bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 18
Judges 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 19 →
1
Ngalomihla bekungeko ukumkani kwa‐Sirayeli. Kekaloku ngalomihla isizwe sama‐Dane sazifunela ilifa lokuhlala; ngokuba kwada kwangumhla lowo belingawanga kuso pakati kwezizwe zo‐Sirayeli ilifa elisaneleyo.
2
Ngako usapo luka‐Dane lwasusa kwisizalwane salo amadoda amahlanu emideni yalo, amadoda angamaṙoti, e‐Tsoreha nase‐Shetawoli, ukuya kuhlola ilizwe, nokulipengulula, lwati kuwo: Hambani, nipengulule ilizwe. Ada afika entabeni yakwa‐Frayime, endlwini ka‐Mika, alalisa kona.
3
Ati akuba ngasendlwini ka‐Mika, alazi ilizwi lendodana engum‐Levi; asuka apambukela kona, ati kuyo: Ngubanina okuzisileyo apa? wenza nto nina kule ndawo? unanto nina apa?
4
Yayisiti kuwo: Ngokunje nangokunje wandenzela u‐Mika, wandiqasha, ndaza ndaba ngumperisite wake.
5
Andula ati kuyo: Kaubuze kutixo, ukuze sazi ukuba indlela yetu esihamba ngayo iya kutamsanqeleka na.
6
Wati kuwo umperisite lowo: Hambani ngoxolo; ipambi kwoyehova indlela yenu enihamba ngayo.
7
Andula ahamba lomadoda mahlanu, aza kufika e‐Layishe, abona abantu abapakati kwayo, ukuba bahlala ngokunqaba, njengesiko lama‐Tsidone, bonwabile, benqabile; kwaye kungeko umpati wamandla elizweni o ba danisayo nganto; babekude kuma‐Tsidone, bengenamsebenzi n abanye abantu.
8
Ada afika kubazalwana bawo e‐Tsoreha nase‐Shetawoli. Baza abazalwana bawo bati kuwo: Ni ti nina?
9
Ayesiti: Sukani, sinyukele ngakubo; ngokuba sibonile elozwe, kekaloku bona ke, lilungile kunene: nina kanti niti tu nje! ninganqeni ukuhamba, ningene, nibambe elozwe.
10
Nxa nihambayo, niya kuza ebantwini abasekunqabeni, naselizweni elibanzi kakulu: ngokuba utixo elinikele esandleni senu: indawo apo kungeko kona ukusweleka kwenye into esemhlabeni.
11
Andula anduluka kona kwisizalwane sama‐Dane, e‐Tsoreha nase‐Shetawoli, amadoda angamakulu matandatu abinqiweyo ngezixo̔bo zokulwa.
12
Enyuka ke, ati waca e‐Kiriyate‐yarime, kwa‐Juda: ngako oko kwabizwa londawo ngokuti yi‐Mahane‐dane kwada kwanamhla nje; bona ke, ingasemva kwe‐Kiriyate‐yarime.
13
Aza agqita kona aya entabeni yakwa‐Frayime, ada afika endlwini ka‐Mika.
14
Andula ateta lomadoda mahlanu abehambile ukuhlola ilizwe lase‐Layishe, ati kubo abazalwana bawo: Niyazi na ukuba kuko ezindlwini ezi iyefodi, neterafi, nomfanekiso oqingqiweyo, nomfanekiso otyityishiweyo; ngako yazini kaloku, niya kwenza nto nina?
15
Asuka apambukela kona, eza kuyo indlu yendodana engum‐Levi, indlu ka‐Mika, ayibuza ukupila kwayo.
16
Ati lomadoda angamakulu matandatu abinqiweyo ngezixo̔bo zokulwa, abengabosapo luka‐Dane, ema emnyango wesango.
17
Kodwa lomadoda mahlanu abehambile ukuhlola ilizwe enyuka, angena kona, atabata umfanekiso oqingqiweyo, neyefodi, neterafi, nomfanekiso otyityishiweyo: waye umperisite wema emnyango wesango kunye nalomadoda angamakulu matandatu abinqiweyo ngezixo̔bo zokulwa.
18
Kwa njalo la madoda angena endlwini ka‐Mika, atabata umfanekiso oqingqiweyo, neyefodi, neterafi, nomfanekiso otyityitshiweyo. Wandula umperisite wati kuwo: Nenza nto nina?
19
Aza ati kuye: Yiti tu, beka isandla sako pezu kwomlomo wako, uhambe nati, ube ngubawo nomperisite kuti: kulungile na ukuba ube ngumperisite kwindlu yendoda inye, umhlaumbi ukuba ube ngumperisite kwisizwe nakwisizalwane kwa‐Sirayeli kusinina?
20
Yaza yacwayita intliziyo yalomperisite; watabata iyefodi, neterafi, nomfanekiso oqingqiweyo, wangena pakati kwabantu.
21
Andula ajika emka, abeka intsapo, nenkomo, nendyebo, pambi kwawo.
22
Xeshekweni abekude wona kuyo indlu ka‐Mika, andula abizelwa ndawonye amadoda abesezindlwini ezibe zikufupi nendlu ka‐Mika, ati nama ukuputuma usapo luka‐Dane.
23
Aza amemeza kulo usapo luka‐Dane; olwajikisa ubuso balo, lwati ku‐Mika: Unanina, ukuba nibizelwe ndawonye?
24
Wayesiti: Nitabatile otixo bam endibenzileyo, nomperisite, nemka ke; yinto nina ke endisenayo? yinto nina nalento nitshoyo ukuti: Unanina?
25
Lwaza usapo luka‐Dane lwati kuye: Ilizwi lako malingaviwa pakati kwetu, hleze amadoda ampefumlo uṙaṙa aniwele, bususwe ubomi bako, nobomi babendlu yako.
26
Lwasuka lwahamba usapo luka‐Dane ngendlela yalo: wati u‐Mika, akubona ukuba lunamandla amakulu kwawake, wajika wabuyela endlwini yake.
27
Lwandula lwatabata oko abekwenzile u‐Mika, nomperisite abenaye, lweza e‐Layishe, kubo abantu abasekwonwabeni nasekunqabeni, lwababeta ngohlangoti lweṙele, lwatshisa isixeko ngomlilo.
28
Kwaye kungeko umsindisi, ngokuba besikude ne‐Tsidone, bebengenamsebenzi n abanye abantu kanjako; sasisemhlanjeni ongase‐Bete‐rehobi. Lwaza lwaka isixeko, lwahlala kuso.
29
Lwaye lubiza igama lesixeko ngokuti yi‐Dane, ngegama lika‐Dane uyise walo, obezelwe ku‐Sirayeli; kodwa beliyi‐Layishe igama lesixeko eso ngapambili.
30
Lwandula usapo luka‐Dane lwazipakamisela umfanekiso lowo oqingqiweyo; no‐Jonatane, unyana ka‐Gereshome, unyana ka‐Manase, yena nonyana bake baba ngabaperisite kwisizwe sama‐Dane kwada kwangumhla wokutinjwa kwelizwe.
31
Lwazimisela umfanekiso oqingqiweyo ka‐Mika, lowo abewenzile, yonke imihla yokubako kwendlu katixo e‐Shilo.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21