bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 17
John 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 18 →
1
LA MAZWI wawateta u‐Yesu, wapakamisa amehlo ake ngasezulwini, wati: Bawo! ixeshana lifikile: menzele ubungcwalisa unyana wako, ukuze nonyana wako akwenzele ubungcwalisa wena:
2
kwa njengokuba wamnika igunya pezu kwoluntu lwonke, ukuze bonke usukuba umnikile bona abanike ubomi obungunapakade.
3
Bubo obu ke ubomi obungunapakade, ukuba bazi wena okupela kwotixo oyinyaniso, no‐Yesu Kristu owabumtuma.
4
Ndikwenzele ubungcwalisa emhlabeni; ndiwufezile umsebenzi endiwunikiweyo nguwe ukuba ndiwenze.
5
Nakaloku, Bawo! ndenzele ubungcwalisa kwa kuwe wena, ngobungcwalisa obo endibe ndinabo kuwe lingekabiko ilizwe.
6
Ndilityilile igama lako kwabobantu endibanikiweyo nguwe kulo ilizwe: bebengabako, waundinikile bona; nelizwi lako baligcinile.
7
Kaloku bazile ukuba zonke ezonto endizinikiweyo nguwe zivela kwa kuwe.
8
Ngokuba lomazwi endiwanikiweyo nguwe, ndiwanikile kubo; bati bona bawamkela, bazi ngenyaniso ukuba ndapuma kuwe, bakolwa ukuba wandituma wena.
9
Ndiyatandazela bona; anditandazeli ilizwe, koko nditandaz ela abo endibanikiweyo nguwe; ngokuba bengabako.
10
Zonke izinto ke ezizezam zizezako, nezizezako zezam; kanjalo ndenzelwe ubungcwalisa kuzo.
11
Kekaloku mna andiseselizweni, kanti aba bako elizweni, nam ndiyeza kuwe. Bawo oyingcwele! bagcinele egameni lako abo endibanikiweyo nguwe, ukuze babe banye, njengokuba sibanye tina.
12
Oko ndibe ndinabo elizweni, ndandibagcinela egameni lako: abo ubanikileyo kum ndabalondoloza, kungatshabalalanga namnye kubo, kutshabalele unyana wentshabalalo kupela; ukuze isiba̔lo sizaliseke.
13
Kodwa kaloku ndiyeza kuwe; nezizinto ndiyaziteta ndiselizweni, ukuze babe novuyo lwam luzalisekile kubo.
14
Ndibanikile ilizwi lako; lite ilizwe labatiya, ngokuba bengengabaselizweni, njengokuba ndingengowaselizweni mna.
15
Anditandazi ukuba ubasuse elizweni, koko nditandaza ukuba ubagcine kuko okukohlakeleyo.
16
Abangabaselizweni, njengokuba ndingengowaselizweni mna.
17
Bangcwalise ngayo inyaniso yako; lona ilizwi lako liyinyaniso.
18
Njengokuba watuma mna elizweni, kwa njalo nam ndatuma bona elizweni.
19
Nangenxa yabo ndiyazingcwalisa mna ngokwam, ukuze nabo babe bengcwalisiwe enyanisweni.
20
Kodwa anditandazeli aba bodwa, koko nditandaz ela nabo baya kukolwa kum ngelizwi labo;
21
ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo! ukum, nam ndikuwe, baze nabo babe banye kuti; ukuze ilizwe likolwe ukuba wandituma wena,
22
nobungcwalisa obunikileyo kum, ndibunikile mna kubo; ukuze babe banye, njengokuba sibanye tina;
23
mna ndikubo, nawe ukum, ukuze babe befezekile ngokuba banye; nokuze ilizwe lazi ukuba wena wandituma, nokuba wabatanda bona, kwa njengokuba wanditanda mna.
24
Bawo! abo undinikile bona, nditanda ukuba apo ndikoyo mna, nabo babe kona ndawonye nam; ukuze babone ubungcwalisa bam, obo endandibunikwa nguwe; ngokuba wabunditanda lingekamiswa ilizwe.
25
Bawo olungileyo! lona ilizwe alakwazi; kodwa mna ndakwazi, bati naba bazi ukuba wena wandituma.
26
Ndaza ndalazisa kubo igama lako, ndandiya ku l azisa kanjako; ukuze utando owabunditanda ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21