bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 13
Judges 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 14 →
1
LWAPINDA kanjalo usapo luka‐Sirayeli ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; waza uyehova walunikela esandleni sama‐Filistiya iminyaka imashumi mane.
2
Kwabekuko indoda etile yase‐Tsoreha, eyesizalwane sama‐Dane, egama belingu‐Manoha; waye umfazi wayo eludlolo, ebengazali.
3
Yaza ingelosi kayehova yabonakala kuye umfazi lowo, yati kuye: Bona ke, wena uludlolo, akuzali nokuzala; kodwa uya kumita, uzale unyana.
4
Ngako kaloku zigcine ke, ungaseli neveyine notywala, ungadli nanye into enco̔lileyo:
5
ngokuba, bona ke, uya kumita, uzale unyana; kanjalo isitshetshe sokugugula asiyi kunyuka pezu kwentloko yake: ngokuba umntwana lowo eya kuba ngumnaziri katixo kwa sesizalweni; waye yena eya kuqala ukusindisa o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya.
6
Waza wangena umfazi lowo, watsho kuyo indoda yake ukuti: Kweza indoda katixo kum, ekubonakala bekunjengokubonakala kwengelosi katixo, okwoyikekayo kunene; kodwa andiyibuzanga ibivela pina, negama layo ayilixelanga kum.
7
Kodwa yati kum: Bona ke, uya kumita, uzale unyana; ngako kaloku ungaseli iveyine notywala, ungadli nanye into enco̔lileyo: ngokuba umntwana lowo eya kuba ngumnaziri katixo kwa sesizalweni kude kube ngumhla wokufa kwake.
8
Wandula u‐Manoha watandaza kuyehova, wati: Ke, Nkosi! indoda katixo owabuyituma makeize kanjako kuti, isifundise ukuba siya kwenza nto nina kulomntwana oya kuzalwa.
9
Waza utixo wapulapula ilizwi lika‐Manoha; yati ingelosi kayehova yeza kanjako kumfazi, akuhlala entsimini; kodwa u‐Manoha, indoda yake, ebengenaye.
10
Wandula umfazi lowo wanxama, wagidima, wayixelela indoda yake, wati kuyo: Bona ke, indoda ibonakele kum, eyezayo ngomhla lowa kum.
11
Waselesuka u‐Manoha, wahamba emva kwomfazi wake, weza kulondoda, wati kuyo: Wena uyindoda leyo na ebiteta nomfazi? Yaza yati: Ndiyiyo.
12
Waza u‐Manoha wati: Kaloku makuze kubako amazwi ako. Loba linina isiko lalomntwana nomsebenzi wake?
13
Yayisiti ingelosi kayehova ku‐Manoha: Konke endibe nditeta ngako kuye umfazi makazibambe kuko.
14
Akayi kutya kuyo nanye into evela emtini weveyine; makangaseli iveyine notywala; makangadli nanye into enco̔lileyo: konke endibe ndimyalela ngako makakugcine.
15
Wandula u‐Manoha wati kuyo ingelosi kayehova: Makesikubambezele ke, side sikulungisele itakane lebokwe.
16
Kodwa ingelosi kayehova yati ku‐Manoha: Ukuba uyandibambezela, andiyi kutya kukudla kwako; nokuba uya kwenza idini lokutshiswa, wolinikela kuyehova. Ngokuba u‐Manoha ebengazi ukuba iyiyo ingelosi kayehova.
17
Waza u‐Manoha wati kuyo ingelosi kayehova: Ngubanina igama lako, ukuze sikubeke, lakuza kubako ilizwi lako.
18
Yati ingelosi kayehova kuye: Ubuzela nina igama lam, lingummangaliso nje?
19
Wandula u‐Manoha watabata itakane lebokwe nomnikelo wokudla, wanikela kuyehova pezu kwolwalwa. Yaza yenza ngokuti nqa, nxa u‐Manoha nomfazi wake babebonela:
20
ngokuba bekute, xeshekweni ilangatye lenyuka kuso isibingelo ngasezulwini, yandula ingelosi kayehova yenyuka elangatyeni lesibingelo. Bati u‐Manoha nomfazi wake, bakubona oko, bawa ngobuso babo ngasemhlabeni.
21
Kodwa ingelosi kayehova ayapinda, kanjako ukubonakala ku‐Manoha nomfazi wake. Wandula wazi u‐Manoha ukuba ibiyiyo ingelosi kayehova.
22
Wayesiti u‐Manoha kumfazi wake: Siya kufa ngenyaniso, ngokuba simbonile utixo.
23
Kodwa umfazi wake wati kuye: Ukuba uyehova ebetanda ukusifisa, ngaengalamkelanga ezandleni zetu idini lokutshiswa nomnikelo wokudla; kanjalo ngaengasibonisanga zonke ezizinto, nangelixesha ngaengasivisanga izinto ezinjengezi.
24
Wada umfazi lowo wazala unyana, wabiza igama lake ngo‐Samsone: wakula ke umntwana, wati uyehova wamtamsanqela.
25
Waza umoya kayehova waqala ukumzamazamisa e‐Mahane‐dane, pakati kwe‐Tsoreha ne‐Shetawoli.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21