bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 21
John 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
1
EMVENI kwezizinto wabuya wazibonakalisa u‐Yesu kubadisipile, ngaselwandle lwase‐Tiberiyasi: kwaye kunje ke ukuzibonakalisa kwake:
2
Bebeko ndawonye u‐Simone Petrosi, no‐Tomasi okutiwa ngu‐Didimusi, no‐Natanayeli wase‐Kana ese‐Galili, nabo onyana baka‐Zebedi, nabanye kubo abadisipile bake bebabini.
3
Wati kubo u‐Simone Petrosi: Ndiyahamba ukuya kuloba intlanzi. Bati kuye: Siyeza nati kunye nawe. Bapuma ke, baya bangena enqanaweni kwa oko; kanti ngobobusuku ababamba nto.
4
Kekaloku kwakuba kuse kusile, wema u‐Yesu elunxwemeni: kodwa bebengazi abadisipile noko ukuba ngu‐Yesu.
5
Wandula wati kubo u‐Yesu: Bantwana! kuko intlanzi eninayo na? Bati ukumpendula: Hai.
6
Waza wati kubo: Posani utambo ngelokunene icala lenqanawa, naniya kufumana. Baluposa ke, baza basebekohlwa ukulutsala ngenxa yobaninzi bentlanzi.
7
Wati ngoko umdisipile lowo obetandwa ngu‐Yesu ku‐Petrosi: Yiyo inkosi. Wandula u‐Simone Petrosi, akuva ukuba yiyo inkosi, wazibinqa ngengubo yake yapezulu, (ngokuba ebeze,) waziwisa elwandle.
8
Kodwa abanye abadisipile beza ngomkombe, (ngokuba bebengekude nomhlaba, bebengati bazikubite ezimakulu mabini ukuba kude kwabo,) ber̔ola utambo lunentlanzi.
9
Bandula bati bakupumela emhlabeni, babona umlilo wamalahle umi kona, nentlanzi ilele pezu kwawo, nesonka.
10
Wati kubo u‐Yesu: Zisani kwezontlanzi nizibambileyo ngoku.
11
Wenyukela emkonjeni u‐Simone Petrosi, walutsala utambo pezu kwomhlaba, luzelezintlanzi ezinkulu, zilikulu elinamashumi mahlanu anantatu: kanti nangona zibe zininzi kangaka, alwaṙazuka utambo.
12
Wati kubo u‐Yesu: Yizani nidle. Kekaloku bekungeko namnye wabadisipile obenokukalipa kwokumbuza ukuti: Ungubanina? besazi ukuba yiyo inkosi.
13
Wandula weza u‐Yesu, watabata isonka eso, wabanika; wenje njalo nangentlanzi.
14
Eli selilixesha lesitatu wazibonakalisayo u‐Yesu kubadisipile bake, akuba ebevukile ekufeni.
15
Kekaloku xeshekweni bebedlile, wati u‐Yesu ku‐Simone Petrosi: Simone, nyana ka‐Jona! uyanditanda na ngokukulu kubo aba? Wati kuye: Ewe, Nkosi! uyazi ukuba ndiyakutanda. Wati kuye: Dlisa imvana zam ukutya.
16
Wati kuye kanjako ngokwesibini: Simone, nyana ka‐Jona! uyanditanda na? Wati kuye: Ewe, Nkosi! uyazi ukuba ndiyakutanda. Wati kuye: Yalusa izimvu zam.
17
Wati kuye ngokwesitatu: Simone, nyana ka‐Jona! uyanditanda na? Waba lusizi u‐Petrosi ukuba wati kuye ngokwesitatu: Uyanditanda na? Waza wati kuye: Nkosi! uyazazi zonke izinto; uyazi ukuba ndiyakutanda. Wati u‐Yesu kuye: Dlisa izimvu zam ukutya.
18
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Okuya ubusemtsha, ubuzibinqa ngokwako, wahamba apo ubutanda ukuhamba kona; kodwa xeshekweni uba mdala, uya kuzolula izandla zako, waeya kuti omnye akubinqe, akuse apo ungatandi ukuya kona.
19
Oku ke wakutsho, eqondisa ukuba kukufa okunina uya kumenzela utixo ubungewalisa ngako. Waza akuba ebetshilo oku, wati kuye: Ndilandele.
20
Waza u‐Petrosi, ejikile nje, wabona lomdisipile obetandwa ngu‐Yesu elandela; obete kanjalo wahlala pantsi esidlweni sokuhlwa ngasesifubeni sake, wati: Nkosi! ungubanina okungcatshayo?
21
Wati u‐Petrosi ku‐Yesu, akumbona lo: Nkosi! naló wotiwa nina?
22
Wati u‐Yesu kuye: Ukuba ndiyatanda okokuba ahlale yena ndide ndize, kuyinto nina kuwe oko? ndilandele wena.
23
Kwandula kwapuma isiteto esi pakati kwabazalwana, sokuba umdisipile lowo akayi kufa: kanti u‐Yesu akatsho kuye ukuti, akayi kufa; wati: Ukuba ndiyatanda okokuba ahlale yena ndide ndize, kuyinto nina kuwe oko?
24
Lo unguye umdisipile onqi̔nayo ngazo ezizinto, owaziba̔layo kanjalo; siyazi ke ukuba ubunqi̔na bake buyinene.
25
Kuko kwa nezinye izinto ezininzi owazenzayo u‐Yesu, eziti, ukuba beziya kuba̔lwa ezinye ngezinye, ndiba kwa lona ilizwe ngelingazifumaneli indawo incwadi ezibe ziba̔lwa. Amene.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21