bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 21
Judges 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
1
Kekaloku amadoda akwa‐Sirayeli ebefungile e‐Mitsipa, ngokuti: Akuko mntu wakuti oya kunika intombi yake ku‐Benjamine ibe ngumfazi.
2
Baza abantu beza endlwini katixo, bahlala kona kwada kwahlwa ebusweni bukatixo, bapakamisa ilizwi labo, balila ngokulila okukulu, bati:
3
Kunganina, Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! ukuba oku kuhlile kwa‐Sirayeli, okokuba isizwe sinye singabiko namhla kwa‐Sirayeli?
4
Kwaye kute ngomnye umhla, bavuka abantu kusasa, baka kona isibingelo, banikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo.
5
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwati: Ngubanina onganyukanga pakati kwomhlambi, kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ukuza kuyehova? Ngokuba bekwenziwe isifungo esikulu ngalowo onganyukeli kuyehova e‐Mitsipa, kusitwa: Uya kufiswa ngenyaniso.
6
Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwanosizi pezu kwo‐Benjamine umzalwana walo, lwati: Kunqunyulwe namhla isizwe sinye kwa‐Sirayeli:
7
siya kubenzela nto nina ukuba abaseleyo babe nabafazi? ngokuba tina sifungile uyehova, ukuba singabaniki intombi zetu zibe ngabafazi.
8
Lwaza lwati: Sisipina kuzo izizwe zo‐Sirayeli esinganyukelanga kuyehova e‐Mitsipa? Kekaloku bona ke, bekungezanga mntu emnqubeni evela e‐Yabeshe‐gileyadi ukuza emhlambini.
9
Ngokuba abantu bebebalwa, kekaloku bona ke, bekungeko kona namnye wabemi base‐Yabeshe‐gileyadi.
10
Yandula intlanganiso yatumela kona amadoda angamawaka alishumi linamabini, kuwo amadoda obuṙoti, yawayalela ngokuti: Hambani, nibabete abemi base‐Yabeshe‐gileyadi ngohlangoti lweṙele, kwa nabafazi nabantwana.
11
Yiyo le indawo eniya kuyenza: onke amadoda, nabo bonke abafazi abakwazileyo ukulala nendoda, nobalahlela ekutshatyalalisweni.
12
Aza afumana pakati kwabemi base‐Yabeshe‐gileyadi intomb ezimakulu mane, ezazizintombi zipela, ezazingayazanga indoda ngokulala noyindoda; asuka azizisa emnqubeni e‐Shilo, esezweni le‐Kanane.
13
Yandula yatuma yonke intlanganiso, yateta kulo usapo luka‐Benjamine olube luseweni le‐Rimone, yashumayela kulo uxolo.
14
Aza ama‐Benjamine abuya ngeloxesha; baye bewanika abafazi, ababebalondolozile ebomini kuwo amankazana ase‐Yabeshe‐gileyadi; kodwa nangokunjalo bebengawaneli.
15
Bandula abantu banosizi pezu kwo‐Benjamine, ngokuba uyehova enzile utanda ezizweni zo‐Sirayeli.
16
Baza abadala bentlanganiso bati: Siya kwenza nto nina ukuba abaseleyo babe nabafazi? ngokuba amankazana etshatyalalisiwe kwa‐Benjamine.
17
Babuya bati: Ilifa malibe lelabasindileyo bakwa‐Benjamine, ukuze kungacitwa isizwe kwa‐Sirayeli:
18
kodwa tina asingenike kubo abafazi kwintombi zetu; ngokuba lufungile usapo luka‐Sirayeli, ngokuti: Makaqalekiswe onikayo umfazi ku‐Benjamine!
19
Bandula bati: Bona ke, kuko umtendeleko kayehova e‐Shilo, iminyaka ngeminyaka, endaweni engasenode ye‐Betele, ngasecaleni lipuma ilanga lomendo onyukayo e‐Betele ukuya e‐Shekeme, nangasesuyide ye‐Lebona.
20
Baza bayalela usapo luka‐Benjamine, besiti: Hambani niye nilalele ezitiyeni zemiti yeveyine:
21
nize nikangele, niti, bona ke, ukuba intombi zase‐Shilo ziyapuma ukududa ngemidudo, nandule nipume ezitiyeni zemiti yeveyine, nizibambele abanye ngabanye umfazi wabo kwintombi zase‐Shilo; nize nihambe niye ezweni lakwa‐Benjamine.
22
Kwakuya kuti, nxa oyise bazo, umhlaumbi abazalwana bazo, baya kuza ukumangala kuti, siya kwandula siti kubo: Sipate ngofefe ngabo; ngokuba singatabatelanga abanye ngabanye umfazi wabo ekulweni: ngokuba kungenini enibanikileyo, ukuba ngelixesha nibe netyala.
23
Lwati usapo luka‐Benjamine lwenje njalo, lwatabata abafazi, ngenani lalo, kwababeduda, abo lwabapangayo: lwaza lwahamba, lwabuyela elifeni lalo, lwaka izixeko, lwahlala kuzo.
24
Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwemka kona ngeloxesha, lwaya olunye ngolunye kwisizwe salo nakwisizalwane salo; lwaye lupuma kona lwaya olunye ngolunye elifeni lalo.
25
Ngalomihla bekungeko ukumkani kwa‐Sirayeli: abanye ngabanye bakwenza okufaneleyo emehlweni abo.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21