bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 3
Judges 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 4 →
1
Zizo ezi intlanga wabezisalisa uyehova, ukuba abalinge ngazo o‐Sirayeli: (kwa bonke ababengazanga zonke imfazwe zase‐Kanane;
2
kupela ukuze zizazi izizukulwana zosapo luka‐Sirayeli, lufundiswe imfazwe; ngokukodwa olo olube lungazazi ngapambili:)
3
inkosi ezintlanu zama‐Filistiya, nabo bonke aba‐Kanane, nama‐Tsidone, nama‐Hivi abehleli entabeni ye‐Lebanone, kutabata entabeni ye‐Bali‐heremone kude kwasekungenweni kwe‐Hamati.
4
Zaziko ukuba kulingwe ngazo o‐Sirayeli, ukuze kwaziwe ukuba baya kupulapula imiyalelo kayehova kusinina, leyo abebayalele oyise babo ngayo, ngesandla sika‐Mosesi.
5
LWAZA usapo luka‐Sirayeli lwahlala pakati kwabo aba‐Kanane, ama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi:
6
lwazizekela intombi zabo zibe ngabafazi, lwazendisa intombi zalo konyana babo, lwakonza otixo babo.
7
Lwaye usapo luka‐Sirayeli lwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, lwamlibala uyehova, utixo walo, lwabakonza o‐Bali no‐Ashera.
8
Yandula ingqumbo kayehova yavuta ngakubo o‐Sirayeli, wabatengisa esandleni sika‐Kushane‐rishatayime, ukumkani we‐Mesopotami; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwamkonza u‐Kushane‐rishatayime iminyaka yasibozo.
9
Lwati lwakukala usapo luka‐Sirayeli kuyehova, wandula uyehova wavusela usapo luka‐Sirayeli umsindisi, owalusindisayo, u‐Hotineli unyana ka‐Kenazi, umninawe ka‐Kalebi.
10
Waye umoya kayehova ebepezu kwake, waza wagweba o‐Sirayeli, wapuma ukuya kulwa: wati uyehova wamnikela esandleni sake u‐Kushane‐rishatayime, ukumkani we‐Mesopotami, ukuba isandla sake saba namandla pezu kwo‐Kushane‐rishatayime.
11
Landula ilizwe lapumla iminyaka yamashumi mane. Wada wafa u‐Hotineli, unyana ka‐Kenazi.
12
LWAZA usapo luka‐Sirayeli lwapinda ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; ngako uyehova wamomeleza u‐Heglone, ukumkani wama‐Mowabi, ngakubo o‐Sirayeli, ngenxa yokuba benzile okukohlakeleyo emehlweni kayehova.
13
Wasuka wabutela kuye usapo luka‐Hamoni nama‐Amaleki, waya wabeta o‐Sirayeli, basibamba isixeko semiti yepalime.
14
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwamkonza u‐Heglone, ukumkani wama‐Mowabi, iminyaka yalishumi linesibozo.
15
Lwati lwakukala usapo luka‐Sirayeli kuyehova, wandula uyehova waluvusela umsindisi, u‐Ehudi unyana ka‐Gera, um‐Benjamine, indoda elinxele: olwati usapo luka‐Sirayeli lwalituma ngesandla sake ibaso ku‐Heglone, ukumkani wama‐Mowabi.
16
Waye u‐Ehudi wazenzela iṙele elinentlangoti zimbini, eliyikubite inye ubude balo, walibinqa pantsi kwengubo yake esinqeni sake sokunene.
17
Waza walizisa ibaso elo ku‐Heglone, ukumkani wama‐Mowabi: kekaloku u‐Heglone ebengumntu otyebileyo kakulu.
18
Kwaye kute, xeshekweni abegqibile ukunikela ibaso, wapelekelela abantu abebelitwele ibaso.
19
Kodwa yena wabuya endaweni yemifanekiso eqingqiweyo ebingase‐Gilegale, wati: Ndinelizwi elifihlakeleyo ndilixele kuwe, kumkani! owati: Yiti tu! Bada bapuma kuye bonke ababemi ngakuye.
20
Waza u‐Ehudi wangena kuye; waye yena ehleli enkambilini yangapezulu yokupolisa, ebiyeyake yedwa. Wayesiti u‐Ehudi: Ndinelizwi likatixo kuwe! Wesuka ke esihlalweni.
21
Wandula u‐Ehudi wasolula isandla sake sokohlo, watabata iṙele esinqeni sake sokunene, wahlaba ngalo esiswini sake:
22
saza sangena nesipato emva kwentsimbi; kanjalo inqata lavingcela intsimbi, (ngokuba ebengar̔olanga iṙele esiswini sake,) eyapuma pakati kwemilenze.
23
Wapuma ke u‐Ehudi waya entendelezweni, wavala ingcango zenkambili yangapezulu emva kwake, wazitshixa.
24
Nxa abepumile yena, zeza izicaka zake, zabona ukuba nanzi ingcango zenkambili yangapezulu zitshixiwe; zaye zisiti: Okunene uyagubungela inyawo zake enkambilini yokupolisa.
25
Zaza zalinda zada zadana; kekaloku bona ke, akavula ingcango zenkambili yangapezulu; ngako zatabata isitshixo, zavula ke: kekaloku nantsi inkosi yazo ilele emhlabeni ifile.
26
Waye u‐Ehudi wasinda, nxa zisazilazila; wayedlula endaweni yemifanekiso eqingqiweyo, wasindela e‐Sehira.
27
Kwaye kute, akufika, wavutela ngexilongo entabeni yakwa‐Frayime; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwehla naye entabeni, esiya yena pambi kwalo.
28
Wayesiti kulo: Landelani emva kwam; ngokuba uyehova enikele intshaba zenu, ama‐Mowabi, esandleni senu. Lwasuka lwehla emva kwake, lwabamba amazibuko ase‐Yoredane ngase‐Mowabi, lungavumeli mntu awele.
29
Lwaye lubulala ama‐Mowabi ngeloxesha ngati angamawaka alishumi amadoda, onke omelele, onke engamaṙoti kanjalo; akasinda ke namnye umntu.
30
Kwa njalo ama‐Mowabi atotyiswa ngalomini pantsi kwesandla so‐Sirayeli. Laza ilizwe lapumla iminyaka yamashumi asibozo.
31
Nasemva kwake wabeko u‐Shamgare, unyana ka‐Hanate, owabulala ama‐Filistiya, amakulu matandatu amadoda, ngentonga yenkabi: kwa njalo naye wasindisa o‐Sirayeli.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21