bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 3
John 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 4 →
1
Kwaye kuko umntu wakubo abafarisi, ogama lalingu‐Nikodemo, umpati wama‐Juda:
2
yena lo weza ku‐Yesu ngobusuku, wati kuye: Rabi! siyazi ukuba ungumfundisi ovele kutixo; ngokuba kungeko mntu ongayenzayo lemimangaliso oyenzayo wena, nxa utixo angenaye.
3
Wapendula u‐Yesu wati kuye: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Xeshekweni umntu angazalwanga ngokutsha, akangebone ubukumkani bukatixo.
4
Wati u‐Nikodemo kuye: Angati nina umntu ukuzalwa akuba mdala? angangena esizalweni sonina ngokwesibini na, azalwe ke?
5
Wati u‐Yesu ukupendula: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Xeshekweni umntu angazalwanga ngamanzi na ngumoya, akangangene ebukumkanini bukatixo.
6
Okuzelweyo yinyama, kuyinyama; nokuzelweyo ngumoya, kungumoya.
7
Ungabi nakuti nqa ukuba ndati kuwe: Nifanele ukuzalwa ngokutsha.
8
Umoya uyavutela apo utanda ukuvutela kona, nesandi sawo uyasiva; koko ungazi ukuba uvela pina, nokuba usinga pina: unjalo osukuba ezelwe ngumoya.
9
Wapendula u‐Nikodemo wati kuye: Zingati nina ezizinto ukubako?
10
Wapendula u‐Yesu wati kuye. Unguye umfundisi wo‐Sirayeli na, nezizinto akuzazi?
11
Ngokwenene, Ngokwenene nditi kuwe: Oko sikwaziyo siyakuteta, noko sikubonileyo siyakunqi̔nela; nokunqi̔na kwetu anikwamkeli.
12
Ukuba ndinixelele izinto zasemhlabeni, naza anakolwa, noti nina ukukolwa, xeshekweni ndinixelela izinto zasezulwini?
13
Kanjalo akuko mntu onyukeleyo ezulwini, kupela lowo wehlayo ezulwini, kwa unyana wesintu osezulwini.
14
Nanjengokuba u‐Mosesi wapakamisa inyoka entlango, kwa njalo ufanele ukupakanyiswa unyana wesintu;
15
ukuze osukuba ekolwa kuye angabubi, koko abe nobomi obungunapakade.
16
Ngokuba utixo walitanda ilizwe kangaka, wada wanika unyana wake okupela kwozelweyo, ukuze osukuba ekolwa kuye angabubi, koko abe nobomi obungunapakade.
17
Ngokuba utixo engatumanga unyana wake elizweni, ukuze aligwebe ilizwe; koko wamtuma ukuze ilizwe lisindiswe ngaye.
18
Okolwayo kuye akanakugwetywa; kodwa ongakolwayo usel’ egwetyiwe, ngokokuba engakolwanga egameni lonyana okupela kwozelweyo katixo.
19
Kuko oku ke okugwebayo, ukuba ukukanya kungenile elizweni, kanti abantu babutanda ubumnyama ngapezu kwako ukukanya; ngokuba imisebenzi yabo ibikohlakele.
20
Ngokuba lowo usukuba ekwenza okubi ekutiya ukukanya, engezi ekukanyeni kanjako, ukuze imisebenzi yake ingohlwaywa.
21
Kodwa lowo uyenza inyaniso uyeza ekukanyeni, ukuze imisebenzi yake ibonakaliswe, ukuba yenziwe kutixo.
22
EMVENI kwezizinto weza u‐Yesu nabadisipile bake ezweni le‐Judeya; wahlala nabo apo ke, wabapitizesha.
23
Waye kekaloku no‐Johane ebapitizesha e‐Enoni kufupi ne‐Salime, kuba bekuko amanzi amaninzi kona: baye besiza abantu, babapitizeshwa.
24
Ngokuba u‐Johane ebengekaposelwanga entolongweni.
25
Kwandula kwesuka umbuzo ngecala labadisipile baka‐Johane nama‐Juda ngako ukuhlambulula.
26
Baza beza ku‐Johane, bati kuye: Rabi! lowo ubenawe pesheya kwe‐Yoredane, omnqi̔neleyo wena, kangela, yena lo uyabapitizesha, bati bonke beze kuye.
27
Wapendula u‐Johane wati: Umntu akangamkele nto, xeshekweni inganikwanga kuye ivela ezulwini.
28
Nina ngokwenu niyandinqi̔nela ukuba ndati: Andinguye u‐Kristu, koko nditunyiwe pambi kwake.
29
Onaye umtshakazi, ungumyeni; kodwa umhlobo womyeni, omiyo esiva nokuva yena, uyavuya kunene ngenxa yelizwi lomyeni: ngako olu uvuyo lwam luzalisekile.
30
Ufanele yena ukwanda, kodwa ndifanele mna ukuncipa.
31
Ovela pezulu, upezu kwabo bonke; lowo ungowasemhlabeni, ungowasemhlabeni, eteta nokwasemhlabeni: ovela ezulwini, upezu kwabo bonke;
32
noko akubonileyo wakuva, oku uyakunqi̔nela; nokunqi̔na kwake akuko mntu okwamkelayo.
33
Owamkeleyo ukunqi̔na kwake, uncamatisele okokuba utixo uyinene.
34
Ngokuba lowo utixo wamtumayo ewateta amazwi katixo: ngokuba utixo enga m niki umoya ngokulinganisa.
35
Uyise uyamtanda unyana, nento zonke uzinikele esandleni sake.
36
Okolwayo kunyana, unobomi obungunapakade; kodwa lowo ungakolwayo kunyana, akayi kubona ubomi, koko ingqumbo katixo ihlala pezu kwake.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21