bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 14
Judges 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 15 →
1
KEKALOKU u‐Samsone wehla waya e‐Timnate, wabona inkazana e‐Timnate ezintombini zama‐Filistiya.
2
Wenyuka ke, waxelela uyise nonina, wati: Ndibonile inkazana e‐Timnate ezintombini zama‐Filistiya; ngako kaloku nditabateleni yona ibe ngumfazi.
3
Baza nyise nonina bati kuye: Akuko na inkazana pakati kwentombi zabazalwana bako, napakati kwabo bonke abantu bam, ukuba uye kuzeka umfazi kuwo ama‐Filistiya angalukileyo? Wayesiti u‐Samsone kuyise: Nditabatele yona, ngokuba ifanele emehlweni am.
4
Kodwa uyise nonina bebengazi ukuba oku bekuvela kuyehova, ukuba wafuna ituba ngakuwo ama‐Filistiya: ngokuba ama‐Filistiya ebepata ubukosi pezu kwo‐Sirayeli ngeloxesha.
5
Wandula u‐Samsone wehla noyise nonina ukuya e‐Timnate: bati bakufika ngasezitiyeni zemiti yeveyine zase‐Timnate, kekaloku bona ke, ingonyama entsha yakonya ngakuye.
6
Waza umoya kayehova wamqubula, ukuba wayiṙazula njengokuba kuṙazulwa itakane, kungabanga nto esandleni sake: kodwa ebengaxeleli uyise nonina oko abekwenzile.
7
Wasuka wehla, wateta nenkazana leyo; yabifanele emehlweni ka‐Samsone.
8
Wati emva kwemihla etile wabuya ukuba ayizeke; waza wapambuka ukuya kubona isidumbu sengonyama; kekaloku nali ibubu lenyosi nobusi esidunjwini sengonyama.
9
Wandula wabupakulela ezandleni zake, wahamba emana esidla, waya kuyise nonina, wabanika, badla nabo; kodwa ebengabaxeleli ukuba ebepakule obobusi esidunjwini sengonyama.
10
Wayesihla uyise waya kwinkazana leyo: kanjalo u‐Samsone wenza kona isidlo, ngokuba amadodana ebenokwenje njalo.
11
Kwabekute, bakumbona, bazisa abalingane abamashumi matatu, ukuze babe naye.
12
Waza u‐Samsone wati kubo: Ndoninikela isintsonkotelo ke: ukuba niya kundityilela sona ngenyaniso, nisifumane, pakati kwemihla yosixe̔nxe yesisidlo, sendiya kunika kuni ihempe ezimashumi matatu, nezivato zokuguqulelana ezimashumi matatu:
13
kodwa ukuba nikohliwe kukundityilela, niya kwandula nina ninike kum ihempe ezimashumi matatu, nezivato zokuguqulelana ezimashumi matatu. Baza bati kuye: Nikela isintsonkotelo sako, sisive.
14
Wayesiti kubo: Koko kudlayo kwapuma ukudla, nakoko kukalipileyo kwapuma ubumnandi. Bakohlwa ukutyila esosintsonkotelo pakati kwemihla mitatu.
15
Kwaye kute ngomhla wesixe̔nxe, bandula bati kumfazi ka‐Samsone: Zinga indoda yako, ukuba ityile kuti esosintsonkotelo, hleze sitshise wena nendlu yoyihlo ngomlilo: nisimemile na ukuba nisidle? akunjalo na?
16
Waza walila umfazi ka‐Samsone pambi kwake, wati: Uyanditiya kodwa, akunditandi; unikele onyana babantu bam isintsonkotelo, kanti akusityilanga kum. Wayesiti kuye: Bona ke, andisityilanga kubawo nakuma̔, ngendisityila kuwe na?
17
Walila ke pambi kwake lomihla isixe̔nxe babenesidlo ngayo: kwada kwati ngomhla wesixe̔nxe, wamtyilela, ngokuba wamjokayo: waza wabatyilela onyana babantu bake isintsonkotelo eso.
18
Andula amadoda esixeko ngomhla wesixe̔nxe, lingekatshoni ilanga, ati kuye: Kuyinto nina okumnandi pezu kwobusi? kuyinto nina okukalipileyo pezu kwengonyama? Wayesiti kuwo: Ukuba beningapulushanga ngetokazi lam, ngeningasifumananga isintsonkotelo sam.
19
Waza umoya kayehova wamqubula, wasuka wehla waya e‐Ashekelone, wabulala kubo abantu amadoda angamashumi matatu, watabata ingubo zawo ezihlutyiweyo, wanika izivato zokuguqulelana kwabo babetyilile isintsonkotelo. Yaza yavuta ingqumbo yake, wenyuka waya kuyo indlu yoyise.
20
Kodwa umfazi ka‐Samsone waba ngowomlingane wake, lowo obengumhlobo kuye.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21