bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 13
John 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 14 →
1
KEKALOKU ingekabiko ipasika, wati u‐Yesu, esazi ukuba lifikile ixeshana lake, lokuba emke kwelilizwe aye kuyise, ebatandile abake abebeselizweni, wabatanda kwada kwasekupeleni.
2
Kwaza kwakubako isidlo sokuhlwa, u‐Satane esel’ efakile nje entliziyweni ka‐Jude Sikariyoti, unyana ka‐Simone, okokuba amngcatshe,
3
wati u‐Yesu, esazi ukuba zonke izinto uzinikile uyise ezandleni zake, nokuba wapuma kutixo, no kuba uyaya kutixo,
4
wesuka esidlweni sokuhlwa, wazibeka pantsi ingubo, watabata iqiya, wazibinqa.
5
Wandula wagalela amanzi esityeni, waqala ukuhlanza inyawo zabadisipile, nokuzisula ngeqiya leyo ubebinqiwe ngayo.
6
Wada weza ku‐Simone Petrosi: waza wati yena lowo kuye: Nkosi! wena uyahlanza inyawo zam na?
7
Wapendula u‐Yesu wati kuye: Oko ndikwenzayo akukwazi ngoku; kodwa uya kukuqonda kamva.
8
Wati u‐Petrosi kuye: Akusayi kuhlanza inyawo zam kwa napakade. Wati u‐Yesu ukumpendula: Xeshekweni ndingakuhlanzi, akunabukolwane nam.
9
Wati u‐Simone Petrosi kuye: Nkosi! kungabi zinyawo zam zodwa, kube zizandla nentloko nazo.
10
Wati u‐Yesu kuye: Lowo uhlanjiweyo akasweli luto ngapezu kwokuba zihlanzwe inyawo, koko ehlambululekile epela: nani nihlambululekile, koko ningenjalo nonke.
11
Ngokuba ebesazi lowo ubemngcatsha; kungenxa yoku wati: Anihlambululekile nonke.
12
Xeshekweni ngoko ebehlanzile inyawo zabo, wazitabata nengubo zake, wabuya wahlala pantsi, wati kubo: Niyaqonda na into endiyenzileyo kuni?
13
Niyandibiza ngokuti, Mfundisi, nangokuti, Nkosi: kanjako niyalungisa ukutsho: ngokuba ndinjalo.
14
Ukuba ngoko ndizihlanzile mna inyawo zenu, ndiyinkosi nomfundisi, nifanelwe kukuti nani nihlanzelane inyawo.
15
Ngokuba ndininikile umzekelo, ukuze niti, njengokuba ndenze mna kuni, nenje njalo nani.
16
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Akuko sicaka esikulu kwinkosi yaso, nomtunywa omkulu kowamtumayo.
17
Ukuba ezizinto niyazazi, ninetamsanqa xeshekweni nizenzayo.
18
Anditeti ngani nonke; ndiyabazi mna abo ndabanyulayo; koko kunje ke ukuze sizaliseke isiba̔lo sokuti: Obesidla isonka ndawonye nam, upakamisile isitende sake ngakum.
19
Emveni kwoku ndiyanixelela kungekehli, ukuze niti, xeshekweni kuhlayo, nikolwe ukuba ndinguye.
20
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Owamkela osukuba etunywa ndim, uyamkela mna: nowamkela mna, uyamkela owanditumayo.
21
Akuba ebekutshilo oku u‐Yesu, wakatazeka emoyeni, wanqi̔na, wati: Ngokwenene, ngokwenene nditi kuni, omnye kuni wondingcatsha.
22
Bandula abadisipile bakangelana, betandabuza ukuba uteta ngobanina?
23
Kekaloku bekuhleli ekutyeni esifubeni sika‐Yesu omnye wabadisipile bake, obetandwa ngu‐Yesu.
24
Wati ngoko u‐Simone Petrosi wakoba kuye lo, ukuba abuze kungaba ngubanina ateta ngaye.
25
Waza yena wayama esifubeni sika‐Yesu, wati kuye: Nkosi! ungubanina?
26
Wati u‐Yesu ukupendula: Ngulowo endiya kunika umtamo kuye, ndakuba ndiwufakile. Waza akuba ebewufakile wawunika ku‐Jude Sikariyoti, unyana ka‐Simone.
27
Kwati emveni kwomtamo, wandula wangena kuye u‐Satane. Wati ngoko u‐Yesu kuye: Oko ukwenzayo, kwenze kamsinyane.
28
Kekaloku bekungeko mntu pakati kwabahleli ekutyeni owaqonda ukuba watsho kuye nganina.
29
Ngokuba bebeba inxenye, u‐Jude enenxowa nje, wati u‐Yesu kuye: Tengela umtendeleko izinto esizisweleyo; umhlaumbi, ukuba awape amahlwempu into.
30
Yena ngoko, akuba ebewamkele umtamo, waselepuma: kwaye kububusuku ke.
31
Ngako xeshekweni ebepumile, wati u‐Yesu: Kaloku unyana wesintu uyenzelwa ubungcwalisa, notixo uyenzelwa ubungcwalisa kuye.
32
Ukuba utixo uyenzelwa ubungcwalisa kuye, naye utixo uya kwenzela yena ubungcwalisa kuye ngokwake, waeya kumenzela ubungcwalisa kamsinya.
33
Lusatshana! lixesha elincinane endisenani ngalo. Niya kundifuna; nanjengokuba ndati kuma‐Juda: Apo ndiyayo mna, aningeze nina kona; nditsho nakuni ngoku.
34
Umyalelo omtsha ndiyawunika kuni, ukuba nitandane; njengokuba nditandile nina, ukuba nani nitandane kwa njalo.
35
Ngako oku baya kukwazi bonke ukuba ningabadisipile bam, ukuba ninotando omnye kwomnye.
36
Wati u‐Simone Petrosi kuye: Nkosi! uya pina? Wati u‐Yesu ukumpendula: Apo ndiya kona, akungendilandele kaloku; kodwa uya kundilandela kamva.
37
Wati u‐Petrosi kuye: Nkosi! kunganina ukuba andingekulandele ngoku? ubomi bam ndobubeka pantsi ngenxa yako.
38
Wati u‐Yesu ukumpendula: Ubomi bako wobubeka pantsi ngenxa yam na? Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Inkuku ayisayi kulila, ungekandikanyeli katatu.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21