bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 12
John 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 13 →
1
Wandula u‐Yesu intsuku zintandatu ingekabiko ipasika weza e‐Betaniya, apo ebekona u‐Lazarusi obe efile, lowo wamvusayo ekufeni.
2
Ngako bamenzela isidlo sokuhlwa kona apo; waye u‐Marita ebekonza; kodwa u‐Lazarusi ebengowabahleli ekutyeni ndawonye naye.
3
Wandula u‐Mariya, watabata iponti yamafuta mnandi enadusi engcwengileyo, exabiso likulu kunene, watambisa inyawo zika‐Yesu, wazisula inyawo zake ngenwele zake: yati indlu yazaliswa livumba lamafuta lawo.
4
Wandula wati omnye wakubadisipile bake, u‐Jude Sikariyoti unyana ka‐Simone, obeza kumngcatsha:
5
Kunganina ukuba lamafuta mnandi abengatengiswe ngamakulu matatu edenari, kwaza kwapiwa amahlwempu?
6
Watsho ke, bekungengokuba ebekatalela amahlwempu, bekungokuba ebelisela, wanayo inxowa, watabata oko bekufakwa kuyo.
7
Wandula wati u‐Yesu; Myeke; uwagcinele imini yokuncw̔atywa kwam.
8
Ngokuba amahlwempu ninawo wona futi ekuni; kanti aninam futi.
9
Bazi ngoko abantu abaninzi bakuma‐Juda ukuba ukona: beza ke, bekungengenxa ka‐Yesu yedwa, bekukukuba bambone no‐Lazarusi, lowo wamvusayo ekufeni.
10
Kodwa abaperisite abakulu bafuna icebo, ukuze bambulale u‐Lazarusi naye;
11
kuba abaninzi bebesiti ngaye bemka kuma‐Juda, bakolwa ku‐Yesu.
12
Ngomhla olandelayo abantu abaninzi abebeze emtendelekweni, bakuva ukuba u‐Yesu uyeza e‐Yerusaleme,
13
batabata amagatya emiti yepalime, bapuma ukuya kumhlangabeza, badanduluka, besiti: Hosana! Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova, ukumkani wo‐Sirayeli!
14
Wati kekaloku u‐Yesu, elifumene iqwaṙashana, wahlala pezu kwalo; njengokuba kuba̔liwe ngokuti:
15
Ungoyiki, ntombi yase‐Ziyone! bona ke, ukumkani wako uyeza, ehleli pezu kwetole leqwaṙashe.
16
Kodwa ezizinto abadisipile bake abaziqonda ekuqaleni; koko xeshekweni u‐Yesu ebenzelwe ubungcwalisa, bandula bakumbula ukuba ezizinto zibe ziba̔liwe ngaye, nokuba ezizinto bazenza kuye.
17
Sasisiti ngoko isihlwele esibe sinaye, okuya wambiza u‐Lazarusi apume encw̔abeni, wamvusa ekufeni, sanqi̔nela kwa oku.
18
Ngako oko kanjalo isihlwele samhlangabeza, ngokokuba besivile ukuba ebewenzile lommangaliso.
19
Bati ngoko abafarisi pakati kwabo: Nibona na okokuba anincedi luto? nali ilizwe lipume laya emva kwake.
20
Kekaloku bekuko ama‐Girike atile pakati kwabo abebenyuka ukuza kubedesha emtendelekweni:
21
wona la eza ngoko ku‐Filipi, obengowase‐Betesayida e‐Galili, amtandaza, esiti: Nkosi! singa singambona u‐Yesu.
22
Weza u‐Filipi wamxelela u‐Andreya, nakanjako u‐Andreya no‐Filipi bamxelela u‐Yesu.
23
Kodwa u‐Yesu wabapendula, esiti: Lifikile ixeshana lokuba unyana wesintu enzelwe ubungcwalisa.
24
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Xeshekweni ukozo lwenqolowa, lwakuba luwele emhlabeni, lungafi, luhlala lona lulodwa; kodwa xeshekweni lufayo, luvelisa isiqa̔mo ezininzi.
25
Otandayo ubomi bake, buya kumlahleka; notiyayo ubomi bake kwelilizwe, wobugcina kude kube bubomi obungunapakade.
26
Ukuba umntu uyandikonza, makandilandele; nalapo ndikona mna, woba kwa lapo nomkonzi wam: naxeshekweni umntu andikonzayo mna, ubawo uya kumbeka yena.
27
Kaloku umpefumlo wam ukatazekile; ndize nditi nina? Bawo! ndisindise kwelixeshana: koko kungenxa yoku ndezayo kulo elixeshana:
28
Bawo! lenzele ubungcwalisa igama lako. Kwandula kwavela ilizwi ezulwini, lisiti: Sendilenzele ubungcwalisa, ndobuya ndilenzele ubungcwalisa kanjako.
29
Saye sisiti isihlwele esibe simi kona, saliva: Kududumile. Babesiti abanye: Ingelosi itetile kuye.
30
Wapendula u‐Yesu wati: Akungenxa yam elilizwi liveleyo, kungenxa yenu.
31
Kukaloku ukugwetywa kwelilizwe; kaloku inkosi yelilizwe iya kulahlelwa pandle.
32
Nam, xeshekweni ndipakanyiswa emhlabeni, bonke ndobatsalela kwa kum.
33
Oku ke ebekutsho, eqondisa ukuba kukufa okunina abeza kufa ngako.
34
Sati isihlwele ukumpendula: Tina sivile kuwo umteto, ukuba u‐Kristu uyahlala kude kube ngunapakade; uti nina kanti wena ukuti: Unyana wesintu ufanele ukupakanyiswa? ungubanina lo unyana wesintu?
35
Wati ngoko kubo u‐Yesu: Kuselixesha elincinane ukanyiso lunani; hambani nxa nisenalo ukanyiso, ukuze ubumnyama bunganibaqi: kanjalo ohambayo ebumnyameni akazi ukuba uya pina.
36
Nxa nisenalo ukanyiso, kolwani kulo ukanyiso, ukuze nibe lusapo lwokukanya. Ezizinto waziteta u‐Yesu, waza wemka, wazifihla kubo.
37
Kodwa nakuba ebeyenze imimangaliso emininzi kangaka pambi kwabo, bebengakolwa kuye;
38
ukuze ilizwi lika‐Yisaya umprofite lizaliseke, elo walitshoyo ukuti: Yehova! ngubanina okoliweyo yintshumayelo yetu? nengalo kayehova ityiliwe kubanina?
39
Ngako oko bebekohlwa kukukolwa, ngokokuba u‐Yisaya watsho kanjako ukuti:
40
Uwamfamekisile amehlo abo, wayenza lukuni intliziyo yabo; bangabi babone ngamehlo, baqonde ngentliziyo, baguquke, ndibapilise.
41
Kwatshiwo oku ngu‐Yisaya, akubona ubungcwalisa bake, waza wateta ngaye.
42
Kodwa noko kwa kubo abapati abaninzi bakolwa kuye; koko ngenxa yabafarisi bebenga m vumi, ukuze bangaku̔tshwa entlanganisweni:
43
ngokuba bebetanda imbeko yabantu ngapezu kwayo imbeko katixo.
44
Kanjalo u‐Yesu wadanduluka wati: Okolwayo kum, akakolwa kum, kukulowo wanditumayo:
45
nobonayo mna, uyabona owanditumayo.
46
Ndize elizweni mna ndilukanyiso, ukuze osukuba ekolwa kum angahlali ebumnyameni.
47
Naxeshekweni umntu evayo amazwi am, angakolwa ke, andimgwebi mna: ngokuba ndingezanga ukuba ndigwebe ilizwe, koko ndize ukuba ndisindise ilizwe.
48
Owalayo mna, angawamkeli namazwi am, unalowo umgwebayo: ilizwi endalitetayo, lilo elo eliya kumgweba ngomhla wokupela.
49
Ngokuba ndingatetanga ngokwam; koko ubawo owanditumayo, yena wandinika umyalelo wokuba ndoti nina nokuba ndoteta nto nina.
50
Kanjako ndiyazi ukuba umyalelo wake ububomi obungunapakade: oko ngoko endikutetayo, njengokuba ubawo etshilo kum, ndiyateta kwa njalo.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21