bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 2
Luke 2
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 3 →
1
Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo.
2
Olu lubhalo lwaba lolokuqala, akubon’ ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya.
3
Baphuma ke bonke, besiya kubhaliswa, elowo waya kowabo.
4
Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem; ngokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe;
5
esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe.
6
Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale.
7
Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngokuba babengenandawo endlwini yabahambi.
8
Kwaye kukho abalusi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo.
9
Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu.
10
Sathi kubo isithunywa, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke abantu.
11
Nizalelwe namhlanje kwisixeko sikaDavide uMsindisi, onguKrestu iNkosi.
12
Lo ngumqondiso kuni; Nofumana lusana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini.
13
Kwabakho ke ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi,
14
Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini.
15
Ke kaloku kwathi, zakumka kubo izithunywa zisiya ezulwini, abo abalusi bathi omnye komnye, Masiye eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo nguYehova.
16
Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali.
17
Bakuyibona loo nto, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana.
18
Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi.
19
Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe.
20
Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo.
21
Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku ezisibhozo zokuba umntwana aluswe, wathiywa igama elinguYesu, elo wabelithiyiwe sisithunywa sezulu, engekamithwa nokumithwa.
22
Zithe ke zakuzaliseka iintsuku zokuhlanjululwa kwakhe ngokomthetho kaMosis, bamsa eJerusalem, ukuba bammise phambi kweNkosi.
23
Njengoko kubhaliweyo emthethweni weNkosi, kwathiwa, Yonke into eliduna, evula isizalo, kuthiwe ingcwele eNkosini;
24
nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni kaYehova, isibini samahobe, nokuba ngamavukuthu amabini.
25
Kwabonakala kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe.
26
Wayetyhilelwa nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi.
27
Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenzele ngokwesiko lomthetho.
28
Wamwola ngeengalo zakhe, wambonga uThixo, wathi,
29
Kaloku, Nkosi yam, uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, ngokwelizwi lakho.
30
Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,
31
Owulungisileyo phambi kobuso babantu bonke;
32
Isikhanyiso sokukhanyisela iintlanga, nesihombo sabantu bakho amaSirayeli.
33
Bamangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye.
34
uSimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli; nokuba ngumqondiso ochasiweyo;
35
ukuze ube nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha.
36
Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu, waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe.
37
Eye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini.
38
Wathi yena ngokwakhe, weza kwangelo lixa, wabulela kuYehova; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem.
39
Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete.
40
Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe.
41
Abazali bakhe babehamba iminyaka ngeminyaka besiya eYerusalem emthendelekweni wepasika.
42
Kuthe, xa wayeneminyaka elishumi elinamibini ezelwe, benyuka baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo.
43
Bakuba bezigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina.
44
Babeba ke naye uphakathi kwesihlwele, bahamba uhambo lwemini enye; Baye ke bemfuna phakathi kwemizalwane nabazana nabo.
45
Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna.
46
Kwathi, emva kweentsuku ezintathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza.
47
Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe na ziimpendulo zakhe.
48
Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? uyabona, uyihlo nam besikufuna sibuhlungu.
49
Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo?
50
Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.
51
Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Waye ke unina ezigcina zonke ezi zinto entliziyweni yakhe.
52
uYesu wayehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24