bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 11
John 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 12 →
1
KEKALOKU bekuko umntu otile obesifa, u‐Lazarusi, owase‐Betaniya, owakuwo umzi ka‐Mariya no‐Marita udade wake.
2
Wayengu lowa‐ Mariya owayitambisayo inkosi ngamafuta mnandi, wazisula inyawo zayo ngenwele zake, omninawe u‐Lazarusi ubesifa.
3
Batuma ngoko odade bake kuyo, besiti: Nkosi! kangela, lowo umtandayo uyafa.
4
Kodwa u‐Yesu akuva oko wati: Esisifo asisesokuba kube kukufa, singenxa yobungcwalisa bukatixo, ukuze unyana katixo enzelwe ubungcwalisa ngaso.
5
Kekaloku u‐Yesu watanda u‐Marita, nodade wake, no‐Lazarusi.
6
Xeshekweni ngoko weva ukuba uyafa, oko ke wahlala kulondawo ubekuyo intsuku zambini.
7
Wandula emveni kwoku wati kubadi̔sipile bake: Masihambe siye e‐Judeya kanjako.
8
Bati kuye abadisipile: Rabi! esand’ ukufuna ama‐Juda ukukugibisela ngamatye nje, ubuye uye kona na?
9
Wati u‐Yesu ukupendula: Akuko iyure ezilishumi linambini emini nye na? Xeshekweni umntu ahamba emini, akaku̔beki, kuba ukukanya kwelizwe eli ekubona:
10
kodwa xeshekweni umntu ahamba ebusuku, uyaku̔beka, kuba ukukanya kungeko kuye.
11
Watsho ke; waza emveni kwoku wati kubo: Umhlobo wetu u‐Lazarusi ulele; koko ndiya ukuze ndimvuse.
12
Bandula bati abadisipile bake: Nkosi! ukuba ulele, uya kupila.
13
Kodwa u‐Yesu ebetetile ngako ukufa kwake; kanti bona baba uyateta ngako ukulala kwobutongo.
14
Wandula u‐Yesu ngoko wati kubo ekuhleni: u‐Lazarusi ufile;
15
kanjalo ndiyavuya ngenxa yenu ukuba ndibe ndingeko kona, ukuze nikolwe; noko masihambe siye kuye.
16
Wandula u‐Tomasi, o‐kutiwa ngu‐Didimusi, wati kubo abebengabadisipile naye: Masihambe siye nati, ukuze sife kwa naye.
17
Wati ngoko u‐Yesu akufika, wafumana ukuba ebesel’ eko encw̔abeni intsuku zane.
18
Kekaloku i‐Betaniya ibikufupi ne‐Yerusaleme, ingaba zizitadiya ezilishumi linazihlanu ukuba kude kwayo.
19
Baye abaninzi bakuma‐Juda bebefikile ku‐Marita no‐Mariya, ukuze babaku̔ze ngaye umninawe wabo.
20
Wandula u‐Marita, akuva ukuba u‐Yesu uyeza, waya wamhlangabeza: kodwa u‐Mariya ebehleli endlwini.
21
Wandula wati u‐Marita ku‐Yesu: Nkosi! ukuba ubulapa, umninawe wam ngeengafanga.
22
Noko kwa kaloku ndiyazi ukuba oko usukuba ucela kona kutixo, utixo wokunika kuwe.
23
Wati u‐Yesu kuye: Umninawe wako wobuya avuke.
24
Wati u‐Marita kuye: Ndiyazi ukuba wobuya avuke eluvukweni ngomhla wokupela.
25
Watsho u‐Yesu kuye ukuti: Mna ndilulo uvuko, ndibubo nobomi: okolwayo kum, nakuba afayo, uya kudla ubomi;
26
nosukuba esidla ubomi ekolwa kum, akasayi kufa napakade. Uyakolwa kuko oku na?
27
Wati kuye: Ewe, Nkosi! ndikoliwe ukuba wena unguye u‐Kristu, unyana katixo, ozayo elizweni.
28
Waza akuba ebetshilo wemka, waya wabiza u‐Mariya udade wake ngasese, esiti: Umfundisi ufikile, uyakubiza wena.
29
Wati yena akuva, wesuka msinya, waya kuye.
30
(Kekaloku u‐Yesu ebengekangenanga emzini, koko ebekulondawo apo u‐Marita wamhlangabeza kona.)
31
Andula ati ama‐Juda abenaye endlwini, abemku̔za ke, akubona u‐Mariya ukuba wesuka ngobunxamo wapuma, amlandela, esiti: Uya encw̔abeni, ukuze alile kona.
32
Wandula u‐Mariya, akufika apo u‐Yesu ebekona, wambona, wawa pantsi ngasezinyaweni zake, esiti kuye: Nkosi! ukuba ubulapa, ngeengafanga umninawe wam.
33
Wandula u‐Yesu, akumbona yena elila, nama‐Juda abezile naye elila, wavuswa kakulu emoyeni, wazikataza,
34
wati: Nimbekile pina? Bati kuye: Nkosi! yiza ubone.
35
Walila inyembezi u‐Yesu.
36
Abesiti ngoko ama‐Juda: Kangela, bekukukulu kangakanana ukumtanda kwake!
37
Kodwa inxenye kuwo ati: Lo ke owavula amehlo oyimfama, ange engenzanga na nokuba lo angafi?
38
Wandula u‐Yesu, evuswa kakulu kanjako pakati kwake, weza encw̔abeni. Belingumqolomba ke; kanjalo ilitye belilele ngakuwo.
39
Wati u‐Yesu: Susani ilitye: Wati kuye u‐Marita, udade wofileyo: Nkosi! usel’ enuka; ngokuba kuntsuku zine efile.
40
Wati u‐Yesu kuye: Andatsho kuwe na ukuti: Xeshekweni ukolwayo, uya kubona ubungcwalisa bukatixo?
41
Bandula basusa ilitye, apo ofileyo ebelele kona. Waza u‐Yesu wapakamisa amehlo ngapezulu, wati: Bawo! ndiyakubulela ukuba undivile.
42
Kodwa bendisazi ukuba uyandiva ngamaxesha onke: koko ngenxa yesihlwele esimiyo apa nditshilo, ukuze bakolwe ukuba unditumile wena.
43
Waza akuba ebetshilo wadanduluka ngelizwi elikulu, esiti: Lazarusi, puma!
44
Waza wapuma ofileyo, ebotshiwe izandla nenyawo ngezibopo zokuncw̔aba: kanjalo ubuso bake bebubotshelwe ngeqiya. Wati u‐Yesu kubo: Mkululeni, nimyeke ahambe.
45
Bati ngoko abaninzi bakuma‐Juda ababefikile ku‐Mariya, nezinto ezenzwayo ngu‐Yesu bazibona, bakolwa kuye.
46
Kodwa inxenye kuwo emka aya kubo abafarisi, abaxelela izinto abezenzile u‐Yesu.
47
Bandula abaperisite abakulu nabafarisi bahlanganisa intlanganiso yamapakati, bati: Siyenza nto nina? ngokuba lomntu esenza imimangaliso emininzi.
48
Nxa senje nje ukumyeka, bonke baya kukolwa kuye; aeya kuti ama‐Roma eze asihlute kwa nendawo nohlanga.
49
Waza omnye wakubo, u‐Kayafasi, engumperisite omkulu ngomnyaka lowo, wati kubo: Nina anazi luto,
50
anikumbuleli kanjalo ukuba kulungele tina, ukuba umntu emnye afe ngenxa yabantu, luze lwonke uhlanga lungabubi.
51
Oku ke akakuteta ngokwake; koko, engumperisite omkulu ngomnyaka lowo, waprofitesha ukuba u‐Yesu ebeza kufa ngenxa yohlanga olo;
52
bekungengenxa yohlanga olo lodwa, bekukukuba ahlanganisele kunye nosapo lukatixo oluci̔takeleyo.
53
Bandula bati emveni kwemini leyo bacebisana ukuba bambulale.
54
Ngako u‐Yesu wabengasahambi ekuhleni pakati kwama‐Juda, koko wemka apo waya elizweni elikufupi nentlango, esixekweni esi‐kutiwa yi‐Hefrayime, wahlala kona nabadisipile bake.
55
KEKALOKU ipasika yama‐Juda ibikufupi: baza benyuka abaninzi ezweni apo baya e‐Yerusaleme ingekabiko ipasika, ukuze bazicokise.
56
Bandula bamfuna u‐Yesu, bati omnye nomnye bemi etempileni: Niti nina ke? angezi emtendelekweni na?
57
Kanjalo nabaperisite abakulu nabafarisi bebenikile umyalelo, wokuba, xeshekweni umntu aziyo apo akona, makaxele, ukuze bambambe.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21