bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Luke 24
Luke 24
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
1
Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, ngesifingo, beza engcwabeni, bephethe ubulawu ababebulungisile, kukho nabanye abathile kubo.
2
Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni.
3
Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu.
4
Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo.
5
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo?
6
Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko wayeseseGalili,
7
esithi, uNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu aboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
8
Bawakhumbula ke amazwi akhe;
9
bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye.
10
YayinguMariya waseMagadala, noYohana, noMariya unina kaYakobi, nabanye abafazi ababenabo, abazixelayo ezo zinto kubapostile.
11
Asuka amazwi abo abonakala ngathi yinto nje engento kubo, baza abakholwa.
12
Esukile ke uPetros, wagidima waya engcwabeni; athi eqondele, azibone iilinen abesongelwe kuzo, zilele zodwa; wemka, emangalisiwe koko kuhlileyo.
13
Kwabonakala kusiya babini bakubo, kwangaloo mini, kumzana ozitadiya zimashumi mathandathu, umgama wawo neYerusalem, ogama liyiEmawusi.
14
Baye bona bexoxa bodwa ngazo zonke izinto ezibe zihlile.
15
Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo.
16
Kuloko amehlo abo ayebanjiwe, ukuba bangamazi.
17
Wathi kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha?
18
Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungazazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini?
19
Wathi kubo, Ziphi na? Bathi ke bona kuye, EzingoYesu waseNazarete, obeyindoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu;
20
ukuba bathini na ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu ukumnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni.
21
Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uSirayeli ngentlawulelo; kunjalonje ke, namhla lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto.
22
Asuka nabafazi abathile ababevela kuthi aba basikhwankqisa, ababeyile engcwabeni kwakusasa;
23
Zakuba zingawufumani umzimba wakhe, zeza zisithi, zibone nombono wezithunywa zezulu, ezibe zisithi uhleli.
24
Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga.
25
Wathi ke yena kubo, Oyi!
26
uKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?
27
Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.
28
Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.
29
Bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini seyimkile. Wangena ukuba ahlale nabo.
30
Kwathi, ekungqengqeni kwakhe ngasesithebeni ndawonye nabo, wasithabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika.
31
Aqabuka amehlo abo, bamazi; Wanyamalala emehlweni abo.
32
Batshono ukuthi, Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?
33
Besuka kwangelo lixa, babuyela eYerusalem, babafumana abalishumi elinamnye, bequkene ndawonye kwanabo babenabo,
34
besithi, iNkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon.
35
Baye nabo bezichankcisa izinto zendlela, nokwazeka kwayo kubo ekuqhekezeni isonka.
36
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayazithetha ezo zinto, uYesu ngokwakhe wema phakathi kwabo, wathi kubo, Uxolo malube nani.
37
Besuka bankwantya, bangenelwa kukoyika, beba babone umshologu.
38
Wathi kubo, Yini na ukuba nikhathazeke? Yini na ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu?
39
Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna.
40
Utshilo, wababonisa izandla neenyawo zakhe.
41
Ke kaloku, bakubon’ ukuba abakakholwa, ngenxa yovuyo, bemangalisiwe, wathi kubo, Ninanto na idliwayo apha?
42
Bamnika ke intwana yentlanzi eyosiweyo, neyenqatha lobusi.
43
Wathabatha, wadla phambi kwabo.
44
Uthe ke kubo, Ngawo la amazwi endawathethayo kuni ndisenani, okokuba zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo emthethweni kaMoses, nasebaprofetini, nasezindumisweni, ukuba zizaliseke, mna.
45
Wandula wayivula ingqiqo yabo, ukuze baziqonde izibhalo;
46
wathi kubo, Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu;
47
nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga, kuqalelwa eYerusalem.
48
Nina ke ningamangqina ezi zinto.
49
Yabonani, mna ndilithumela kuni idinga likaBawo; ke nina hlalani kuwo umzi oyiYerusalem, nide nambathiswe amandla aphuma enyangweni.
50
Ke kaloku wabarholela ngaphandle, kwada kwaya eBhetani, waziphakamisa izandla zakhe, wabasikelela.
51
Kwathi, ekubasikeleleni kwakhe, wahlukana nabo, wenyuswa wasiwa emazulwini.
52
Baza bona, bakuba bequbudile kuye, babuyela eYerusalem benovuyo olukhulu.
53
Bamana behleli etempileni, bembonga uThixo. Amen.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24