bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
John 5
John 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 6 →
1
EMVENI kwezizinto kube kuko umtendeleko wama‐Juda; waza u‐Yesu wenyukela e‐Yerusaleme.
2
Kuko kekaloku e‐Yerusaleme ngakwelegusha isango icibi, eli‐kutwa ngokwama‐Hebere yi‐Beteseda, linazo intendelezo ezintlanu.
3
Kuzo ezi bekulele isihlwele esikulu sabayimilwelwe, n emfama, n eziqwala, n abashwabeneyo, belinda ukushukuma kwamanzi.
4
Ngokuba ibisiti ingelosi ngamaxesha atile yehlela kwelocibi, yazamazamisa amanzi: yena ngoko owangena kuqala emveni kwokuzanyazanyiswa kwamanzi, ebesenzwa epilile, noko wayebanjwa sisifo esinjanina.
5
Kwabekuko umntu otile kona obesebulwelweni bake iminyaka yamashumi matatu anesibozo.
6
Akuti u‐Yesu wabona lo elele, wazi nokwazi ukuba kwasekukade enjalo, wati kuye: Unga ungenziwa upilile na?
7
Wati umlwelwe kuye ukupendula: Nkosi! andinamntu wokuti, xeshekweni azanyazanyiswa amanzi, andihlisele ecibini: kodwa nxa ndizayo mna, omnye uyandipangela ukuhla.
8
Wati u‐Yesu kuye: Suka, pata uku̔ko lwako, uhambe.
9
Waselesenziwa epilile kwa oko umntu lowo, wapata uku̔ko lwake, wahamba. Kekaloku ibiyisabata ngemini leyo.
10
Ayesiti ngoko ama‐Juda kobepilisiwe: Yimini yesabata; akuvunyelwa wena ukuba upate uku̔ko lwako.
11
Wati ukuwapendula: Lowo wandipilisayo, oyena wati kum: Pata uku̔ko lwako, uhambe.
12
Abuza ngoko kuye ukuti: Ungubanina lamntu owati kuwe: Pata uku̔ko lwako, uhambe?
13
Kodwa lowo wapiliswayo ebengazi ukuba ungubanina: ngokuba u‐Yesu ebenyebelezile, isihlwele sisendaweni leyo nje.
14
Emveni kwoku u‐Yesu wamfumana etempileni, wati kuye: Kangela, wenziwe upilile: ungabi sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kulé.
15
Wemka umntu lowo, washumayela kuma‐Juda ukuba ngu‐Yesu owampilisayo.
16
Abesiti ke ama‐Juda ngenxa yoku amtshutshisa u‐Yesu, afuna ukumbulala, ngokokuba ezizinto wabezenza ngemini yesabata.
17
Kodwa u‐Yesu wati ukuwapendula: Ubawo uyasebenza kwada kwakaloku, nam ndiyasebenza.
18
Ngenxa yoku ke ama‐Juda abefuna ngakumbi ukumbulala, ngokokuba wabengayapuli isabata kodwa, koko kanjalo wabesiti utixo ungowake uyise, ezilinganisa notixo nje.
19
Wandula wapendula u‐Yesu wati kuwo: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Unyana akangenze nto ngokwake, uyenza into ambona uyise eyenza kupela; ngokuba izinto asukuba ezenza yena lowo, ezi uyazenza kwa njalo nonyana.
20
Ngokuba uyise emtanda unyana, ambonise zonke izinto azenzayo yena; waeya kumbonisa imisebenzi emikulu kulé, ukuze niti nqa.
21
Ngokuba njengokuba uyise ebavusa abafileyo, abadlise ubomi, kwa njalo nonyana uyabadlisa ubomi abo atandayo ukubadlisa ubomi.
22
Ngokuba kanjako uyise engagwebi mntu, koko ukugweba ekunikele konke kunyana;
23
ukuze bonke bambeke unyana, njengokuba bembeka uyise. Lowo ungambeki unyana, akambeki uyise owamtumayo.
24
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Oti alive ilizwi lam, akolwe kulowo wanditumayo, unobomi obungunapakade, akezi ekugwetyweni kanjalo, koko epumile ekufeni wangena ebomini.
25
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Ixeshana liyeza, ewe liko ngoku, nxa abafileyo baya kuliva ilizwi lonyana katixo; boti abevayo badle ubomi.
26
Ngokuba njengokuba uyise enobomi kuye ngokwake, kwa njalo wanika nonyana ukuba abe nobomi kuye ngokwake:
27
wamnika negunya lokuba enze ukugweba nako, ngokokuba engunyana wesintu.
28
Ningakuteli nqa oku; ngokuba ixeshana lisiza, ekukulo bonke abasemancw̔abeni baya kuliva ilizwi lake,
29
bapume ke; abo bakwenza okulungileyo, ukuya eluvukweni lwobomi; nabo bakwenza okubi, ukuya eluvukweni lwokugwetywa.
30
Andingenze nto mna ngokwam; njengokuba ndisiva, ndiyagweba: kanjalo ukugweba kwam kulungile; ngokuba ndingafuni intando yam, koko ndifuna intando kabawo owanditumayo.
31
Ukuba ndiyazinqi̔nela ngokwam, ubunqi̔na bam abuyinene.
32
Uko omnye onqi̔nayo ngam; ndiyazi ke ukuba ubunqi̔na abunqi̔nayo ngam buyinene.
33
Nitumile ku‐Johane, waye yena enqi̔nele inyaniso.
34
Kodwa abuveli emntwini ubunqi̔na endibamkelayo mna; koko ezizinto ndiziteta, ukuze nisindiswe.
35
Yena lowo ebesiso isibane esivutayo esikanyayo; nani nibe nivuma ukugcoba ngexeshana ekukanyiseni kwake.
36
Kodwa ubunqi̔na endinabo mna bukulu kobuka‐Johane: ngokuba imisebenzi endiwanikiweyo ngubawo ukuba ndiyifeze, eyona imisebenzi endiyenzayo, iyanqi̔na ngam, ukuba ubawo unditumile.
37
Naye ubawo owanditumayo, yena ngokwake unqi̔nile ngam, ilizwi lake anizanga nilive nakanye, nokubonakala kwake anikubonanga kanjako,
38
Nelizwi lake aninalo lona lihlala kuni; ngokuba lowo amtumileyo yena, ningakolwa nguye.
39
Pengululani iziba̔lo; ngokuba nina niba ninobomi obungunapakade kuzo: kanjalo zizo ezo eziqi̔nayo ngam.
40
Kanti anivumi ukuza kum, ukuze nibe nabo ubomi.
41
Andamkeli imbeko kubo abantu.
42
Koko ndinazi nina, ukuba utando lukatixo aninalo kuni.
43
Ndize mna egameni likabawo, kanti anindamkeli: ukuba omnye uyeza kwelake igama, yena lowo niya kumamkela.
44
Ningati nina ukukolwa, nisamkela imbeko abanye kwabanye, nembeko evela kutixo yedwa aniyifuni?
45
Ningabi ndiya kuninceteza mna kubawo; kuko onincetezayo, u‐Mosesi, enitemba kuye.
46
Ukuba nibe nikolwa ngu‐Mosesi nje, ngeniba nikolwa ndim; ngokuba yena waba̔la ngam.
47
Kodwa ukuba anikolwa zimba̔lo zake, noti nina ukukolwa ngamazwi am?
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21