bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 10
John 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 11 →
1
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Lowo ungangeniyo ngesango esibayeni sezimvu, koko ekwela ngayimbi indawo, oyena ulisela nebada.
2
Kodwa lowo ungenayo ngesango, ungumalusi wezimvu.
3
Lo umgcinisango uyamvulela; nelizwi lake izimvu ziyaliva: nezake izimvu uyazibiza ngegama ngegama, azikokele pandle.
4
Naxeshekweni aziku̔payo ezake izimvu, uyahamba pambi kwazo; ziti izimvu zimlandele, ngokuba zilazi ilizwi lake.
5
Kodwa owasemzini azisayi kumlandela, koko ziya kubaleka kuye; ngokuba zingalazi ilizwi labasemzini.
6
Lomzekeliso u‐Yesu wawuteta kubo: kodwa bona abaqonda ukuba zibe zisiti nina ezozinto wabeziteta kubo.
7
Wati ngoko u‐Yesu kubo kanjako: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Mna ndililo isango lezimvu.
8
Bonke abo abezayo ndingekabiko mna, bangamasela namabada: koko izimvu zingabevanga.
9
Mna ndililo isango: xeshekweni umntu angena ngam, uya kusindiswa; waeya kungena apume nokupuma, afumane nedlelo.
10
Olisela uyeza ukuba ebe̔, abulale, atshabalalise, kupela: ndeza mna ukuba babe nobomi, nokuba babe nabo ngobuninzi.
11
Mna ndinguye umalusi olungileyo: ongumalusi olungileyo ubomi bake uyabubeka pantsi ngenxa yazo izimvu.
12
Kodwa ongumqeshwa, engengumalusi nje, lowo izimvu zingezezake, uyayibona incu̔ka isiza, azishiye izimvu, abaleke; ize iti incu̔ka iziqwenge, izici̔te izimvu.
13
Kekaloku ongumqeshwa uyabaleka, ngokuba engumqeshwa, engayikataleli izimvu ke.
14
Mna ndinguye umalusi olungileyo; nezam izimvu ndiyazazi, kanjalo ndiyaziwa zezam,
15
njengokuba ubawo endazi mna, nam ndimazi ubawo; nobomi bam ndiyabubeka pantsi ngenxa yazo izimvu.
16
Nezinye izimvu ndinazo, ezingezezakuso isibaya esi; ezo nazo ndifanele ukuzizisa, nelizwi lam ziya kuliva; kwakuya kubako umhlambi umnye, n omalusi emnye.
17
Ngenxa yoku ubawo uyanditanda, ukuba ndibubeka pantsi ubomi bam, ukuze ndibuye ndibutabate.
18
Akuko mntu ondihluta bona, koko ndibubeka pantsi ngokwam. Ndinegunya lokuba ndibubeke pantsi, ndinegunya lokuba ndibuye ndibutabate kanjalo. Lomyalelo ndawamkela kubawo.
19
Kwabako impambano ngoko kanjako pakati kwama‐Juda ngenxa yeziteto ezi.
20
Bati ke abaninzi kuwo: Unedemoni, uyageza; yinina ukuba nimve?
21
Bati abanye: Lamazwi akangawalowo ungenelwe yidemoni. Idemoni ingavula amehlo abazimfama na?
22
KEKALOKU kwabako umtendeleko wokutwasiswa e‐Yerusaleme; bekububusika kanjalo.
23
Waye u‐Yesu ebehamba etempileni entendelezweni ka‐Solomone.
24
Andula ama‐Juda amngqonga, ati kuye: Uyasibamba sitandabuza kude kube ninina? ukuba unguye u‐Kristu, sixelele ekuhleni.
25
Wati u‐Yesu ukuwapendula: Ndanixelela, kanti anikolwa: imisebenzi endiyenzayo egameni likabawo, yona le iyanqi̔na ngam:
26
kuloko nina ningakolwayo; ngokuba ningezezakuzo izimvu zam, njengokuba bendisitsho kuni.
27
Izimvu zam ziyaliva ilizwi lam, ndiyazazi zona, ziyandilandela mna:
28
ndiyazinika nobomi obungunapakade; azisayi kubu̔ba ke napakade, akuyi kubako ozihlutayo esandleni sam kanjako.
29
Ubawo ozinikileyo kum, umkulu kubo bonke; akuko namnye ongazihlutayo esandleni sikabawo.
30
Mna nobawo sibanye.
31
Andula ama‐Juda abuya acola amatye, ukuze amgibisele ngawo.
32
Wati u‐Yesu ukuwapendula: Mininzi imisebenzi elungileyo endinibonisileyo ivela kubawo; kungenxa yawupina umsebenzi kuyo enindigibiselayo ngamatye?
33
Ampendula ama‐Juda, esiti: Asikugibiseli ngamatye ngenxa yomsebenzi olungileyo, kungenxa yokugxeka u‐Tixo; nangokuba wena, ungumntu nje, uzenza utixo.
34
Wati u‐Yesu ukuwapendula: Akuba̔liwe na emtetweni wenu ukutiwa: Ndite: Ningotixo?
35
Ukuba abo wati bangotixo, abo ilizwi likatixo leza kubo; (nesiba̔lo asingetshitshiswe;)
36
lowo uyise wamngcwalisayo wamtuma elizweni, niti nina ngaye na: Uyagxeka u‐Tixo; ngokuba ndite: Ndingunyana katixo?
37
Ukuba andiyenzi imisebenzi kabawo, ningakolwa ndim:
38
kodwa ukuba ndiyayenza, nakuba ningakolwayo ndim, kolwani yimisebenzi leyo; ukuze nazi, nikolwe, ukuba ubawo ukum, nokuba mna ndikuye.
39
Abefuna ngoko kanjako ukumbamba; kanti wapuma esandleni sawo.
40
Waza wemka wabuya waya pesheya kwe‐Yoredane, kulondawo apo u‐Johane ebebapitizesha kona ekuqaleni; wahlala k o na ke.
41
Baza abaninzi beza kuye, ababesiti: u‐Johane okunene akenza namnye ummangaliso; kodwa zonke ezozinto wazitetayo u‐Johane ngaye lo, zibe ziyinene.
42
Baza bakolwa abaninzi kona kuye.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21