bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 19
John 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 20 →
1
Wandula u‐Pilati ngoko wamtabata u‐Yesu, wambeta.
2
Aza amasodati aluka isitsaba ngemitolo, asibeka entlokweni yake, amvatisa ingubo ebomvu,
3
ati: A, kumkani wama‐Juda! Abemtywakaza ngezandla kanjalo.
4
Wandula u‐Pilati wabuya wapuma ngapandle, wati kubo: Kangela, ndiyamzisa kuni ngapandle, ukuze nazi ukuba andifumani tyala kuye.
5
(Wapuma ngoko u‐Yesu ngapandle, esambete isitsaba semitolo, nengubo ebomvu.) Waza wati kubo: Nanku umntu ke!
6
Xeshekweni ngoko bambonayo abaperisite abakulu namadindili, badanduluka, besiti: Mkuruseshe, mkuruseshe! Wati u‐Pilati kubo: Mtabateni nina, nimkuruseshe; ngokuba ndingafumani tyala kuye mna.
7
Ati ama‐Juda ukumpendula: Tina sinomteto, kanjalo ngawo lomteto wetu ufanelwe kukufa, ngokuba wabezenza unyana katixo.
8
Wandula u‐Pilati akuva elilizwi, woyika ngakumbi,
9
wabuya wangena endlwini yenkosi, wati ku‐Yesu: Uvela pina? Kodwa u‐Yesu akamnika mpendulo.
10
Wati ngoko u‐Pilati kuye: Akuteti kum na? akwazi na ukuba ndinegunya lokukurusesha, nokuba ndinegunya lokukukulula?
11
Wati u‐Yesu ukupendula: Ubungayi kuba nagunya ngakum nakanye, ukuba ubungalinikwanga livela pezulu: ngako oku lowo wandinikelayo kuwe unesono esikulu ngakumbi.
12
Emveni kwoku wabefuna u‐Pilati ukumkulula: kodwa ama‐Juda abedanduluka, esiti: Ukuba lo uyamkulula, akunguye umhlobo ka‐Kesare: osukuba ezenza ukumkani uyamca̔sa u‐Kesare.
13
Wati ngoko u‐Pilati akuva elilizwi, wamzisa u‐Yesu ngapandle, wahlala pantsi pezu kwesihlalo sokugweba endaweni e‐kutiwa Sisandlalwamatye, kodwa ngokwama‐Hebere yi‐Gabata:
14
(kekaloku ibiyimini yokulungiselela yasepasikeni, neyure yanga yayeyesitandatu:) waza wati kuma‐Juda: Nanku ukumkani wenu!
15
Kodwa adanduluka wona, esiti: Msuse, msuse, mkuruseshe yena! Wati kuwo u‐Pilati: Ndimkuruseshe ukumkani wenu na? Bati ukupendula abaperisite abakulu: Asinakumkani, sino‐Kesare kupela.
16
Wandula ngoko wamnikela kubo, ukuze akuruseshwe. Baza bamtabata u‐Yesu, bemka naye.
17
Waza yena etwala ikuruse yake wapuma waya endaweni e‐kutiwa yeyenkankani, leyo kutiwa ngokwama‐Hebere yi‐Gologota;
18
apo bamkuruseshela kona, nabanye bebabini ndawonye naye, omnye ngelicala, omnye ngeliya, u‐Yesu epakati.
19
Kanjako u‐Pilati waba̔la isiba̔lwa, wasibeka pezu kwayo ikuruse. Kwabekuba̔liwe ukuti: Uyesu wasenazarete ukumkani wamajuda.
20
Esi isiba̔lwa ke ama‐Juda amaninzi asilesesha; ngokuba londawo ibikufupi nesixeko, apo u‐Yesu wakuruseshelwa kona: kwabekuba̔liwe ngokwama‐Hebere, na ngokwama‐Girike, na ngokwama‐Roma.
21
Baye besiti ngoko abaperisite abakulu bama‐Juda ku‐Pilati: Ungaba̔li ngokuti: Ukumkani wama‐Juda; koko uti, watsho yena ukuti: Ndingukumkani wama‐Juda.
22
Wati ukupendula u‐Pilati: Oko ndikuba̔lileyo, ndikuba̔lile.
23
Andula amasodati, okuya abemkuruseshile u‐Yesu, atabata izivato zake, enza izahlulo zazine, sibe sisahlulo sinye kumasodati amanye ngamanye, kwa nengubo yake yapantsi: kekaloku ingubo yake yapantsi ibe ingenamtungo, ilukiwe ipela kutabata pezulu.
24
Ati ngoko elinye kwelinye: Masingaṙazuli yona, koko masenze amaqashiso ngayo, okuba yoba yekabanina: ukuze isiba̔lo sizaliseke, esiti: Babelana izivato zam, napezu kwengubo yam benza amaqashiso. Ezizinto ke ngoko amasodati lawo azenza.
25
Kekaloku kube kumi ngakuyo ikuruse ka‐Yesu unina, nodade wonina, u‐Mariya umfazi ka‐Kelopasi, no‐Mariya wase‐Magadala.
26
Waza u‐Yesu akubona unina, nalomdisipile emi kufupi abemtanda, wati kunina: Mfazi, nanko unyana wako!
27
Wandula wati kulomdisipile: Nanko unyoko! Waza umdisipile lowo emveni kweloxeshana wamtabatela ekayeni lake.
28
Emveni kwoku, esazi u‐Yesu ukuba zonke izinto zise zigqityiwe, ukuze sifezwe isiba̔lo, wati: Ndiyanxanwa.
29
Kekaloku bekumi kona isitya sizele yiyasine: baza bazalisa ikepekepe ngeyasine, balifaka kwihisope, balisondeza emlonyeni wake.
30
Wandula u‐Yesu akuba eyamkele iyasine leyo, wati: Kugqityiwe! waza watoba intloko, wanikela umpefumlo.
31
Andula ati ama‐Juda, ngenxa yokuba ibiyimini yokulungiselela, ukuze imizimba ingahlali ekuruseni ngesabata, (ngokuba ubungumhla omkulu owesabata leyo,) amtandaza u‐Pilati ukuba mayapulwe imilenze yabo, baze basuswe.
32
Eza ngoko amasodati, ayapula imilenze yowokuqala, neyomnye obekuruseshwe naye.
33
Kodwa efikile ku‐Yesu, akubona ukuba usel’ efile yena, awayapula imilenze yake;
34
koko elinye lamasodati lahlaba icala lake ngomkonto, kwaza kwasekupuma igazi namanzi.
35
Nalowo obonileyo unqi̔nile, nobunqi̔na bake buyinyaniso: kanjalo uyazi yena ukuba uyateta okuyinene, ukuze nikolwe.
36
Ngokuba zenzekile ezizinto, ukuze isiba̔lo sizaliseke, sokuti: Aliyi kwapulwa nalinye itambo lake.
37
Nakanjako esinye isiba̔lo sitsho ukuti: Baya kukangela lowo bamhlabayo.
38
Kekaloku emveni kwezizinto, u‐Josefe wase‐Arimateya, engumdisipile ka‐Yesu, enjalo kodwa ngasese ngenxa yokwoyika ama‐Juda, wamtandaza u‐Pilati ukuba makasuse umzimba ka‐Yesu: waza u‐Pilati wamvumela. Weza ngoko, wawususa umzimba ka‐Yesu.
39
Weza kanjalo no‐Nikodemo, lowo wezayo ku‐Yesu ngobusuku ekuqaleni, ezisa impitikezo yemore nekala, zinga iponti zilikulu linye.
40
Bandula bawutabata umzimba ka‐Yesu, bawubopa ngeqiya zokubopa ndawonye nezimnandi ezo, njengokuba ama‐Juda enesiko lokuncw̔aba.
41
Kekaloku kulondawo apo ebekuruseshelwe kona bekuko umyezo, nakulomyezo incw̔aba elitsha, ekungazanga kubekwe mntu kulo.
42
Kwa lapo ngoko, ngenxa yemini yokulungiselela yama‐Juda, kuba libe likufupi incw̔aba elo, bambeka u‐Yesu.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21