeze kuva kuye ukuba baphiliswe kwizifo zabo;
18
Kwanabo babekhathazwa ngoomoya abangcolileyo, baye bephiliswa.
19
Zaye izihlwele zonke zifuna ukumchukumisa; ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke.
20
Waza yena wawaphakamisela amehlo akhe kubo abafundi bakhe, wathi, Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo.
21
Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje; ngokuba niya kuhleka.
22
Ninoyolo nina xa bathe abantu banithiya, naxa bathe banigxotha kubo, baningcikiva, balilahlela phandle igama lenu ngokungathi likhohlakele, ngenxa yakhe uNyana woMntu.
23
Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini; babesenjenjalo ooyise kubo abaprofeti.
24
Kodwa yeha, nina zityebi! ngokuba niyifumene intuthuzelo yenu.
25
Yeha, nina bahluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha, nina bahlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile.
26
Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.
27
Ke mna ndithi kuni nindivayo, Zithandeni iintshaba zenu, yenzani okulungileyo abo banithiyayo;
28
Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
29
Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye; nothabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi.
30
Yiphe wonke umntu ocelayo kuwe; nalowo uzithabathayo iimpahla zakho, uze ungaphindi uzicele kuye.
31
Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.
32
Ukuba nithanda abo banithandayo, ninambulelo mni na? kuba naboni bayabathanda abo babathandayo.
33
Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo, ninambulelo mni na? ngokuba naboni benza kwaloo nto.
34
Xa niboleka abo nithembe ukwamkela kubo, ninambulelo mni na? Kuba naboni bayababoleka aboni, ukuze babuye bazuze okwakhona.
35
Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.
36
Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.
37
Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; xolelani, naniya kuxolelwa;
38
Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu. Kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
39
Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo, esithi, ingakhe ibe nako na imfama ukukhokela imfama? Aziyi kweyela emhadini zombini na?
40
Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke ogqibeleleyo uya kuba njengomfundisi wakhe.
41
Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi umqadi okwelakho iliso?
42
Ungathini na ukuba nako ukuthi kumzalwana wakho, Mzalwana, yeka ndisikhuphe isibi esisesweni lakho, ungawuboni nje wena umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi kwelakho iliso, wandule ke ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.
43
Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle.
44
Kuba wonke umthi waziwa ngesiqhamo sawo. Kuba abantu abawakhi makhiwane emithaneni enameva, bangakhi zidiliya etyholweni;
45
Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
46
Yini na ke ukuba nindibize ngokuthi, Nkosi, Nkosi, nibe ningazenzi izinto endizithethayo?
47
Lowo uzayo kum, aweve amazwi am, awenze, ndonibonisa lowo afana naye;
48
Ufana nomntu owakha indlu, wemba nzulu, wabeka isiseko phezu kolwalwa. Kwathi ke, kwakubakho unogumbe, wagaleleka kuloo ndlu umlambo, awaba nako ukuyishukumisa;
49
Kodwa lo uwevileyo akawenza, ufana nomntu owakhe indlu phezu komhlaba, kungekho siseko; wagaleleka kuyo umlambo, yawa kwaoko; kwaba kukhulu ukuwa kwaloo ndlu.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24