bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 14
John 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 15 →
1
MAINGAKATAZEKI intliziyo yenu: niyakolwa kutixo; kolwani nakum.
2
Endlwini kabawo kuko intlalo ezininzi: ukuba bekungenjalo, ngendinixelele. Ndiyemka ukuya kunilungisela indawo.
3
Nokuba nditi ndimke ndiye ndinilungisele indawo, ndiyeza kanjako, ndandiya kunamkela kwa kum; ukuze niti, apo ndikona mna, nibe kwa kona nani.
4
Kanjalo apo ndiya kona niyakwazi, nendlela niyayazi.
5
Wati u‐Tomasi kuye: Nkosi! asazi ukuba uya pina; singati nina ke indlela ukuyazi?
6
Wati u‐Yesu kuye: Mna ndiyiyo indlela, ndiyiyo nenyaniso, ndibubo nobomi: akuko mntu ozayo kubawo, engezi ngam.
7
Ukuba benindazile mna, ngeniba nimazile nobawo: nasemveni kwoku niyamazi, nimbonile kanjalo.
8
Wati u‐Filipi kuye: Nkosi! sibonise uyihlo, kuti oko kusikolise.
9
Wati u‐Yesu kuye: Kukade kangaka ndinani nje, akundazile na noko, Filipi? lowo undibonileyo mna, umbonile ubawo; uti nina ke wena ukuti: Sibonise uyihlo?
10
Akukolwa na ukuba ndikuye ubawo, nokuba ubawo ukum? lomazwi enditeta wona kuni, andiwateti ngokwam; kodwa ubawo ohlala kum, nguye oyenzayo imisebenzi.
11
Kolwani ndim ukuba ndikuye ubawo, nokuba ubawo ukum; okanye, kolwani ndim ngenxa yemisebenzi ngokwayo.
12
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Okolwayo kum, lomisebenzi endiyenzayo mna uya kuyenza naye; nemikulu kulé uya kuyenza; ngokuba ndimka ukuya kubawo.
13
Nento enisukuba niyicela egameni lam, yona le ndiya kuyenza; ukuze uyise enzelwe ubungcwalisa kuye unyana.
14
Xeshekweni into niyicela egameni lam, ndiya kuyenza.
15
Ukuba niyanditanda, gcinani imiyalelo yam.
16
Ndandiya kumtandaza ubawo, oya kuninika umonwabisi omnye, ukuze ahlale nani kude kube ngunapakade,
17
kwa umoya wenyaniso, lowo ilizwe lingemamkele, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi; kodwa nina niyamazi, ngokuba ehlala kuni, waeya kuba pakati kwenu kanjalo.
18
Andiyi kunishiya nizinkedama; ndoza kuni.
19
Kuselixesha elincinane, landule ilizwe lingabi sandibona; kodwa nina niyandibona: ngokuba ndisidla ubomi mna, niya kudla ubomi nani.
20
Kulowamhla niya kukwazi ukuba ndikuye ubawo, nokuba nina nikum, nokuba mna ndikuni.
21
Onayo imiyalelo yam, eyigcina nokuyigcina, nguye onditandayo; nalow̔o utanda mna, uya kutandwa ngubawo; ndoti nam ndimtande, ndizityile kuye.
22
Wati kuye u‐Jude, (engenguye u‐Sikariyoti:) Nkosi! kuhla nganina ukuba uza kuzityila kuti, ungenje njalo kanti kwilizwe?
23
Wapendula u‐Yesu wati kuye: Ukuba umntu uyanditanda, woligcina ilizwi lam; kanjalo ubawo uya kumtanda, sasiya kuza kuye, senze nentlalo yetu naye.
24
Lowo unganditandiyo, amazwi am akawagcini: nelizwi enilivayo, asi lelam, le likabawo owanditumayo.
25
Ezizinto ndizitetile kuni, ndi sa hlala nani.
26
Kodwa umonwabisi, kwa umoya oyingcwele, oya kutunywa ngubawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikumbuze zonke izinto endazitetayo kuni.
27
Uxolo ndiyalushiya kuni, olwam uxolo ndiyalunika kuni: akunjengokuba linika ilizwe endinika njalo kuni. Maingakatazeki intliziyo yenu, maingabi nabugwala kanjalo.
28
Nivile okokuba ndati kuni: Ndiyemka, ndibuye ndize kuni. Ukuba nanditanda, ngenivuyele okokuba ndati: Ndiyemka ukuya kubawo; ngokuba ubawo emkulu kum.
29
Nakaloku ndinixelele oku kungekehli; ukuze niti, xeshekweni kuhlayo, nikolwe.
30
Andiyi kuba sateta kakulu nani; ngokuba isiza inkosi yelilizwe, kanti ayinanto kum.
31
Koko kunje ke ukuze lazi ilizwe okokuba ndiyatanda ubawo; nokuba nditi, njengokuba endiyalele ubawo, ndenje njalo. Sukani, simke apa.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21