bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 2
John 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 3 →
1
KWAZA ngomhla wesitatu kwabako umtshato e‐Kana yase‐Galili; waye unina ka‐Yesu ebekona.
2
Kwamenywa no‐Yesu, nabadisipile bake, ukuza emtshatweni.
3
Kwati kwakupela iveyine, wati unina ka‐Yesu kuye: Abanaveyine.
4
Wati u‐Yesu kuye: Ndiyinto nina kuwe, Mfazi? alikafiki ixeshana lam.
5
Wati unina kubakonzi: Into asukuba eyitsho kuni, yenzeni.
6
Kwaye kumi kona imipanda yelitye mitandatu, ngesiko lokuhlambulula kwama‐Juda, ibamba ngeminye ibate zimbini umhlaumbi zintatu.
7
Wati u‐Yesu kubo: Zalisani imipanda ngamanzi. Bayizalisa ke kwada kwakuwo umpeto.
8
Waza wati kubo: Tululani kaloku, nitwalele kumpati womtendeleko. Batwala ke.
9
Kekaloku nxa umpati womtendeleko ebevile lomanzi abenzwe iveyine, engazi ukuba ivela pina; (kodwa bebesazi abakonzi abebetulule amanzi:) umpati womtendeleko wambiza umyeni,
10
wati kuye: Bonke abantu bayabeka iveyine elungileyo kuqala; bati xeshekweni kukolisile ukuselwa, bandule babeke leyo imbi kuyo: wena uyigcinile iveyine elungileyo kwada kwakaloku.
11
Oku ukuqala kwemimangaliso yake wakwenza u‐Yesu e‐Kana yase‐Galili, wabonakalisa ubungewalisa bake; baza bakolwa kuye abadisipile bake.
12
Emveni kwoku wehla waya e‐Kapenayume, yena, nonina, nabazalwana bake, nabadisipile bake: baza bahlala kona intsuku ezingeninzi.
13
KWAYE kube kuba kufupi ipasika yama‐Juda, wati u‐Yesu wenyukela e‐Yerusaleme.
14
Waza wabafumana etempileni abebetengisa ngenkabi nangezimvu nangamahobe, nabananisi bemali behleli.
15
Wati akuba ebenze iziniya ngentanjana, wabagxota bonke etempileni, kwa nezimvu nenkabi, wapalaza imali yabananeli, netafile zabo wazipenula;
16
nabo abebetengisa ngamahobe watsho kubo ukuti: Susani apa ezizinto: ningayenzi indlu kabawo indlu yentengo.
17
Baza bakumbula abadisipile bake ukuba kuba̔liwe ukuti: Ukuzondelela kwam indlu yako undidlile.
18
Andula apendula ama‐Juda ati kuye: Ngumqondiso mnina usibonisa wona, usenza ezizinto nje?
19
Wapendula u‐Yesu wati kuwo: Ci̔tani itempile le, ndandiya kubuya ndiyimise pakati kwentsuku ntatu.
20
Andula ati ama‐Juda: Yiminyaka emashumi mane anamitandatu itempile le ibisakiwa ngayo; nawe woyimisa pakati kwentsuku ntatu na?
21
Kodwa yena ebesitsho ngayo itempile yomzimba wake.
22
Ngako okuya abevukile ekufeni, bakumbula abadisipile bake ukuba ebekutsho oku kubo: baza bakolwa sisiba̔lo, nalilizwi abelitetile u‐Yesu.
23
Kekaloku xeshekweni ebese‐Yerusaleme epasikeni, emtendelekweni, abaninzi bakolwa egameni lake, bebona imimangaliso yake abeyenza.
24
Kodwa u‐Yesu ngokwake ebengazinikeli kubo, ngenxa yokuba ebesazi abantu bonke,
25
nangokuba ebengasweli ukuba kunqi̔nwe mntu ngoluntu; kuba ebesazi ngokwake oko kube kuko ebantwini.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21