bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 20
John 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 21 →
1
KEKALOKU ngolwokuqala usuku lweveki weza u‐Mariya wase‐Magadala kusasa, kwakuba kusebumnyama, encw̔abeni, wabona ukuba ilitye lisusiwe encw̔abeni.
2
Wandula wagidima, waya weza ku‐Simone Petrosi, nakulomdisipile omnye obetandwa ngu‐Yesu, wati kubo: Bayisusile inkosi encw̔abeni, asazi ke bayibekile pina.
3
Wapuma ngoko u‐Petrosi, nalomdisipile omnye, baya ukuya encw̔abeni.
4
Babegidima ke bobabini kunye: waza lomdisipile omnye wampangela u‐Petrosi, ebaleka ngamendu amakulu kwawake, wafika tanci encw̔abeni:
5
wati etobile pantsi wabona iqiya zokubopa zilele; kodwa akangena noko.
6
Kwandula kweza u‐Simone Petrosi emlandela, wangena encw̔abeni, wabona iqiya zokubopa zilele,
7
neqiya ebisentlokweni yake, ingalali neqiya zokubopa, koko isongelwe kwenye indawo iyodwa.
8
Wandula ngoko wangena nalomdisipile omnye, lowo wafika tanci encw̔abeni, wabona naye, wakolwa.
9
Ngokuba bebengekasazi isiba̔lo, sokuba ufanele ukuvuka ekufeni.
10
Baza bemka abadisipile abo babuya bagoduka.
11
Kodwa u‐Mariya ebemi ngasencw̔abeni ngapandle elila; nxa abelila ke, watobela pantsi encw̔abeni,
12
wabona ingelosi zambini zin ezivato ezimhlope zihleli, enye ngasentloko, enye ngasezinyaweni, apo umzimba ka‐Yesu ubulele kona.
13
Zaza zati zona kuye: Mfazi! ulilela nina? Wati kuzo: Kuba beyisusile inkosi yam, ndingazi ke bayibekile pina.
14
Waza akuba etshilo wajikela mva, wambona u‐Yesu emi; kanti ebengazi ukuba nguye u‐Yesu.
15
Wati u‐Yesu kuye: Mfazi! ulilela nina? ufuna banina? Yena eba ungumlimi womyezo, wati kuye: Nkosi! ukuba uyisusile apa, ndixelele apo uyibekile pina, ndaudiya kuyitabata.
16
Wati u‐Yesu kuye: Mariya! Wajika yena, wati kuye: Raboni! (oko kukuti: Mfundisi!)
17
Wati u‐Yesu kuye: Ungandicu̔kumisi; ngokuba ndingekanyukelanga kubawo: kodwa yiya kubazalwana bam, uti kubo: Ndiyanyukela kuye ubawo wam noyihlo wenu, kwa utixo wam notixo wenu.
18
Weza u‐Mariya wase‐Magadala washumayela kubadisipile okokuba uyibonile inkosi, nokuba yateta ezizinto kuye.
19
Kwati kekaloku kwakuba kukuhlwa, ngolosuku ke, ngolwokuqala lweveki, ingcango zivaliwe nje apo abadisipile bebehlanganisene kona ngenxa yokwoyika ama‐Juda, weza u‐Yesu wema pakati, wati kubo: Uxolo malube kuni!
20
Waza akuba etshilo wababonisa izandla zake necala lake. Bandula bavuya abadisipile bakuyibona inkosi.
21
Wandula u‐Yesu wati kubo kanjako: Uxolo malube kuni! njengokuba ubawo enditumile mna, kwa njalo nam ndiyatuma nina.
22
Waza akuba etshilo wapefumla pezu kwabo, wati kubo: Yamkelani umoya oyingcwele:
23
abo nisukuba nizikulula izono zabo, ziyabakululelwa: abo nisukuba nizibamba ezabo, zibambekile.
24
Kodwa u‐Tomasi, omnye wakubo abalishumi linababini, o‐kutiwa ngu‐Didimusi, ebengeko nabo oko wezayo u‐Yesu.
25
Baye besiti ngoko kuye abanye abadisipile: Siyibonile inkosi. Kodwa yena wati kubo: Xeshekweni ndingati upa̔u lwezikonkwane ndilubone ezandleni zayo, nomnwe wam ndiwufake elupa̔wini lwezikonkwane, nesandla sam ndisifake ecaleni layo, andisayi kukolwa.
26
Kekaloku emveni kwentsuku zisibozo abadisipile bake bebepakati kanjako, no‐Tomasi ebenabo. Weza u‐Yesu, ingcango zivaliwe nje, wema pakati, wati: Uxolo malube kuni!
27
Wandula wati ku‐Tomasi: Sondeza umnwe wako apa, ukangele izandla zam; sisondeze nesandla sako, usifake ecaleni lam; uz’ ungabi ungakolwa, ube ukolwa.
28
Waza wapendula u‐Tomasi wati kuye: Nkosi yam notixo wam!
29
Wati u‐Yesu kuye: Ngokokuba undibonile, Tomasi! ukoliwe: banetamsanqa abo abangabonanga, kanti bakoliwe noko.
30
Neminye imimangaliso ke okunene emininzi wayenza u‐Yesu ebusweni babadisipile bake, engaba̔liweyo kulencwadi:
31
kodwa iba̔liwe le, ukuze nikolwe ukuba u‐Yesu unguye u‐Kristu, unyana katixo; nokuze niti nikolwa nibe nobomi egameni lake.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21