bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 9
John 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 10 →
1
WATI akuba ebedlula wabona umntu obeyimfama ngokuzalwa.
2
Baza babuza kuye abadisipile bake, besiti: Rabi! ngubanina owabesona, nguye lo, ngabazali bake, kusinina, ukuba abe nokuzalwa eyimfama?
3
Wati u‐Yesu ukupendula: Akona naló, ab ona nabazali bake; kukuba kubonakaliswe imisebenzi katixo kuye.
4
Ndifanele ukusebenza imisebenzi yalowo wanditumayo, nxa imini iseko; buyeza ubusuku, oko kungesetyenzwe mntu.
5
Xeshekweni ndiselizweni, ndilukanyiso lwelizwe.
6
Akuba ebetshilo oku, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamate, watambisa amehlo oyimfama ngodaka olo,
7
wati kuye: Hamba uhlambe ecibini le‐Siloha; (okuti ukukunyushwa lelitunyiweyo.) Waya ngoko wahlamba, weza ebona.
8
Ngako imimelwane, nabo babefudula bembona ukuba uyimfama, babesiti: Lo asi nguye na oti ahlale anqi̔be?
9
Bati abanye: Nguye: bati nabanye: Ufana naye. Wati yena: Ndinguye.
10
Bati ngoko kuye: Atiwa nina ukuvulwa amehlo ako?
11
Wapendula yena wati: Umntu o‐kutwa ngu‐Yesu wenza udaka, watambisa amehlo am, wati kum: Hamba uye ecibini le‐Siloha, uhlambe. Ndaya ke ndahlamba, ndamkela ukubona.
12
Bandula bati kuye: Upina yena? Wati: Andazi.
13
Bamzisa kubafarisi lowo ubefuda eyimfama.
14
Kekaloku bekuyimini yesabata oko u‐Yesu wenzayo udaka olo, wavula amehlo ake.
15
Ngako kanjako babuza kuye nabafarisi ukuba watiwa nina ukwamkela ukubona. Wayesiti kubo: Wabeka udaka pezu kwamehlo am, ndaza ndahlamba, ndiyabona ke.
16
Bati ngoko inxenye kubafarisi: Lomntu akaveli kutixo, ngokuba engagcini imini yesabata. Bati abanye: Angati nina umntu ongumoni ukwenza imimangaliso engakanana? Kwaza kwabako impambano pakati kwabo.
17
Bati kobeyimfama kanjako: Uti nina wena ngaye, evulile amehlo ako nje? Wayesiti: Ungumprofite.
18
Ati kekaloku ama‐Juda akakolwa ngaye ukuba ebeyimfama waza wamkela ukubona, ada abiza abazali balowo obekwamkele ukubona.
19
Aza abuza kubo, esiti: Lo ungunyana wenu na, eniti wazalwa eyimfama? ute nina pofu ukubona ngoku?
20
Bapendula kuwo abazali bake bati: Siyazi ukuba lo ungunyana wetu, nokuba wazalwa eyimfama:
21
kodwa ukuba ute nina ukubona kaloku, asikwazi; nokuba ungubanina owavula amehlo ake, asimazi tina: usel’ ekulile yena; buzani kuye; wozitetela ngokwake.
22
Batsho abazali bake, kuba bebesoyika ama‐Juda: ngokuba ama‐Juda ebesel’ evumelene, ukuba, xeshekweni umntu amvumayo ukuba ungu‐Kristu, makaku̔tshwe entlanganisweni.
23
Ngako oko abazali bake bati: Usel’ ekulile; buzani kuye.
24
Bandula bambiza ngokwesibini lowamntu obeyimfama, bati kuye: Mnike udumo utixo; siyazi tina ukuba umntu lo ungumoni.
25
Wandula wapendula yena lowo wati: Ukuba ungumoni na, andikwazi; inye into endiyaziyo, yokuba, ndiyimfama nje, kaloku ndiyabona.
26
Baza bati kuye kanjako: Wenza nto nina kuwe? wati nina ukuvula amehlo ako?
27
Wati ukubapendula: Sendinixelele, kanti anivanga; yinina ukuba nifune ukuva kanjako? kanene nani nifuna ukuba ngabadisipile bake na?
28
Bandula bamtuka, bati: Wena ungumdisipile walowa; tina kodwa singabadisipile baka‐Mosesi.
29
Siyazi tina ukuba utixo utetile ku‐Mosesi; kodwa lo asimazi ukuba uvela pina.
30
Wapendula umntu lowo wati kubo: Pofu lento ingummangaliso okunene, yokuba nina animazi ukuba uvela pina, noko wavulayo amehlo am.
31
Kekaloku siyazi ukuba aboni utixo akabeva; kodwa ukuba umntu engumbedeshi katixo, esenza nentando yake, yena lo uyamva.
32
Akuzanga kuviwe kwa napakade ukuba bekuko owavula amehlo obezelwe eyimfama.
33
Ukuba lo ebengaveli kutixo, ebengenze luto.
34
Bapendula bati kuye: Wena uzelwe upela ezonweni nje, uyasifundisa tina na ke? Baza bamku̔pela pandle.
35
Weva u‐Yesu ukuba bebemku̔pele pandle: waza akumfumana wati kuye: Uyakolwa kunyana katixo na?
36
Wapendula yena wati: Ungubanina, Nkosi! ukuze ndikolwe kuye?
37
Wati ke u‐Yesu kuye: Umbonile kambe, kanjalo lo uteta nawe unguye.
38
Wayesiti: Ndiyakolwa, Nkosi! wambedesha ke.
39
Waza wati u‐Yesu: Ndeza kwelilizwe kube kukugwetywa, ukuze abo bangaboniyo babone, nabo babonayo benzwe imfama.
40
Baza abo bakubafarisi abebenaye beva ezizinto, bati kuye: Nati sizimfama na?
41
Wati kubo u‐Yesu: Ukuba nibe nizimfama, ngeniba ningenasono; kodwa kaloku niti: Siyabona; ngoko isono senu siseko.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21