bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 20
Judges 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 21 →
1
Lwandula lwapuma lwonke usapo luka‐Sirayeli, yati intlanganiso yahlanganiswa njengomntu mnye, ivela e‐Dane nakude kwase‐Beresheba, na kulo ilizwe le‐Gileyadi, pambi kwoyehova e‐Mitsipa.
2
Kanjalo inkosi zabantu bonke, e zezizwe zonke zo‐Sirayeli, zazimisa emhlambini wabantu bakatixo; amadoda ahamba ngenyawo engamawaka amakulu mane ar̔ola iṙele.
3
(Kekaloku usapo luka‐Benjamine lweva ukuba usapo luka‐Sirayeli lunyukele e‐Mitsipa.) Lwaza lwati usapo luka‐Sirayeli: Sixeleleni, yati nina ukubako lento ekohlakeleyo?
4
Yapendula indoda engum‐Levi, indoda yomfazi obebulewe, yati: Ndafika e‐Gibeha, eyakwa‐Benjamine, mna neshweshwe lam, kuze kulaliswe.
5
Bandula abemi base‐Gibeha basukela ngakum, bandiṙaula endlwini ebusuku; mna bacinga ukundibulala, neshweshwe lam balitoba, lada lafa.
6
Ndaza ndabamba ishweshwe lam, ndalihlahla, ndalituma kulo lonke ilizwe lelifa lakwa‐Sirayeli; ngokuba benzile ubutshinitshini nokuhlazekileyo kwa‐Sirayeli.
7
Nanku nina nonke nilusapo luka‐Sirayeli; nikani apa ilizwi necebo!
8
Baza bonke abantu besuka njengomntu mnye, besiti: Asiyi kuya noko amnye ententeni yake, asiyi kupambuka noko amnye ukuya endlwini yake kanjako:
9
kodwa kaloku yiyo le into esiya kuyenza ngakuyo i‐Gibeha; sonyuka ngakuyo ngeqashiso:
10
kanjalo socapula ishumi lamadoda ekulwini, kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, nekulu ewakeni, newaka emawakeni alishumi, ukuya kutabatela abantu ukutya, ukuba bati, bakufika e‐Gibeha yakwa‐Benjamine, benze ngako konke okuhlazekileyo ababekwenzile kwa‐Sirayeli.
11
Kwa njalo onke amadoda akwa‐Sirayeli abutelwa ngakwesosixeko, ebandakanyiwe njengomntu mnye.
12
Zaza izizwe zo‐Sirayeli zatuma amadoda kuso sonke isizwe sika‐Benjamine, ukuti: Yinkohlakalo enina le eyenziweyo pakati kwenu?
13
Ngako kaloku kupani lomadoda, usapo lwobunginingini, ase‐Gibeha, ukuze siwafise, sikwelelise inkohlakalo kwa‐Sirayeli. Koko usapo luka‐Benjamine belungavumi ukupulapula ilizwi labazalwana balo usapo luka‐Sirayeli:
14
kodwa usapo luka‐Benjamine lwabutwa ezixekweni zonke lwaya e‐Gibeha, ukuze lupumele ukulwa nosapo luka‐Sirayeli.
15
Lwaza lwabalwa usapo luka‐Benjamine ngomhla lowo luvela ezixekweni, lungamadoda angamawaka amashumi mabini anamatandatu ar̔ola iṙele, ngapandle kwabemi base‐Gibeha, ababebalwa bengamadoda anyuliweyo angamakulu asixe̔nxe.
16
Pakati kwababantu bonke bekuko amadoda anyuliweyo angamakulu asixe̔nxe engamanxele; onke la madoda ebenokusaula ngamatye kude kwakulo unwele, engaposi ke.
17
Kanjalo amadoda akwa‐Sirayeli, ngapandle kwama‐Benjamine, abalwa engamadoda angamawaka amakulu mane ar̔ola iṙele; onke la ebengamadoda emfazwe.
18
Lwaza lwesuka usapo luka‐Sirayeli lwenyuka lwaya endlwini katixo, lwabuza kutixo, lwati: Ngubanina oya kusinyukela ngokuqala, ukuya kulwa nosapo luka‐Benjamine. Wayesiti uyehova: u‐Juda wonyuka ngokuqala.
19
Lwaselusuka usapo luka‐Sirayeli kusasa, lwayiṙaula i‐Gibeha.
20
Aza amadoda akwa‐Sirayeli apumela ukulwa nama‐Benjamine; ati kanjalo amadoda akwa‐Sirayeli azicwangcisa ukulwa nawo ngase‐Gibeha.
21
Lwandula usapo luka‐Benjamine lwapuma e‐Gibeha, lwatshabalalisa ngasemhlabeni kuwo ama‐Sirayeli ngalomini, amadoda angamawaka amashumi mabini anamabini.
22
Kodwa abantu, amadoda akwa‐Sirayeli, bazomeleza, babuya bazicwangcisa ukulwa endaweni apo babezicwangcisile kona ngemini yokuqala.
23
(Lwaye lunyuka usapo luka‐Sirayeli, lwalila pambi kwoyehova kwada kwahlwa, lwabuza kuyehova, lusiti: Ndiya kupinda na ukusondela ukulwa nosapo luka‐Benjamine umzalwana wam? Wati uyehova: Nyukani ngakuye.)
24
Lwasuka usapo luka‐Sirayeli lwasondela kulo usapo luka‐Benjamine ngemini yesibini.
25
Aza ama‐Benjamine apuma e‐Gibeha ngakulo ngemini yesibini, atshabalalisa kanjako ngasemhlabeni kulo usapo luka‐Sirayeli, amadoda angamawaka alishumi linesibozo; onke la madoda ar̔ola iṙele.
26
Lwandula lwenyuka lwonke usapo luka‐Sirayeli, nabo bonke abantu, lwaya endlwini katixo, lwalila, lwahlala kona pambi kwoyehova, lwazila ukutya ngalomini kwada kwahlwa, lwanikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo pambi kwoyehova.
27
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwabuza kuyehova, (ngokuba ibilapo ityeya yocebano lukatixo ngalomihla,
28
no‐Finehasi, unyana ka‐Elezari, unyana ka‐Arone, wema pambi kwayo ngalomihla,) lusiti: Ndiya kupinda kanjako ukupuma ukuya kulwa nosapo luka‐Benjamine umzalwana wam, ndiyeke kusinina? Wayesiti uyehova: Nyukani; ngokuba ngomso ndiya kumnikela esandleni sako.
29
Aza ama‐Sirayeli abeka abalaleli ngento engqongayo i‐Gibeha.
30
Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwenyuka ngemini yesitatu ngakulo usapo luka‐Benjamine, lwazicwangcisa ngakuyo i‐Gibeha, njengakuwo amanye amaxesha.
31
Lwaza usapo luka‐Benjamine lwapumela ngakubo abantu, lwar̔olwa esixekweni; lwasuka lwaqala ukubeta nokubulala ebantwini, njengakuwo amanye amaxesha, emendweni, owati omnye wenyuka waya endlwini katixo, wati omnye waya e‐Gibeha ezindle, anga angamashumi matatu amadoda akwa‐Sirayeli.
32
Lwaye lusiti usapo luka‐Benjamine: Boyisiwe ebusweni betu njengapambili. Kodwa usapo luka‐Sirayeli lwati: Masibaleke silur̔ole esixekweni luye emendweni.
33
Andula onke amadoda akwa‐Sirayeli esuka endaweni yawo, azicwangcisa e‐Bali‐tamare: kanjalo abalaleli bama‐Sirayeli batyoboza endaweni yabo, etafeni lase‐Gibeha.
34
Kwaye kusiza ngakuyo i‐Gibeha amawaka alishumi amadoda anyuliweyo kuwo onke ama‐Sirayeli; kwaza ukulwa kwaba nzima: kodwa ama‐Benjamine ebengazi ukuba ububi buwafikele.
35
Wandula uyehova woyisa ama‐Benjamine pambi kwama‐Sirayeli; lwaye usapo luka‐Sirayeli lwatshabalalisa pakati kwama‐Benjamine ngalomini amadoda angamawaka amashumi mabini anamahlanu, anekulu ngapandle: lawo onke ar̔ola iṙele.
36
Kwa njalo usapo luka‐Benjamine lwabona ukuba lwoyisiwe: ngokuba amadoda akwa‐Sirayeli ebenike indawo kuma‐Benjamine, ngokokuba ebetembela kubalaleli abebabekile ngakuyo i‐Gibeha.
37
Baza banxama abalaleli, bagaleleka pezu kwe‐Gibeha; bati abalaleli kanjalo bazitwabulula, babeta sonke isixeko ngohlangoti lweṙele.
38
Kekaloku bekuko ixesha elimisiweyo pakati kwamadoda akwa‐Sirayeli nabalaleli, lokuba bakwenze isiqumo esikulu somsi sinyuke esixekweni.
39
Ati akujika amadoda akwa‐Sirayeli ekulweni, aqala ama‐Benjamine ukubeta nokubulala pakati kwamadoda akwa‐Sirayeli anga angamadoda amashumi matatu; ngokuba ebesiti: Ngenyaniso oyisiwe ebusweni betu njengasekulweni kwapambili.
40
Saza isiqumo saqala ukunyuka esixekweni ngentsika yomsi; ati ama‐Benjamine abeka ngasemva kwawo, kekaloku bona ke, isixeko sipela senyuka ngomsi ngasezulwini.
41
Ati akujika amadoda akwa‐Sirayeli, andula etuswa amadoda akwa‐Benjamine; ngokuba ebebona ukuba ububi buwafikele.
42
Ngako ajika pambi kwamadoda akwa‐Sirayeli ngasendleleni yentlango; kodwa ukulwa kwawafumana; kanjalo lawo a wapumayo ezixekweni awatshabalalisa pakati kwawo.
43
Awaṙaula ama‐Benjamine, awasukela, awanyatela kamsinyane kwada kwamalungana ne‐Gibeha ngasekupumeni kwelanga.
44
Kwaza kwawa kuwo ama‐Benjamine amadoda angamawaka alishumi linesibozo; lawo onke ebengamadoda obuṙoti.
45
Ajika ke, abalekela entlango, eweni le‐Rimone: kodwa abikica kuwo emendweni amadoda angamawaka mahlanu; aza ati nama ukuwaputuma kude kwase‐Gidome, awabulala kuwo amadoda angamawaka mabini.
46
Kwa njalo onke abewile ngalomini kuwo ama‐Benjamine ebengamadoda angamawaka amashumi mabini anamahlanu ar̔ola iṙele; lawo onke ebengamadoda obuṙoti.
47
Kodwa ajika amadoda angamakulu matandatu, abalekela entlango, eweni le‐Rimone, ahlala eweni le‐Rimone inyanga zane.
48
Aza amadoda akwa‐Sirayeli abuyela pezu kwosapo luka‐Benjamine, alubeta ngohlangoti lweṙele, kwa namadoda asesixekweni, nenkomo, nako konke obekufunyanwa kona: kanjako zonke izixeko ezibe zifunyanwa azilahlela emlilweni.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21