bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 1
Judges 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 2 →
1
KWAYE kute emveni kwokufa kuka‐Yoshuwa, lwandula usapo luka‐Sirayeli lwabuza kuyehova, lusiti: Ngubanina oya kusinyukela ngakubo aba‐Kanane ngokuqala, ukuya kulwa nabo?
2
Wayesiti uyehova: u‐Juda uya kunyuka; bona ke, ndinikele ilizwe esandleni sake.
3
Waza u‐Juda wati ku‐Simone umzalwana wake: Nyuka nam ukuya eqashisweni lam, silwe naba‐Kanane, ndandiya kuya nawe eqashisweni lako. Wasuka u‐Simone waya naye.
4
Wenyuka ke u‐Juda; wandula uyehova wanikela aba‐Kanane nama‐Perizi esandleni sabo: babulala kubo e‐Bezeke amadoda angamawaka alishumi.
5
Baza bamfumana u‐Adoni‐bezeke e‐Bezeke, balwa naye; babulala aba‐Kanane nama‐Perizi.
6
Kodwa u‐Adoni‐bezeke wesaba; basuka bamputuma, bambamba, banqumla izitupa zake nobontsi bake.
7
Wandula u‐Adoni‐bezeke wati: Okumkani abamashumi asixe̔nxe, abanqunyuliweyo izitupa zabo nobontsi babo, babebuta imvutuluka pantsi kwetafile yam; njengoko ndikwenzile mna, utixo upindezele kum ngokunjalo. Baza bamzisa e‐Yerusaleme, apo wabuba kona.
8
Kekaloku usapo luka‐Juda lwalwa ngakuyo i‐Yerusaleme, lwayitimba, lwayibeta ngohlangoti lweṙele, lwasilahlela emlilweni isixeko eso.
9
Nasemva kwoko lwehla usapo luka‐Juda ukuya kulwa naba‐Kanane, ababehleli ezintabeni, nasesuyide, nasezihlanjeni.
10
Wasuka u‐Juda waya ngakubo aba‐Kanane ababehleli e‐Hebrone; (kodwa igama le‐Hebrone beliyi‐Kiriyate‐areba ngapambili;) baza babulala o‐Sheshai, no‐Ahimane, no‐Talemai.
11
Wemka kona waya ngakubo abemi base‐Debire: (kodwa igama le‐Debire ngapambili beliyi‐Kiriyate‐sefere.)
12
Wayesiti u‐Kalebi: Lowo obetayo i‐Kiriyate‐sefere, ayitimbe ke, sendiya kumnika u‐Hakesa, intombi yam, abe ngumfazi.
13
Wasuka u‐Hotineli unyana ka‐Kenazi, umninawe ka‐Kalebi, wayitimba: waza wamnika u‐Hakesa, intombi yake, abe ngumfazi.
14
Kwaye kute, ekuzeni kwake endodeni, wayivusa ukuba icele kuyise intsimi; wandul’ ukuhlika eqwaṙasheni; waza u‐Kalebi wati kuye: Ufuna nto nina?
15
Wayesiti kuye: Ndipe itamsanqa; ngokuba undipile ilizwe lasesuyide; ndipe Kanjalo imitombo yamanzi. Waza u‐Kalebi wampa imitombo yasentla nemitombo yasezantsi.
16
Kanjako usapo lwom‐Keni, usomfazi ka‐Mosesi, lwenyuka esixekweni semiti yepalime nosapo luka‐Juda ukuya entlango yakwa‐Juda, engasesuyide ye‐Haradi; lwaya lwahlala nabobantu.
17
Wasuka u‐Juda waya no‐Simone umzalwana wake; baza babulala aba‐Kanane ababehleli e‐Tsefate, bayilahlela ekutshatyalalisweni: ngako kwabizwa igama lesixeko eso nge‐Horema.
18
Wandula u‐Juda watimba i‐Gaza nomda wayo, ne‐Ashekelone nomda wayo, ne‐Hekrone nomda wayo.
19
Waye uyehova ebeno‐Juda; waza wagqogqa abemi bentaba; kodwa ebekohlwa ukugqogqa abemi bomhlambo, ngokuba bebenenqwelo zesincete.
20
Baye benika i‐Hebrone ku‐Kalebi, njengokuba u‐Mosesi ebetshilo; waza wagqogqa apo onyana bobatatu baka‐Hanaki.
21
Kodwa ama‐Yebusi, abehleli e‐Yerusaleme, usapo luka‐Benjamine alwawagqogqa; koko ama‐Yebusi ahleli nosapo luka‐Benjamine e‐Yerusaleme kwada kwanamhla nje.
22
Kekaloku indlu ka‐Josefe, benyuka nabo baya ngakuyo i‐Betele: waye uyehova ebenabo.
23
Yatuma indlu ka‐Josefe kuhlolwe i‐Betele: (kodwa igama lesosixeko beliyi‐Luze ngapambili.)
24
Zaza intlola zambona indoda ipuma esixekweni, zati kuyo: Sibonise ke indawo yokungena yesixeko, sasiya kwenza kuwe ububele.
25
Zati, yakubonisa kuzo indawo yokungena yesixeko, zabeta isixeko ngohlangoti lweṙele; kodwa zayindulula indoda leyo nesizalwane sayo sonke.
26
Yahamba londoda yaya ezweni lama‐Hiti, yaka isixeko, yabiza igama laso nge‐Luze; likwa ligama laso kwada kwanamhla nje.
27
Kanjako u‐Manase akagqogqa abemi base‐Bete‐shane namagxamesi ayo, nabase‐Tahanaki namagxamesi ayo, nabemi base‐Doṙe namagxamesi ayo, nabemi base‐Yibelame namagxamesi ayo, nabemi base‐Megido namagxamesi ayo; kodwa aba‐Kanane bebetanda ukuhlala kwelozwe.
28
Kwaza kwati, xeshekweni u‐Sirayeli ase womelele, wabenza aba‐Kanane babe ngabanikeli; kodwa akabagqogqa ngokugqibela.
29
Kanjako u‐Frayime akabagqogqa aba‐Kanane abahlala e‐Gezere; kodwa aba‐Kanane bahlala pakati kwabo e‐Gezere.
30
U‐Zebulone akabagqogqa abemi base‐Kitrone, nabemi base‐Nahaloli; kodwa aba‐Kanane bahlala pakati kwabo, baba ngabanikeli.
31
U‐Ashere akabagqogqa abemi base‐Hako, nabemi base‐Tsidone, nabase‐Halabi, nabase‐Kazibe, nabase‐Heleba, nabase‐Afeki, nabase‐Rehobi:
32
kodwa ama‐Ashere ahlala pakati kwaba‐Kanane, abemi belozwe; ngokuba ebengabagqogqanga.
33
U‐Nefatali akabagqogqa abemi base‐Bete‐shemeshe, nabemi base‐Bete‐hanate; kodwa wahlala pakati kwaba‐Kanane, abemi belozwe: noko abemi base‐Bete‐shemeshe nabase‐Bete‐hanate baba ngabanikeli kubo.
34
Nosapo luka‐Dane aba‐Amori balunyanzelela entabeni: ngokuba bebengaluvumeli ukuba luhlele emhlanjeni;
35
kodwa aba‐Amori bebetanda ukuhlala entabeni ye‐Heresi, e‐Ajalone, nase‐Shahalabime: noko isandla sendlu ka‐Josefe besinzima pezu kwabo, baza baba ngabanikeli.
36
Kekaloku umda waba‐Amori ubuvela eqineni lase‐Hakerabime, nas e‐Sela, waya ngasentla.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21