bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 7
John 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 8 →
1
EMVENI kwezizinto ke wabehamba u‐Yesu e‐Galili: ngokuba ebengavumi ukuhamba e‐Judeya, kuba ama‐Juda ebefuna ukumbulala.
2
Kekaloku umtendeleko wama‐Juda, owamapempe, ubukufupi.
3
Bati ngoko kuye abazalwana bake: Puma apa, uye e‐Judeya, ukuze abadisipile bako nabo bakangele imisebenzi uyenzayo.
4
Ngokuba kungeko mntu owenza into ngasese, nxa afuna ukuba yena ngokwake abe nokwazeka. Ukuba ezizinto uyazenza, zibonakalise kwilizwe.
5
Ngokuba nabazalwana bake bebengakolwa kuye.
6
Wandula wati kubo u‐Yesu; Elam ixesha alikafiki; kodwa elenu ixesha lilungile futi.
7
Ilizwe alingetiye nina: kodwa mua liyanditiya, ngokuba ndinqi̔na ngalo, ukuba imisebenzi yalo ikohlakele.
8
Nina nyukelani kuwo umtendeleko lo: mna andikanyukeli kuwo umtendeleko lo; ngokuba elam ixesha alikazalisekile.
9
Kekaloku akuba etshilo oku, wahlala e‐Galili.
10
Kodwa xeshekweni bebenyuke abazalwana bake, wandula wenyuka naye waya emtendelekweni, bekungesekuhleni, bekunjengokungati kungasese.
11
Abesiti ngoko ama‐Juda amfuna emtendelekweni, ati: Upina yena?
12
Kwaye kuko nokudumzela okuninzi ngaye pakati kwezihlwele: babesiti ke inxenye: Ulungile; babesiti nabanye: Hai: koko alahlekisa isihlwele.
13
Kodwa noko bekungeko mntu obeteta ngaye ekuhleni, ngenxa yokwoyika ama‐Juda.
14
Kekaloku kwakuba kuse kupakati kwomtendeleko, wati u‐Yesu wenyukela etempileni, wafundisa.
15
Aza ati nqa ama‐Juda, esiti: Ute nina lo ukwazi ufundo, engafundanga nje?
16
Wawapendula u‐Yesu, wati: imfundiso yam asi yeyam, yeyalowo wanditumayo.
17
Ukuba umntu uyavuma ukuyenza intando yake, uya kwazi ngayo imfundiso yam, ukuba ivela kutixo, ukuba nditeta ngokwam, kusinina.
18
Otetayo ngokwake, uyafuna obake ubungcwalisa; kodwa obufuna ubungcwalisa balowo wamtumayo, yena lo uyinene, kungeko ukungalungi kuye,
19
u‐Mosesi akaninikanga umteto na? kanti akuko namnye kuni owenzayo umteto. Yinina ukuba nifuna ukundibulala?
20
Sapendula isihlwele sati: Unedemoni; ngubanina ofunayo ukukubulala?
21
Wapendula u‐Yesu wati kubo: Ndawenza umsebenzi wamnye, nani niti nqa nonke.
22
Ngenxa yoku u‐Mosesi uninikile ulwaluko, kungekukuba luvela ku‐Mosesi, kukuba luvela koyihlo; nani niti ngemini yesabata nimaluse umntu.
23
Ukuba ukwaluka umntu uyakwamkela ngemini yesabata, ukuze kungapulwa umteto ka‐Mosesi: nindiqumbele na, ngokuba ndimpilisile umntu umzimba wonke ngemini yesabata?
24
Ningagwebi ngokubonakalayo, koko ukugweba okulungileyo kugwebeni.
25
Bandula bati inxenye yabase‐Yerusaleme: Asi nguye na lo, abafuna ukumbulala?
26
Kanti nanku eteta ngokukalipa, bengati luto kuye noko. Kanene abapati baqinisile ukwazi na ukuba lo unguye u‐Kristu ngenyaniso?
27
Koko lo simazi ukuba uvela pina; kodwa u‐Kristu okuya afikayo, akuko mntu owaziyo ukuba uvela pina.
28
Wandula wadanduluka u‐Yesu, efundisa etempileni, esiti nokuti: Ewe mna niyandazi, nokuba ndivela pina niyakwazi; kanti andizanga ngokwam, koko owanditumayo uyinyaniso, eniti nina ningamazi.
29
Kodwa ndiyamazi mna; ngokuba ndivela kuye, kanjalo yena wandituma.
30
Babefuna ngoko ukumbamba: kanti bekungeko mntu owabeka isandla pezu kwake, ngokuba ixeshana lake belingekafikanga.
31
Kodwa abaninzi basesihlweleni bakolwa kuye, bati: u‐Kristu okuya afikayo, woka ayenze na imimangaliso emininzi kulé ayenzileyo lo?
32
Bati abafarisi beva isihlwele sidumzela ezizinto ngaye: baza abafarisi nabaperisite abakulu batuma amadindili, ukuze ambambe.
33
Wandula wati kubo u‐Yesu: Lixesha elincinane endisenani ngalo, ndize ndiye kulowo wanditumayo.
34
Niya kundifuna, kanti aniyi ku ndi fumana; nalapo ndikoyo mna, aningeze nina kona.
35
Andula ati ama‐Juda pakati kwawo: Lo uza kuya pina, ukuba asiyi kumfumana? uza kuti na aye kwabaci̔takeleyo pakati kwama‐Girike, awafundise ama‐Girike nje?
36
Lelanina eli ilizwi walitshoyo ukuti: Niya kundifuna, kanti aniyi ku ndi fumana; nalapo ndikoyo mna, aningeze nina kona?
37
Kekaloku ngomhla wokupela, ongomkulu womtendeleko, wema u‐Yesu, wadanduluka esiti: Ukuba uti umntu anxanwe, makeze kum, asele.
38
Okolwayo kum, njengokuba sisitsho isiba̔lo, imilambo yamanzi apilileyo iya kwela kwa sembilini wake.
39
(Kodwa oku wakutsho ngomoya, abebeza kumamkela abakolwayo kuye: ngokuba umoya oyingcwele ebengekabiko, kuba u‐Yesu ebengekenzelwe ubungcwalisa.)
40
Babesiti ngoko abaninzi basesihlweleni, bakuva isiteto eso: Ngenyaniso lo ungumprofite lowo.
41
Babesiti abanye: Lo unguye u‐Kristu. Kodwa babesiti abanye: Pofu u‐Kristu uvela e‐Galili na?
42
Asitshilo na isiba̔lo ukuti, u‐Kristu uvela kwinzalo ka‐Davide, nase‐Beteleheme, emzini apo u‐Davide ebekona?
43
Kwabako ngoko impambano pakati kwesihlwele ngenxa yake.
44
Babefuna ke inxenye kubo ukumbamba; koko bekungeko mntu owabeka izandla pezu kwake.
45
Andula eza amadindili lawo kubo abaperisite abakulu nabafarisi; abati kuwo bona: Kunganina ukuba animzisanga?
46
Ati amadindili ukupendula: Akuzanga kutete njalo umntu, njengokuba etete lomntu.
47
Bandula bati abafarisi ukuwapendula: Nikohlisiwe nani na?
48
kuko na owakubapati okoliweyo kuye, umhlaumbi owakubafarisi?
49
koko isihlwele esi, esingawaziyo umteto, siqalekisiwe.
50
Wati u‐Nikodemo kubo: (lowo wezayo ngobusuku kuye, engomnye wakubo:)
51
Umteto wetu uyagweba umntu na, ukuba awuti tanci uve kuye, uqonde into ayenzayo?
52
Bapendula bati kuye: Ungowase‐Galili nawe na? pengulula, ubone ukuba akuvukanga mprofite e‐Galili.
53
Baza bati bonke ngabanye baya ezindlwini zabo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21