bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 16
John 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 17 →
1
EZIZINTO ndizitetile kuni, ukuze ningaxakaniswa.
2
Baya kuniku̔pa ezintlanganisweni; ewe kuyeza ixeshana, lokuba lowo usukuba enibulala woba uyanikela isikonzo kutixo.
3
Nezizinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga ubawo, bengand azanga nam.
4
Koko ezizinto ndizitetile kuni, ukuze niti, okuya ixeshana lifikayo, nizikumbule ukuba ndanixelela zona: kodwa andinixelelanga ezizinto kwa sekuqaleni, ngokuba bendiko nani.
5
Kodwa kaloku ndiyemka ukuya kulowo wanditumayo; kanti akuko namnye kuni obuza kum ukuti: Uya pina?
6
Koko ngokuba ezizinto ndizitetile kuni, usizi luzalisile intliziyo yenu.
7
Noko ndiyanixelela inyaniso: Kulungele nina ukuba ndimke: ngokuba, xeshekweni ndingemki mna, umonwabisi engayi kuza kuni; kodwa xeshekweni ndiyayo, ndiya kumtuma kuni.
8
Waeya kuti akufika yena eyise ilizwe ngaso isono, nangabo ubulungisa, nangako ukugwetywa:
9
ngaso isono ke, ngokuba bengakolwa kum;
10
nangabo ubulungisa, ngokuba ndimka ukuya kubawo, nize ningabi sandibona;
11
nangako ukugwetywa, ngokuba inkosi yelilizwe igwetyiwe.
12
Ndisenazo izinto ezininzi zokuteta kuni, koko ningezinyamezele ngoku.
13
Kodwa okuya afikayo yena, kwa umoya wenyaniso, uya kunikapela kuyo yonke inyaniso: ngokuba engayi kuteta ngokwake; koko konke asukuba ekuva, uya kuteta kona; nezinto ezizayo uya kuzishumayela kuni.
14
Oyena uya kundenzela ubungcwalisa; ngokuba eya kwamkela kokwam, akushumayele kuni.
15
Zonke ezonto anazo ubawo, zizezam: ngenxa yoku ndatsho ukuti, uya kwamkela kokwam, akushumayele kuni.
16
Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona; ngokuba ndimka ukuya kubawo.
17
Bati ngoko inxenye kubadisipile bake omnye kwomnye: Yinto nina le ayitshoyo ukuti: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona; nokuti: Ngokuba ndimka ukuya kubawo?
18
Babesiti ngoko: Yinto nina le ayitshoyo ukuti: Lixesha elincinane? asazi ukuba uteta nto nina.
19
Wazi kekaloku u‐Yesu ukuba bebefuna ukumbuza, waza wati kubo: Niyabuzana ngako oku na, ukuba ndati: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona?
20
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niya kulila nikale nina, kodwa ilizwe liya kuvuya; naniya kuba lusizi, koko usizi lwenu luya kwenziwa lube luvuyo.
21
Umfazi okuya azalayo unosizi, ngokuba lifikile ixeshana lake; kodwa okuya amzeleyo umntwana, akasabukumbuli ubunzima, ngenxa yovuyo lwake lwokuba umntu uzalelwe elizweni.
22
Nani ke kambe ninosizi kaloku; kodwa ndiya kunibona kanjako, yaiya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akuko namnye onihluta lona.
23
Ngalomini ke aniyi kundibuza nto. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Oko enisukuba nikucela kubawo egameni lam, uya kunipa kona.
24
Kwada kwakaloku anicelanga nto egameni lam: celani, naniya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu lube luzalisekile.
25
Ezizinto ndizitetile kuni ngemizekeliso; kodwa ixeshana liyeza, oko ndingayi kuba sateta kuni ngemizekeliso, koko ndiya kushumayela kuni kwa sekuhleni ngaye ubawo.
26
Ngalomini niya kucela egameni lam: anditsho ke kuni ukuti, ndiya kunitandazela ubawo:
27
ngokuba ubawo ngokwake enitanda, kuba nitandile mna, nakolwa ukuba ndapuma kutixo.
28
Ndapuma kubawo, ndize elizweni ke; kanjako, ndiyalishiya ilizwe, ndiye kubawo.
29
Bati kuye abadisipile bake: Kangela, kaloku uyateta kwa sekuhleni, ungasateti ngomzekeliso ke.
30
Kaloku siyazi ukuba uyazazi zonke izinto, ungasweli ukuba ubuzwe mntu kanjalo; ngako oku siyakolwa ukuba wapuma kutixo.
31
Wati u‐Yesu ukubapendula: Niyakolwa kaloku nje na?
32
Bona ke, ixeshana liyeza, ewe lifikile ngoku, lokuba niya kuci̔twa, nisiya nonke ngabanye emakayeni enu, niti mna nindishiye ndedwa: andindedwa noko, ngokuba ubawo enam.
33
Ezizinto ndizitetile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Elizweni niya kuba nobunzima; kodwa yomelelani; ndiloyisile ilizwe mna.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21