bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 1
John 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 2 →
1
EKUQALEKENI ebeko u‐Lizwi, Waye u‐Lizwi ebeko kutixo, ebe ngutixo u‐Lizwi kanjako.
2
Yena lo ebeko ekuqalekeni kutixo.
3
Zonke izinto zenziwa nguye; nangapandle kwake akwenziwa nanye into eyenziweyo.
4
Kuye yena bebuko ubomi; nobomi obo bebulukanyiso lwabantu.
5
Luti ukanyiso olu lukanye ebumnyameni; kanti ubumnyama abuluqiqanga.
6
Kwavela umntu etunyiwe ngutixo, ogama lingu‐Johane.
7
Yena lo wezela ukunqi̔na, ukuba anqi̔ne ngalo ukanyiso, ukuze bonke bakolwe ngaye.
8
Ebengelulo ukanyiso yena: koko wezayo ukuba anqi̔ne ngalo ukanyiso.
9
Lona ukanyiso oluyinyaniso belululo olukanyisayo bonke abantu besiza elizweni.
10
Ebeko elizweni, kanjalo ilizwe lenziwa nguye, kanti ilizwe alimazanga.
11
Weza kokwake, kanti abake abamamkelanga.
12
Kodwa bonke abamamkelayo, wapa bona igunya lokuba babe lusapo lukatixo, abo bakolwayo egameni lake:
13
abebenga zelwe ngegazi, nangentando yenyama, nangentando yomntu, koko bebezelwe ngotixo.
14
Waza u‐Lizwi waba yinyama, wahlala pakati kwetu, (sati kekaloku sakangela ubungcwalisa bake, ubungcwalisanjengabo obokupela kwozelweyo evela kutixo,) ezele lufeie nayinyaniso.
15
U‐Johane wanqi̔na ngaye, wadanduluka, esiti: Ebenguye lo endati ngaye: Ozayo emva kwam, uze kuba pambili kum; ngokuba ebeko ndingekabiko mna.
16
Nasekuzaleni kwake tina sonke samkela, kwa nofefe pezu kwofefe.
17
Ngokokuba umteto wanikwa ngo‐Mosesi; kweza ufefe nenyaniso ngo‐Yesu Kristu.
18
Akuko mutu oke wambona utixo nakanye: unyana okupela kwozelweyo, osesifubeni soyise, oyena wamtyila.
19
KEKALOKU oku kukunqi̔na kuka‐Johane, xeshekweni ama‐Juda ase‐Yerusaleme atuma abaperisite naba‐Levi, ukuze babuze kuye ukuti: Wena ungubanina?
20
Waza wavuma, akakanyela ke; ewe wavuma, esiti: Andinguye u‐Kristu.
21
Baza babuza kuye ukuti: Uti nina pofu? unguye na u‐Elija? Wayesiti: Andinguye. Bati: Unguye na umprofite lowo? Wapendula wati: Hai.
22
Bati ngoko kuye: Ungubanina? ukuze sibanike impendulo abo basitumayo: uti nina ngesiqu sako?
23
Wati: Ndililizwi lodandulukayo entlango: Lungelelanisani indlela kayehova; njengokuba bekutshiwo ngu‐Yisaya umprofite.
24
Kekaloku abo babetunyiwe bebengabakubo abafarisi.
25
Baza bambuza, bati kuye: Yinina pofu ukuba ubapitizeshe, ukuba akunguye u‐Kristu, kwa no‐Elija, kwa nomprofite lowo?
26
Wapendula kubo u‐Johane, esiti: Mna ndiyabapitizesha ngamanzi: kodwa kumi pakati kwenu oningamaziyo;
27
nguye oti, esiza emva kwam, uze kuba pambili kum, endingafanele mna ukuba ndiwutukulule umtya wesihlangu sake.
28
Ezizinto zenzeka e‐Betabara pesheya kwe‐Yoredane, apo u‐Johane ebebapitizesha kona.
29
Ngomhla olandelayo u‐Johane wambona u‐Yesu esiza kuye, wati: Kangela imvana katixo, esusayo isono selizwe!
30
Nguye lo endati ngaye: Kuza emva kwam umntu, oze kuba pambili kum; ngokuba ebeko ndingekabiko mna.
31
Ndaye ndingamazi ke: koko ukuze abonakaliswe ko‐Sirayeli, kukona ndezayo mna ndibapitizesha ngamanzi.
32
Waza wanqi̔na u‐Johane, esiti: Ndibonile umoya esihla njengehobe ezulwini, waza wahlala pezu kwake.
33
Ndaye ndingamazi ke: koko lowo wanditumayo ukuba ndibapitizeshe ngamanzi, oyena wati kum: Lowo usukuba ubona umoya esihla ehlala pezu kwake, nguye lo obapitizesha ngomoya oyingcwele.
34
Ndibonile ke, ndinqi̔nile kanjalo ukuba lo unguye unyana katixo.
35
Kanjako ngomhla olandelayo ebemi u‐Johane, kwa nababini kubadisipile bake.
36
Waza emkangele u‐Yesu ehamba wati: Kangela imvana katixo!
37
Bati abobadisipile ababini bamva eteta, bamlandela u‐Yesu.
38
Wajika ke u‐Yesu, wababona belandela, wati kubo: Nifuna nto nina? Bati bona kuye: Rabi! (oko kukuti ngokukunyushwa, Mfundisi!) uhlala pina?
39
Wati kubo: Yizani nibone. Beza babona apo ahlala kona, bahlala kuye imini leyo; yabiyiyure yanga yeyeshumi.
40
Ebengu‐Andreya umninawe ka‐Simone Petrosi, omnye kwabo babini ababevile ku‐Johane ngo‐Yesu, bamlandela.
41
Wati yena lo kuqala wafumana umkuluwe wake u‐Simone, wati kuye: Simfumene u‐Mesiya: (okukuti ngokukunyushwa, u‐Kristu.)
42
Waza wamzisa ku‐Yesu. Wati u‐Yesu emkangele ke: Wena ungu‐Simone, unyana ka‐Jona; uya kubizwa ngo‐Kefasi; (okuti ukukunyushwa ngo‐Petrosi.)
43
Ngomhla olandelayo wanga u‐Yesu angemka ukuya e‐Galili: waza wafumana u‐Filipi, wati kuye: Ndilandele.
44
Kekaloku u‐Filipi ebengowase‐Betesayida, kwisixeko sika‐Andreya no‐Petrosi.
45
U‐Filipi wafumana u‐Natanayeli, wati kuye: Lowo kwaba̔lwa ngaye ngu‐Mosesi emtetweni nangabaprofite, simfumene, u‐Yesu unyana ka‐Josefe, owase‐Nazarete.
46
Waza u‐Natanayeli wati kuye: Kungavela e‐Nazarete into elungileyo yinina? Wati u‐Filipi kuye: Yiza ubone.
47
U‐Yesu wambona u‐Natanayeli esiza kuye, wati ngaye: Nanku um‐Sirayeli ngenyaniso, ekungeko nkohliso kuye!
48
Wati u‐Natanayeli kuye: Uzuze pina ukundazi kwako? Wapendula u‐Yesu wati kuye: Engekakubizi u‐Filipi, wakuba ubungapantsikwomkiwane, ndakubona.
49
Wapendula u‐Natanayeli wati kuye: Rabi! unguye unyana katixo, unguye ukumkani wo‐Sirayeli.
50
Wapendula u‐Yesu wati kuye: Ngokokuba ndati kuwe, ndakubona ngapantsi kwomkiwane, uyakolwa na? uya kubona izinto ezinkulu kwezi.
51
Waza wati kuye; Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Emveni kwoku niya kubona izulu livulekile, nengelosi zikatixo zinyuka zisihla nokuhla pezu kwonyana wesintu.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21