bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 19
Luke 19
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 20 →
1
Waye engene uYesu, ecanda eYeriko.
2
Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona.
3
Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba enesiqu esincinane.
4
Wabaleka ke, wakhwela emthini womthombe ukuba ambone, kuba wayeza kudlula ngaloo ndlela.
5
Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho.
6
Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya.
7
Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Ungene waya kulala kwindoda engumoni.
8
Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi; Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; ukuba ndidle into kabani na ngobuxoki, ndimbuyisela kane.
9
Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufike usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham.
10
Kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.
11
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko.
12
Uthe ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye.
13
Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike.
14
Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathumela izigidimi emva kwakhe, besithi, Asifuni ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.
15
Kwathi akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi wayebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.
16
Weza ke owokuqala, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zalishumi.
17
Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi.
18
Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu.
19
Wathi nakuye, Nawe yiba phezu kwezixeko ezihlanu.
20
Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni;
21
kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga.
22
Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga;
23
ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala?
24
Wathi kwababemi khona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi.
25
Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi.
26
Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.
27
Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam.
28
Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.
29
Kwathi, akuba esondele eBhetefage naseBhetani, entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe,
30
esithi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane iesile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise apha.
31
Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nothi kuye, Liyafuneka eNkosini.
32
Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo.
33
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole?
34
Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini.
35
Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu.
36
Akubon’ ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni.
37
Ke kaloku, akubon’ ukuba selesondele ekuhleni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonayo;
38
besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi;
39
Bathi kuye abathile bakubaFarisi esihlweleni apho, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.
40
Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la.
41
Akusondela, wawubona umzi, wawulilela,
42
esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! kungoku zifihliwe emehlweni akho.
43
Kuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngothango, zikurhangqe, zikuxine ngeenxa zonke;
44
zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi litye phezu kwelitye kuwe; ngokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.
45
Wayengena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga;
46
esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.
47
Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu, nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa;
48
Baye ke bengafumani nto banokuyenza, kuba bonke abantu babemlalele ngenyameko.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24