bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 4
John 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 5 →
1
XESHEKWENI ngoko yabisazi inkosi ukuba abafarisi beva kusitwa u‐Yesu ugqitisile u‐Johane ngokwenza nangokubapitizesha abadisipile,
2
(nangona bekungengu‐Yesu ngokwake obebapitizesha, bekungabadisipile bake,)
3
washiya i‐Judeya, wabuya wemkela e‐Galili.
4
Ebefanele ukuti ke acande i‐Samariya.
5
Weza kufika ngoko esixekweni sase‐Samariya esi‐kutiwa yi‐Sikare, kufupi nesahlulo somhlaba esanikwayo ngu‐Yakobi kunyana wake u‐Josefe.
6
Kekaloku umtombo ka‐Yakobi ubukona. U‐Yesu ngoko, ediniwe ngokuhamba kwake, ebehleli njalo ngasemtonjeni. Ibiyiyure yanga yeyesitandatu.
7
Weza umfazi wase‐Samariya ukuza kuka̔ amanzi. Wati u‐Yesu kuye: Ndipe ndisele.
8
(Ngokuba abadisipile bake bebemkile ukuya esixekweni, ukuze batenge ukutya.)
9
Wandula wati umfazi wase‐Samariya kuye: Yinina ukuba wena ungum‐Juda nje ucele ukusela kum, ondingum‐Samariyakazi? (Ngokuba ama‐Juda engadlelani nama‐Samariya.)
10
Wapendula u‐Yesu wati kuye: Ukuba ubusazi isipo sikatixo, nokuba ungubanina oti kuwe: Ndipe ndisele; unga ucele kuye, waye enga ete yena wakupa amanzi apilileyo.
11
Wati umfazi kuye: Nkosi! akunanto yokuka̔ ngayo; kanjalo iqula linzulu: uwazuza pina ngoko lamanzi apilileyo?
12
umkulu wena kubawo wetu u‐Yakobi na, owasipa eliqula, wasela kulo yena ngokwake, nosapo lwake, nenkomo zake?
13
Wapendula u‐Yesu wati kuye: Osukuba esela kuwo amanzi la, wobuya anxanwe:
14
kodwa lowo usukuba esela kulomanzi aya kuwapiwa ndim, akasayi kuza anxanwe napakade; koko lomanzi endiya kumpa wona, oba pakati kwake engumtombo wamanzi empompozela ebomini obungunapakade.
15
Wati umfazi kuye: Nkosi! ndipe lamanzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza apa ukuka̔.
16
Wati u‐Yesu kuye: Hamba, biza indoda yako, uze apa.
17
Wapendula umfazi wati: Andinandoda. Wati u‐Yesu kuye: Ulungisile ukuti: Andinandoda:
18
ngokuba ubunamadoda amahlanu; nangoku leyo unayo ayiyindoda yako: unyanisile ukutsho oko.
19
Wati umfazi kuye: Nkosi! ndiyabona ukuba ungumprofite.
20
Obawo betu babedesha kulentaba; nani niti ise‐Yerusaleme indawo apo kufanele ukubedesha kona.
21
Wati u‐Yesu kuye: Mfazi! kolwa ndim, ukuba ixeshana liyeza, xeshekweni ningayi kuti nakulentaba nase‐Yerusaleme nimbedeshe uyise.
22
Nina niyabedesha eningakwaziyo: tina siyabedesha esikwaziyo; ngokuba usindiso luvela kuma‐Juda.
23
Koko ixeshana lisiza, ewe liko ngoku, xeshekweni ababedeshi abayinyaniso baya kumbedesha uyise ngomoya nangenyaniso: ngokuba noyise efuna ukuba abambedeshayo babe ngabanjalo.
24
Utixo ungumoya; nabo bambedeshayo, bafanele ukubedesha ngomoya nangenyaniso.
25
Wati umfazi kuye: Ndiyazi ukuba u‐Mesiya uyeza; (o‐kutiwa ngu‐Kristu;) xeshekweni kufika lowo, wosishumayeza into zonke.
26
Wati u‐Yesu kuye: Mna nditetayo kuwe ndinguye.
27
Bati pezu kwoku bafika abadisipile bake, bati nqa ukuba ebeteta nomfazi: kodwa noko bekungeko owatshoyo ukuti: Ufuna nto nina? umhlaumbi ukuti: Yinina ukuba utete naye?
28
Wandula umfazi washiya umpanda wake, wemka waya esixekweni, wati ebantwini:
29
Yizani, nibone umntu, owandixelelayo zonke izinto endike ndazenza: lo unguye u‐Kristu na?
30
Bandula bapuma esixekweni, beza ukuza kuye.
31
Kekaloku pakati kwoku abadisipile bake bebemtandaza, besiti: Rabi! yidla.
32
Koko wati kubo: Mna ndinokutya ndikudle, eningakwaziyo nina.
33
Bebesiti ngoko abadisipile omnye kwomnye: Kuko omziseleyo into yokudla na?
34
Wati u‐Yesu kubo: Ukutya kwam kokokuba ndiyenze intando yonditumileyo, nokuba ndiwufeze umsebenzi wake.
35
Anitsho na ukuti: Kuseko inyanga ezine, kwandul’ ukufika ukuvuna? bona ke, nditi kuni: Pakamisani amehlo enu, nikangele amasimi, ukuba asel’ emhlope kuvunwe.
36
Uti novunayo uwamkele umvuzo, azibute izixakato zibe zezobomi obungunapakade; ukuze kwa nohlwayelayo novunayo bavuye kunye.
37
Nakuko oku siya zalisekiswa esositeto esiyinyaniso sokuti: Kuko omnye ohlwayelayo, nomnye ovunayo.
38
Ndanituma ukuvuna oko ningakusebenzelanga; abanye basebenzile, nani ningenile emisebenzini yabo.
39
Kekaloku ama‐Samariya amaninzi akwesosixeko akolwa kuye, ngenxa yelizwi lomfazi obenqi̔na ngokuti: Wandixelela zonke izinto endike ndazenza.
40
Kwa njalo xeshekweni ama‐Samariya atika kuye, ebemtandaza ukuba ahlale kuwo; waza wahlala kona intsuku zambini.
41
Aza amanye amaninzi ngakumbi akolwa ngenxa yelizwi lake,
42
ati kumfazi: Akusengenxa yokuteta kwako sikolwayo; ngokuba sivile tina ngokwetu, sazi nokwazi ukuba lo unguye ngenyaniso umsindisi welizwe, u‐Kristu.
43
Wati kekaloku emveni kwezontsuku mbini wapuma kona, wemka waya e‐Galili.
44
Ngokuba u‐Yesu ngokwake ebenqi̔nele ukuba umprofite akanakubekwa emzini wakowabo.
45
Xeshekweni ke wafika e‐Galili, ati ama‐Galili amamkela, ezibonile nje zonke izinto wazenzayo e‐Yerusaleme emtendelekweni: ngokuba nawo ebeye emtendelekweni.
46
Kwa njalo u‐Yesu wabuya weza e‐Kana yase‐Galili, apo abewenzile amanzi iveyine. Kwabekuko inkosana etile unyana wayo ebesifa e‐Kapenayume.
47
Yati yona le yakuva ukuba u‐Yesu ebepumile e‐Judeya wafika e‐Galili, yaya kuye, yamtandaza ukuba ehle ampilise unyana wayo: ngokuba ebeza kufa.
48
Wandula wati u‐Yesu kuyo: Xeshekweni ningaboni imiqondiso nemimangaliso, anisayi kukolwa.
49
Yati inkosana kuye: Nkosi! yihla engekabubi umntwana wam.
50
Wati u‐Yesu kuyo: Hamba; unyana wako upilile. Waza umntu lowo wakolwa lilizwi abelitetile kuye u‐Yesu, wahamba.
51
Kekaloku nxa ebesehla, izicaka zake zamkaulela, zashumayela zisiti: Umntwana wako upilile.
52
Wandula wabuza kuzo iyure waqilipala ngayo. Zaza zati kuye: Izolo ngeyure yesixe̔nxe icesine lamyeka.
53
Wazi ngoko uyise ukuba bekungaleyo iyure abetshilo u‐Yesu kuye ngayo ukuti: Unyana wako upilile. Waza wakolwa yena, nendlu yake yonke.
54
Lo kanjako ummangaliso wesibini wawenza u‐Yesu, akuba ebevele e‐Judeya wafika e‐Galili.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21