bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 18
Luke 18
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 19 →
1
Ke kaloku, wayethetha nomzekeliso kubo, wokuba bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla;
2
Esithi, Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu.
3
Kwaye kukho umhlolokazi othile kuloo mzi, yeza kuye isithi, Ndikhulule kummangaleli wam.
4
Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu;
5
noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule.
6
Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo.
7
Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo?
8
Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?
9
Ke kaloku wathetha lo mzekeliso kwabathile, ababekholose ngokuthi ngaphakathi kwabo bangamalungisa, bebadela abanye.
10
Amadoda amabini enyuka aya etempileni, esiya kuthandaza; omnye engumFarisi, omnye engumbuthi werhafu.
11
UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingenjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingenjengaye nalo mbuthi werhafu.
12
Ndizila ukudla kabini ngeveki, ndinikela izishumi zako konke endikuzuzayo.
13
Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ngasezulwini, wasuke wabetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.
14
Ndithi kuni, Wehla lo waya endlwini yakhe, egwetyelwe yena kunalowa; ngokuba wonke umntu oziphakamisayo uva kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.
15
Kwaye ke bezisa kuye neentsana zabo, ukuze azichukumise; bebonile ke abafundi bakhe, babakhalimela.
16
Ke yena uYesu wazibizela kuye, wathi, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli; kuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.
17
Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akasayi kukha angene kubo.
18
Umphathi othile wambuza, esithi, Mfundisi ulungileyo, mandenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?
19
Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo.
20
Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, beka uyihlo nonyoko.
21
Uthe ke yena, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam.
22
Ekuvile ke oko uYesu, wathi kuye, Kusekho nto-nye uyisweleyo; zonke izinto onazo thengisa ngazo, wabele amahlwempu; woba nobutyebi ke emazulwini; uze ke undilandele.
23
Ezivile ke ezo ndawo, waba buhlungu kakhulu; kuba ube esisityebi kunene.
24
uYesu akumbona ebuhlungu kakhulu, wathi, Hayi, ukuba ngenkankulu ukuya kungena kwabo banobutyebi ebukumkanini bukaThixo!
25
Kuba kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.
26
Bathi ke abo bevayo, Ngubani na ke ongasindiswayo?
27
Uthe ke yena, Izinto ezingenakwenzeka kubantu, zinokwenzeka kuye uThixo.
28
Uthe ke uPetros, Uyabona, thina sishiye iinto zonke sakulandela.
29
Wathi kubo, Inene, ndithi kuni, Akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazali, nokuba ngabazalwana, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, ngenxa yobukumkani bukaThixo;
30
ongasayi kwamkela izinto eziphindaphindiweyo ngalo eli xesha, aze ngelo lizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.
31
Ke kaloku ubathabathile abalishumi elinababini, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; zaye ziya kuphelela zonke izinto ezibhaliweyo ngabaprofeti, kuye uNyana woMntu.
32
Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe;
33
Baya kumtyakatya, bambulale, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
34
Bona abaqondanga nento kwezi zinto; laye neli lizwi lifihlakele kubo, babengazazi izinto ezithethwayo.
35
Kwathi ke ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba.
36
Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le.
37
Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete.
38
Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndenzele inceba.
39
Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.
40
Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye,
41
esithi, Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone.
42
uYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile.
43
Kwangoko yabuya yabona, yamlandela imzukisa uThixo; bathi bonke abantu, bakukubona oko, badumisa uThixo.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24