bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 6
John 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 7 →
1
EMVENI kwezizinto wemka u‐Yesu waya pesheya kwolwandle lwase‐Galili, kwolwase‐Tiberiyasi.
2
Kwaye kumlandela isihlwele esikulu, kuba bebebona imimangaliso yake abeyenza pezu kwababesifa.
3
Waza u‐Yesu wenyukela entabeni apo, wahlala pantsi kona ndawonye nabadisipile bake.
4
Kekaloku ipasika, umtendeleko wama‐Juda, ibikufupi.
5
Wandula u‐Yesu wapakamisa amehlo ake, wabona ukuba isihlwele esikulu siyeza kuye, wati ku‐Filipi: Siya kutenga pina izonka, ukuze batye aba?
6
(Kuloko wayesitsho emlinga: ngokuba ebesazi yena oko ebeza kukwenza.)
7
Wati u‐Filipi ukumpendula: Izonka ezimelwa zidenari zimakulu mabini azibanele, ukuze bonke ngabanye batabate intwana.
8
Wati kuye omnye wabadisipile bake, u‐Andreya umninawe ka‐Simone Petrosi:
9
Kuko umfana apa, onezonka zeṙalasi zihlanu nentlanzi zimbini; koko ezi ziyinto nina pakati kwabaninzi kangaka?
10
Waza wati u‐Yesu: Yenzani abantu bahlale pantsi. Kekaloku bekuko utyani obuninzi kulondawo. Andula ahlala pantsi amadoda, anga angamawaka mahlanu inani lawo.
11
Waza u‐Yesu wazitabata izonka, wati akuba ebebulele wababela abadisipile, nabadisipile babab ela abo babehleli pantsi; benje njalo nangentlanzi njengokutanda kwabo.
12
Xeshekweni ke bebehluti, wati kubadisipile bake: Butani amaqezu aseleyo, ukuze kungalahleki nto.
13
Babuta ke, bazalisa izitya zalishumi linazibini ngamaqezu kwezozonka zeṙalasi zozihlanu, abesele kubo ababedlile.
14
Bandula abantu abo, bakubona ummangaliso abewenzile u‐Yesu, bati: Lo unguye ngenyaniso umprofite ozayo elizweni.
15
Wati ngoko u‐Yesu, esazi ukuba bebeya kuza bamsuse ngamandla, ukuze bamenze ukumkani, wabuya wemkela entabeni yena ngokwake yedwa.
16
Kwati kwakuba kuhlwile, behla abadisipile bake baya elwandle,
17
bangena enqanaweni, bahamba bewela ulwandle ngase‐Kapenayume. Kwabesekumnyama ke, waye u‐Yesu ebengekafikile kubo.
18
Kanjalo ulwandle belusilwa, umoya omkulu uquta nje.
19
Kwandul’ ukuti, bakuba bebequ̔bile ngemipini izitadiya zanga zimashumi mabini anazihlanu umhlaumbi zimashumi matatu, babona u‐Yesu ehamba pezu kwolwandle, esiza kufupi nenqanawa: basuka boyika.
20
Kodwa wati kubo: Ndim, musani kwoyika.
21
Bebetanda ngoko ukumamkela enqanaweni; yaza kwa oko inqanawa yabako ngakulomhlaba abebehambela kuwo.
22
Ngomnye umhla, isihlwele esibe simi pesheya kwolwandle, sakubona ukuba bekungeko kona omnye umkombe, bekuko lowo bangena kuwo abadisipile bake kwapela, nokuba u‐Yesu akaya kunye nabadisipile bake emkonjeni lowo, koko abadisipile bake bemkayo bodwa;
23
(kodwa noko yeza eminye imikombe ivela e‐Tiberiyasi, kufupi nalondawo apo batya isonka kona, yakuba ibibulele inkosi;)
24
xeshekweni ngoko sabona isihlwele ukuba u‐Yesu akako kona, kwa nabadisipile bake, bangena nabo ezinqanaweni, beza e‐Kapenayume, bemfuna u‐Yesu.
25
Baza bakumfumana pesheya kwolwandle bati kuye: Rabi! ufike ninina apa?
26
Wabapendula u‐Yesu wati: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niyandifuna, kungengokuba nabona imimangaliso, kungokuba nibe nisitya kwezozonka, nahluta nokuhluta.
27
Ningasebenzeli okokutya okutshabalalayo, koko sebenz elani okokutya okuhlalayo kude kube bubomi obungunapakade, eniya kupiwa kona ngunyana wesintu: ngokuba lo uyise wamncamatiselayo, kwa utixo.
28
Bandula bati kuye: Siya kwenza nto nina, ukuze sisebenze imisebenzi katixo?
29
Wapendula u‐Yesu wati kubo: Nguwo lo umsebenzi katixo, wokuba nikolwe kulowo watunywayo nguye.
30
Bati ngoko kuye: Ngumqondiso mnina uwenzayo wena pofu, ukuze sibone sikolwe kuwe? yinto nina uyisebenzayo?
31
Obawo betu batya imana entlango; njengokuba kuba̔liwe ngokuti: Wabanika isonka sivela ezulwini ukuba batye.
32
Wati ngoko kubo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Asi ngu‐Mosesi oninikileyo esosonka sivela ezulwini; ngubawo oninikayo esosonka sivela ezulwini esiyinyaniso.
33
Ngokuba isonka sikatixo seso sihlayo ezulwini, esinika ubomi elizweni.
34
Bandula bati kuye: Nkosi! sipe isonka esi kube ngamaxesha onke.
35
Waza wati kubo u‐Yesu: Mna ndisiso isonka sobomi: ozayo kum, akasayi kuti alambe: nokolwayo kum, akasayi kuti anxanwe napakade.
36
Koko ndatshoyo kuni ukuti senindibonile, kanti anikolwa.
37
Konke endikupiwa ngubawo, kuya kuza kum; nalowo uzayo kum andisayi kumlahla.
38
Ngokuba ndihlile ezulwini, kungekukuba ndiyenze intando yam, kukuba ndiyenze intando yalowo wanditumayo.
39
Yiyo ke le intando kabawo owanditumayo, yokuba konke endikupiwe nguye ndingalahlekani nanto kuko, nditi ndikuvuse ngomhla wokupela.
40
Yiyo ke le intando yalowo wanditumayo, yokuba lowo usukuba embona unyana, ekolwa nokukolwa kuye, abe nobomi obungunapakade, nokuba ndimvuse mna ngomhla wokupela.
41
Andula aṙoṙa ama‐Juda ngaye, kuba ebete: Mna ndisiso isonka esehlayo ezulwini.
42
Aza ati: Lo asi nguye na u‐Yesu unyana ka‐Josefe, osibaziyo uyise nonina? kuyinina pofu ukuba uti lo: Ndihlile ezulwini?
43
Wapendula ngoko u‐Yesu wati kuwo: Ningaṙoṙi pakati kwenu.
44
Akuko mntu ongezayo kum, xeshekweni ubawo owanditumayo angamtsali: ndandiya kuti mna ndimvuse ngomhla wokupela.
45
Kuba̔liwe ebaprofiteni ukuti: Boba bonke befundiswa ngutixo. Ngako osukuba evile kubawo, wafunda nokufunda, nyeza kum.
46
Anditsho ukuba kuko ombonileyo ubawo; lowo uvela kutixo, nguye lo ombonileyo uyise kupela.
47
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Okolwayo kum, uba nobomi obungunapakade.
48
Mna ndisiso isonka sobomi.
49
Oyihlo benu batya imana entlango, bafa nokufa.
50
Siso esi isonka esihlayo ezulwini, sokuba umntu atye kuso, angafi nokufa.
51
Mna ndisiso isonka esipilileyo, eso sehlayo ezulwini: ukuba umntu uyatya kuso esisonka, wodla ubomi kude kube ngunapakade: nakanjalo isonka endiya kusinika mna, siyiyo inyama yam, endiya kuyinikela ubomi belizwe.
52
Andula apikisana ama‐Juda pakati kwawo, esiti: Angati nina lo ukusinika inyama yake siyitye?
53
Wati ngoko kuwo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Ukuba inyama yonyana wesintu aniyityi, negazi lake aniliseli, aninabo ubomi kuni.
54
Oti inyama yam ayidle, negazi lam alisele, uba nobomi obungunapakade; ndandiya kuti mna ndimvuse ngomhla wokupela.
55
Ngokuba inyama yam ikukutya ngenyaniso, negazi lam likukusela ngenyaniso.
56
Oti inyama yam ayidle, negazi lam alisele, uyahlala kum, nam ndiyahlala kuye.
57
Njengokuba ubawo opilileyo wanditumayo, nam ndipila ngetuba likabawo; kwa njalo lowo udlayo mna, uya kupila naye ngetuba lam.
58
Siso esi isonka esehlayo ezulwini: kungenjengokuba oyihlo benu batya imana, bafa nokufa: osidlayo esisonka, uya kupila kude kube ngunapakade.
59
Ezizinto waziteta endlwini yentlanganiso, efundisa e‐Kapenayume.
60
Ngako abaninzi kubo abadisipile bake, bakuva oku, bati: Esi isiteto silukuni; singaviwa ngubanina?
61
Kodwa u‐Yesu esazi pakati kwake ukuba abadisipile bake bayaṙoṙa ngako oku, wati kubo: Oku kunixakanisa na?
62
Pofu xeshekweni nibona unyana wesintu enyukela apo ebefudula ekona —?
63
Nguwo umoya owenza kudliwe ubomi; yona inyama ayincedi luto: lomazwi endiwatetayo kuni mna, ngawo angumoya nabubomi.
64
Koko bako inxenye kuni abangakolwayo. Ngokuba ebesazi u‐Yesu kwa sekuqaleni, ukuba bangobanina abangakolwayo, nokuba ungubanina oya kumngcatsha.
65
Waza wati: Ngenxa yoku nditshilo kuni ukuti: Akuko mntu ongezayo kum, xeshekweni kunganikwanga kuye ngubawo.
66
Emveni kwoku abaninzi babadisipile bake baya ngomva, ababi sahamba naye.
67
Wati ngoko u‐Yesu kubo abalishumi linababini: Nani niyafuna ukumka na?
68
Wandula wati u‐Simone Petrosi ukumpendula: Nkosi! siya kuya kubanina? unawo amazwi obomi obungunapakade.
69
Kanjalo tina sikoliwe sazi nokwazi ukuba wena unguye u‐Kristu, unyana katixo opilileyo.
70
Wati u‐Yesu ukubapendula: Andaninyula na nina balishumi linababini? kanti kuni omnye ungoka‐Satane.
71
Wayesitsho ngo‐Jude Sikariyoti unyana ka‐Simone: ngokuba ebenguye obeza kumngcatsha, engomnye kubo abalishumi linababini.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21