bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 12
Luke 12
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 13 →
1
Kuthe ngoko, akubon’ ukuba ahlanganisene ndawonye amawaka-waka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso.
2
Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, ayiyi kwaziwa.
3
Ngoko ke konke enikuthethe emnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; nokuthethe endlebeni emagumbini, kumenyezwe phezu kwezindlu.
4
Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo.
5
Ndiya kunibonisa ke enomoyika; yoyikani lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, Yoyikani yena lowo.
6
Abathengiswa ngeepeni ezimbini na oongqatyana abahlanu? Ukanti akukho namnye kubo olityelweyo emehlweni kaThixo?
7
Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.
8
Ndithi ke kuni, Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, kwanoNyana woMntu uya kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo.
9
Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu, wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo.
10
Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa lowo unyelise uMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa.
11
Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwirhuluneli, nakwabanegunya, ize ningaxhaleli ukuba ningaziphendulela ngokunjani na, nangantoni na, nokuba ningathethani na.
12
uMoya oyiNgcwele uya kunifundisa kwangelo lixa izinto enimelwe kukuthi nithethe zona.
13
Ke kaloku uthe ubani kuye endimbaneni, Mfundisi, yitsho kumzalwana wam, ahlulelane nam ilifa.
14
Uthe ke yena kuye, Mntundini, ndimiswe ngubani na ukuba ndibe ngumahluli nomabi phakathi kwenu?
15
Wathi kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.
16
Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu;
17
wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam?
18
Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke iziqhamo zam, nempahla yam;
19
ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, udle, sela, yiba nemihlali.
20
Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo?
21
Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.
22
Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na.
23
Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.
24
Qwalaselani amahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka?
25
Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye?
26
Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye?
27
Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ke ndithi kuni, uSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi.
28
Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa; wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane?
29
Nize ningafuni ukuba ningadla ntoni na, nisele ntoni na;
30
ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto.
31
Funani ke ubukumkani bukaThixo; zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.
32
Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.
33
Thengisani ngeempahla zenu, niphe amalizo; zilungiseleni iingxowa ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisi nanundu;
34
kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
35
Mazibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha;
36
nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko.
37
Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele.
38
Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi.
39
Kwazini ke oku, ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela liza ngaliphi na ilixa, ange elindile, akayiyekela indlu yakhe igqojozwe.
40
Nani ngoko yibani nilungile, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.
41
Waza wathi uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na?
42
Ithe ke iNkosi, Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo?
43
Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo.
44
Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.
45
Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aqale ukubabetha abakhonzi nabakhonzazana, adle, asele, anxile;
46
Iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, imxabele kubini, immisele isabelo sakhe kwabangakholwayo.
47
Yena ke loo mkhonzi, ubekwazi ukuthanda kwenkosi yakhe, akalungisa, akenza ngokuthanda kwayo, uya kutyatyulwa ngemivumbo emininzi.
48
Ke yena obengazi, wenza ke okufanele imivumbo, uya kutyatyulwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo; nakulowo kubekwe okukhulu kuye, kuya kubizwa okungaphezulu.
49
Ndize kuphosa umlilo ehlabathini; Ndiya kuthini na, ukuba sele uphethiwe?
50
Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; Asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke!
51
Niba ndize kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi; ndisuke ndaweni-nye;
52
Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu.
53
Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana wakhe, umolokazana noninazala;
54
Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kwaye kunjalo.
55
Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; kwaba njalo.
56
Bahanahanisindini, niyakwazi ukubucalula ubuso bezulu nomhlaba; Yini na ke ukuba ningalicaluli nje eli xesha?
57
Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa?
58
Xa uya nommangaleli wakho kumantyi, nisendleleni, yithi nisendleleni, qiniseka ukuba uzihlangule kuye; hleze akurholele emgwebini, aze umgwebi akunikele epoliseni, aze igosa likuphose entolongweni.
59
Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24